






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ubugcisa Nenkcubeko > Uncedo-mali & Nenkxaso > Inkxaso Kwiimvumi ezikwiNtshona Kapa

Inkxaso Kwiimvumi ezikwiNtshona Kapa




INKCAZELO:





 


 




EZIPHAMBILI





 
 

* Indibano Yolwazi
  (ngomhla wama-25 kuCanzibe ka-2006)
* Iqela Eliza Kusebenza Okwexeshana
* 
  (7-8 kuKwindla ka-2006)





 
 
 
 

 




BHALISA KWESI SIKHUNDLA SOLWAZI





 
 



* Yintoni ebandakanyekayo?
* Iphetshana Lokufaka Isicelo





Isidingo sokuba kuhlenga-hlengiswe eli candelo lomculo sabonwa ziimvumi ezazikhathazwayo yile meko, kodwa ke zazingafumani nkxaso kurhulumente ngaphambili. Ukugula kukaMnumzana Robbie Jansen, sisthwalandwe somculo opholileyo saseKapa, wathi kwakhona waphakamisa izimvo zeemvumi. Ezi zikhalazo ke zaziquka:

* amalungelo eemvumi,
* ukusekwa kwengxowa-mali yenkxaso, kwakunye
* ukungafumani mhlala-phantsi neenzuzo zonyango kweemvumi.

IMVELAPHI

Owayesakuba yiNtloko yeli Sebe, uMnumzana Rod Solomons wathi wabiza umhlangano owawukhawulezile neemvumi eziphambili, abaphathi matheko kwakunye nabasasazi boonomathotholo ngenyanga kaTshazimpunzi ka-2005. Ezi ntlanganiso ke zaziququzelelwa nguKelvin Katz noRod Solomons. Abathabathi-nxaxheba ababezimase ezi ntlanganiso bathi baseka Iqela Lexeshana Elaliza Kumela Iimfuno Zeemvumi. Amalungu eli qela ke ayequka uDimitri Jegels, owehlayo ngenxa yeminye imicimbi eyayingamvumeli, uRashid Lombard (owalayo ukuzimasa iintlanganiso), uJai Reddy, uMohammed Fall, uJoe Mthimka, uKobus Kwezi, u-Andre Petersen noSpencer Mbadu.Kwingungqutghela yokuqala yeeMvumi zeNtshona Kapa eyayingomhla we-7 nowe-8 kwinyanga yuoKwindla ka-2006, kwiziko leengqungquthela laseBOE, eWaterfront - Iqela Lexeshana Elalimele Iimfuno Zeemvumi laphinda lonyulwa ngokutsha. Abathunywa abathi bazimasa apho, bathi banika eli Qela Leemvumi zeNtshona Kapa amandla okuphatha imicimbi echaphazela iimvumi.

IINJONGO ZALO MBUTHO WEEMVUMI ZASENTSHONA KAPA

1. Kukuseka iqela elibonakalayo kweli phondo ngokubanzi ze ngolo hlobo ube lo mbutho usondeza iimvumi eluntwini.
2. Kukuseka amaziko ezibonelelo zeemvumi kweli phondo ngokubanzi (kule mimandla mithandathu ifana neBoland, uNxweme oluseNtshona, i-Eden, uMbindi Karoo, i-Overberg neMetropole) inokusetyenziswa ziimvumi, amachule obugcisa, abaqashi kwicandelo lolwazi, ezemfundo, inkxaso- njalo-njalo.
3. Ukuseka isikhundla solwazi sabantu esinokubadinga kwicandelo lomculo apha kwiNtshona Kapa.
4. Ukudala nokulawula ingxowa-nmali yoncedo ngeenjongo zokunceda iimvumi nokunikezela inkxaso kwiimvumi ezithi zijamelane neenzima zemali
5. Ukudala izikhundla apho iimvumi kwanabanye abantu namaqela abandakanyeka emculweni banokuxhotyiswa ngokoqoqosho.
6. Ukuseka iindlela zokusebenza ezijonga imiba efana neentlawulo neengeniso; iindlela zokuziphatha nezokusebenza, njalo-njalo.
7. Ukuqeqesha kwanokuvelisa abantu abatsha abanetalente nethuba lokuba ziimvumi zangomso ezinesiphiwo?.iinkwenkwezi zoMzantsi Afrika.
AMAHLAKANI
* iSebe Lemicimbi Yenkcubeko Nemidlalo
* iSebe Lophuhliso Loqoqosho Nokhenketho
* uMbutho Wexeshana Weemvumi zaseNtshona Kapa




IMIYALELO:

Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, nceda uqhagamshelane:

noLindsay Jeptha
onguMphathi weli Phulo
kwiSebe Lemiicimbi Yenkcubeko Nemidlalo
Inombolo Yomnxeba: 021 483 9722
Inombolo Yefeksi: 021 483 9711
jeptha@pgwc.gov.za
uBradley Sirmongpong
onguMncedisi woMphathi weli Phulo
kwiSebe Lemicimbi Yenkcubeko Nemidlalo
Inombolo Yokmnxeba: 021483 9717
Inombolo Yefeksi: 021 483 9711
bsirmong@pgwc.gov.za

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:


* iSebe Lemicimbi Yenkcubeko Nemidlalo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
* Department of Economic Development and Tourism (Provincial Government of the Western Cape)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 19 uJuni 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





