






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > K > Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu &gt Kutheni Kufuneka Ndisoloko Ndisebenzisa Iintsilathi nje Naxa sebenzisa Amachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo?

Kutheni Kufuneka Ndisoloko Ndisebenzisa Iintsilathi nje Naxa sebenzisa Amachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo?



Umbuzo: Udad' wethu sele eqalise ukusebenzisa ukusebenzisa amachiza adodobalisa ulwamvila lwentsholongwane kaGawulayo futhi ndixhalabile kuba ndicinga ukuba kuya kufuneka ndiqalise kuwo mnan kungekudala. Undixelele ukuba umcebisi wakhe uthe wonke umntu osebenzisa la machiza kufuneka aqhubekeke asebenzise iintsilathi. Kutheni kunjalo nje?

Impendulo: Yinyaniso emsulwa le uyixelelwa ngudad' wenu. Ukuba akusoloko uyisebenzisa ngendlela efanelekileyo intsilathi, usesichengeni sokukhula amanye amajoni alwa nala machiza. Loo nto ke ithetha ukuba la machiza awayi kuphinda abe nakho ukuyilwa le ntsholongwane.

Izinga lale ntsholongwane liya kwanda ze isibalo seeseli zeCD4 sona (iiseli ezimhlophe) esingamajoni ethu omzimba, siqalise ukwehla. Le meko ke iya kukhokelela ekuveleni kwezinto eziza kulwa nala machiza emzimbeni ze le ntsholongwane iphumelele ekuziphinda-phindeni. Ukuba oku kuthi kwenzeke, la machiza wayi kuba namandla akuyilwa intsholongwane kaGawulayo.

Le nto ilwa nala machiza iya kuthi ibe namandla kakhulu ze yande nalapha emzimbeni. Ukulwa nechiza elinye (ngenxa yokungasebenzisi zintsilathi) kunokuthintela ezinye iintlobo zamachiza ukuba asebenze kakuhle emzimbeni.

Ukuba akuzinikeli ekusebenziseni iintsilathi rhoqo nangendlela eyiyo, ungosulela abantu olala nabo ngaphandle kwentsilathi, ngale nto ithintela amachiza ukuba asebenze ngendlela eyiyo. Oko kuthethe nokuba abantu onokuba ubosulelele, abayi kuba nakho ukusebenzisa la machiza adodobalisa ulwamvila lwentsholongwne kaGawulayo ngexesha abakulungele ngayo ukuwasebenzisa, noxa ke bengazange bawasebenzisa nje ngaphambili, kuha kaloku baqale ngale nto ilwa nala machiza, abayifumene kuwe.

Xa umntu sele ekulungele ukuzinyanga ngamachiza adodobalisa ulwamvila lwentsholongwane kaGawulayo, kunyanzelekile ke ukuba loo mntu aye kubonana nogqirha kwiklinikhi yala machiza, gqirha lowo uya kuthi emva kovavanyo afikelele kwisigqibo ekubeni izinga lempilo yaloo mntu liyanyanzelisa na ukuba asebenzise unyango lwala machiza.

Umcebisi othuthuzelayo lo uya kuchitha ixesha naloo mntu ekhusini ze achaze konke malunga nala machiza adodobalisa ulwamvila lwentsholongwane kaGawulayo afana, nokuthobela imithetho yokusetyenziswa kwayo, ukutya okusempilweni, ukuphila ngendlela efanelekileyo, njalo-njalo. Umcebisi lo uya kuyiphendula yonke imibuzo isigulana eso esinokuyibuza ngonyango ngala machiza.

Kuya kuba yimfuneko futhi, emva koko, ukuba umntu lowo azimase iimbutho zamaqela enkxaso njengoko umthuthuzeli lowo ecebisile. Oku ke akuthethi ukuba kuya kufuneka uncokole ngemiba yakho eyimfihlelo kubanye abantu, kodwa kukwenza ukuba wazi ngemiba emininzi malunga nonyango ngamachiza adodobalisa ulwamvila lwentsholongwane kaGawulayo kwimbutho ekhuselekileyo.

Emva kwezimbutho zenkxaso, kuya kubakho amanye amathuba okuthuthuzela nokunikezela iingcebiso kwisigulana esi nomcebisi (ubuso ngobuso), apho imiba yakho eyimfihlelo njengesigulana kwakunye neminye imibaenobuzaza echaphazela la machiza ingashukuxwa ekhusini.

Phakathi kwezi ndibano zahlukeneyo, isigulana esi singaya kumbona umcebisi waso xa kuthi kuvele nayiphi na ingxeki, nokuba loo ngxaki inento yokwenza nokusetyenziswa kweentsilathi okanye nantoni na enye enento yokwenza nonyango ngamachiza adodobalisa ulwamvila lwentsholongwane kaGawulayo.

Nokuba ukulungele na ukuqaliswa kula machiza okanye akukulungelanga, kubalulekile ukuba uzinikele ekusebenziseni iintsilathi. Isigqibo sakho sokuzinikela ekusebenziseni iintsilathi asiyi kukhusela uluntu nje kuphela, kok siya kukhusela nawe ekubeni uhlaselwe zezi zinto zilwa nokusebenza kwamachiza alwa nale ntsholongwane ngoku nakwixesha elizayo.


UMTHAMO | < Icandelo Elingaphambili | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu

* Ndingaqala Njani Ukuxelela Intwazana Yam Ngesimo Sam kwiNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kubalulekile Ukuba Ufumane Iingcebiso Ngaphambi Kokuvavanyelwa Iintshongwane kaGawulayo?
* Ndingakwazi Ukondla Usana Lwam Ngobisi Lwebele Xa Ndiphila neNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kuyenzeka Ukuba Wosuleleke yiNtsholongwane kaGawulayo Xa Usabelana Ngesondo Usebenzisa Nomlomo?
* Ingaba Umntu Angakwazi Ukuthintela Ukosulelwa Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuthi Abelane Ngesondo Esebenzisa Umlomo?
* Yintoni Unyango Ngamachiza Alwa nentsholongwane kaGawulayo: Lusebenza Njani?
* Kutheni Nje Amanina Amnyama aseMzantsi Afrika Kukhangeleka Ngathi Akowona Mngcipheko Wokuhlaselwa Yintsholongwane kaGawulayo Kunaye Wonke Omnye Umntu?
* Ingaba Angosuleleka na Umntu Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuhlangana nje Noluntu?
* Bobuphi Ubungqina Obukhoyo bokuba Ukutya Okusempilweni Buhlala Buyiphucula Indlela Amajoni Omzimba Asebenza Ngayo?
* Ndingakwazi Ukunyanzelisa Ukuba Umntu Othile Aye Kuvavanyelwa Intsholongwane kaGawulayo phambi kokuba Ndimnike Isithuba Somsebenzi?
* Ndingamnceda Njani Ngeyona Ndlela Umhlobo Wam Ophila Nentsholongwane kaGawulayo okanye uGawulayo buqu?
* Ndingamelana Nokulahlekelwa Sisihlobo Esisenyongweni Ngokuthi Sibulawe nguGawulayo?
* Yintoni Ekufuneka Ndiyiqwalasele Phambi Kokuba Ndiveze Ukosuleleka kwam Yintsholongwane kaGawulayo Kwizihlobo Nezalamane Ezisenyongweni
* Kutheni Kufuneka Ndisoloko Ndisebenzisa Iintsilathi nje Naxa sebenzisa Amachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Zeziphi Iingcebiso Noncedo Ezinokunikezelwa Kumashishini Asakhasayo Nakhulayo Ngomba Wentsholongwane kaGawulayo noGawulayo Buqu?
* Ingaba Kufuneka Ndiye Ndodwa Na okanye Neqabane Lam Xa Ndisiya Kuvavanyo Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Iya Kusebenza Njani iNkqubo kaRhulumente Yokunikezela Ngamachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo yaye Ndingawafumana Phi La Machiza?
* Ndafunyaniswa Ndiphila Nentsholongwane kaGawulayo ngo-1998 Xa Ndandiphila Nesifo Sephepha, Ingaba Kufuneka Ndiqalise Ukusebenzisa La Machiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo Ngoku?
* Ndiqala Phi, Njani Ukuncokola Nabantwana Bam Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo?
* Ingaba Abantwana Bam Bangayifumana Intsholongwane kaGawulayo Ngeendlela Nje Ezilula?
* Athini Amathuba Okosuleleka Komntwana Wam Yintsholongwane kaGawulayo/nguGawulayo Xa Adlalayo Esikolweni?





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 2 uJuni 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





