






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezothutho > Iziqinisekiso, Amaphepha-mvume & Neziqinisekiso Zoqeqesho > IZicelo Zokuvula Amashishini Okufundisa Ukuqhuba Izithuthi

IZicelo Zokuvula Amashishini Okufundisa Ukuqhuba Izithuthi




INKCAZELO:

Bonke abantu abafundisa ukuqhuba kufuneka babhalise. Ukufumana iphepha-mvume lokufundisa ukuqhuba, kufuneka kuthi kwakuphandwa kufunyaniswe ukuba awuzange wabandakanyeka kulwaphulo-mthetho, ufumane nencwadi kagqirha ngobume bempilo yakho, ze uluphumelele novavanyo lomntu ofundisa ukuqhuba.


IMIYALELO:

Ukufaka isicelo sesiqinisekiso sokuba ngumntu ofunfisa ukuqhuba, kufuneka uzalise iphetshana lesicelo u-R1 kwiziko elivavanyela ukuqhuba nelikhupha amaphepha-mvume okuqhuba.

Isicelo eso kufuneka sichaze ukuba luluphi udidi/ ziziphi iindidi zezithuthi ofuna ukuzibhalisa oza kufundisa ngazo ukuqhuba kwaye kufuneka eso sicelo sihambe nemali engummiselo ekhutshwayo.

Ukuba isicelo sithe samkelwa, kufuneka uhlolwe kwiziko elivavanya likhuphe amaphepha-mvume okuqhuba ukuze ufumane ingxelo malunga nobuchule nolwazi onalo ukuze ube unganguye umntu ofundisa ukuqhuba.
Ukuba uye waphumelela, uya kunikwa into egunyazisa oko, apho uya kuthi ufake iifoto ezimbini kunye nemali engummiselo ehlawulwayo. Uya kuthi emva koko unikwe isiqinisekiso sokuba ubhalisile.


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Amaziko Okuvavanyela Amaphepha-mvume Okuqhuba Iinqwelo-mafutha


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 1 uMatshi 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





