






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ushishino & Noqoqosho > Amacandelo Oshishino > Inkxaso Karhulumente Kumanina Akwicandelo Lokwakha

Inkxaso Karhulumente Kumanina Akwicandelo Lokwakha




INKCAZELO:





 




ICANDELO LONCEDO





 
 







 
 
 
 





 

 
 
 
 

 




IINDABA





 
 



21 - 22 kweyeThupha ka-2006




 
 
 
 





 

 
 
 
 

 




IINCWADI





 
 


Amaphepha Okungenela Ukhuphiswano Lwamanina Agqwesileyo kulo Nyaka Kwicandelo Lokwakha





 
 
 
 

Eli Nyathelo Lamanina Akwicandelo Lokwakha lijolise ekuxhobiseni ngezakhono ezizizo amanina anomdla wokungena kwicandelo loshishino lokwakha. Eli nyathelo lijolise ikakhulu kumanina aqhuba amaphulo athile kwicandelo lokwakhiwa nokulungiswa kwemigaqo kwanemisebenzi nje yoluntu kwiNtshona Kapa. Likwanikezela nangeenkxaso-mali zokufunda kwanamthuba okuxhotyiswa ngezakhono kwabakhi abangekabi namava.

Amaphulo Emigaqo Nmeisebenzi Yoluntu
Njengengxenye yeli nyathelo iSebe Lezothutho Nemisebenzi Yoluntu liyakunikezela amashumi amabini anesihlanu ekhulwini azo zonke izibhambathiso zokulungiswa kwemigaqo kwaneshumi ekhulwini lazo zonke izibhambathiso zokwakhiwa kwemigaqo kubakhi abangamanina.

Ngaphezu koko, amashumi amathandathu ekhulwini ayo yonke imisebenzi Yenkqubo Enatyisiweyo Yemisebenzi Yoluntu yasekuhlaleni yokulungiswa kwemigaqo iyakunikezelwa kumanina. iSebe Lemisebenzi Yoluntu liyakunikezela amashumi amathathu emisebenzi eMama Specials Projects (angamaphulo ke lawo awodwa ajoliswe kwiinkampani eziphantsi kolawulo lwamanina.

Ukufaka izicelo zeethenda zokwakha
Onke amanina akwiNtshona Kapa ayamenywa ukuba afake izicelo zeethenda zokwakha. Ukuze ube nokufaka isicelo ke:

* Kufuneka ube nenkampani ebhalisiweyo
* Ishishini lakho kufuneka libe kanti libhaliswe kwiConstruction Industry Development Board (iCIDB)
* Kufuneka ube kanti ubhalisile kwiTradeworld (ukuze ube nokubonakala kwisikhundla esinoluhlu lweenkampani)
* Kufuneka ube kanti unephetshana elikuhlambayo kumba wokuhlawulwa kwerhafu

Iinkxaso-mali Kwanamathuba Okunikezela Ngamava KwicandELO Lokwakha
iCandelo Lezibonelelo Zemigaqo leSebe Lezothutho Nemisebenzi Yoluntuliyakunikezela ngamathuba okunikezela ngamava kubafundi abahlanu basetyhini. Kuyakunikezelwa kwanamanye amathuba angama-250 eennkxaso-mali zokufunda kubafundi abakumaziko emfundo ephakamileyo kumacandelo obunjineli, elezicwqangciso zokwakha kwakunye nezinuye izifundo ezinento yokwenza necandelo lokwakha.

Imbasa Yomntu Wasetyhini Ogqwesileyo kulo Nyaka Kwicandelo Lokwakha
Le mbasa inikezelwa minyaka ijonga imisebenzi yempumelelo eyodwa ethe yenziwa ngamanina akwicandelo lokwakha. Mahathu ke amabakala okukhuphisana: inqanaba lokuqala, eliphakathi kwanelo labanamava. Oomaspala , amasebe karhulumente kwakunye nemibutho engekho phantsi kolawulo lukarhulumente iyamenywa ukuba ifake amagama amanina ewachongela olu khuphiswano de kube sekupheleni kwenyanga yeKhala minyaka le.




IMIYALELO:

Ukuze ufumane olunye ulwazi nceda uqhagamshelane:
neCandelo Loncedo Lamanina Akwicandelo Lokwakha
Inombolo Yomnxeba: 0800 778 226

iSouth African Women in Construction (SAWIC)
uNomsa Skweyiya (onguSihlalo)
kwiSebe leNtshona Kapa
Inombolo Yomnxeba: 021 387 4878

Ukuze ufumane olunye ulwazi ngamathuba okunikezelwa kwezakhono namava qhagamshelana:
noReagon Melody
Inombolo Yomnxeba: 021 483 8301
Email: rmelody@pgwc.gov.za

Ngolwazi ngeenkxaso-mali zokufunda nceda utsalele kule:
Nombolo Yomnxeba: 021 483 5851
I-email: masakhisizwe@pgwc.gov.za

 

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 14 uAgasti 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





