






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezemfundo > Uncedo Ngemali Yokufunda > Iinkxaso-mali Zokufundela Ukuhlohla (Zinikezelwa Kubafundi)

Iinkxaso-mali Zokufundela Ukuhlohla (Zinikezelwa Kubafundi)




INKCAZELO:

Abafundi abaphumelela ibanga leshumi ze babe nomdla ekubeni ngabahlohli bezifundo Zezibalo Nenzululwazi bangafaka izicelo zokufunda isigxina kwiSebe Lemfundo leNtshona Kapa. Ezi nkxaso-mali ke zikwavulelekile nakubafundi abasele bekumaziko em fundo ephakamileyo abanomnqweno wokuba ngabahlohli kula macandelo.

Abafaki-zicelo kufuneka babe ngabantu abahlala isigxina kweli phondo leNtshona Kapa, babe nakho ukubonisa ukuba ngokwenene bayaludinga olu ncedo lwezimali ze bamkeleke kumaziko emfundo ephakamileyo abanqwenela ukufunda kuwo. Abantu abasuka kwiingingqi ebezisa kuhleleleka ngaphambili bayakhuthazwa ukuba bazifaka ezi zicelo.

Ezi njxaso-mali ke zihlawulela iincwadi kwakunye nezifundo kwisithuba seminyaka emine kwiDyunivesithi yaseKapa, iDyunivesithi yaseStellenbosch, iDyunivesithi yeNtshona Kapa okanye ke eCape Peninsula University of Technology. Apho umfundi abonisa ukuludinga kakhulu olu ncedo, le nkxaso-mali ingayihlawulela nendawo yokuhlala.
Iinkxaso-mali ezi zinikezelwa phantsi komqathango wokuyibuyisa ngokusebenza le mali, ngamanye amazwi ke, abafundi abaxhamlayo kule nkxaso-mali kuya kufuneka basebenze njengabahlohli apha kwiNtshona Kapa isithuba seminyaka efikelela kuleyo bayifumene ngaso le nkxaso. Kuluxanduva lomfundi ngamnye ke ukuzifumanela umsebenzi wokufundisa, nangona eli Sebe nalo ke liyakwenza konke okusemandleni nje ukusifumana esi sithuba.


IMIYALELO:

Ngokwesiqhelo ke amaphepha okufaka ezi zicelo afumaneka ukusukela kwinyanga yeSilimela kunyaka ophambi kwalowo uphambi kokuqaliswa kwezifundo. Khawucele elinye lala mapepha ke kwi-ofisi yeenkxaso-mali okanye yoncedo-mali ekwisikolo okanye idyunivesithi yakho.

Okanye ke uqhagamshelane noGranville Davids
Inombolo Yomnxeba: 021 467 2615
gddavids@pgwc.gov.za.
Izicelo ezi ke zidla ngokuvala ekupheleni kwenyanga yoMsintsi kunyaka ophambi kwalowo wokuliswa kwezifundo.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

iSebe Lemfundo leNtshona Kapa (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Iinkxaso-mali Kwezemfundo (Zezootitshala) (IiNkonzo)
* Uncedo Ngezimali: Izipho-mali neeMali-mboleko Zokufunda (IiNkonzo)
* Uqeqesho Olunikwa Abafundisi-ntsapho Phambi Kokuqalisa Ukufundisa (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 19 uMeyi 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





