﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > S &gt Izikhokelo Zokuvota Kulonyulo looRhulumente Bamakhaya luka-2006

Izikhokelo Zokuvota Kulonyulo looRhulumente Bamakhaya luka-2006



uFebruwari 2006


iKomishoni Ezimeleyo Yolonyulo




Ndivota Nini?

Ulonyulo Loomaspala luya kube lungomhla wokuqala kwinyanga yoKwindla apha ku-2006 ukusukela ngentsimbi yesixhenxe ekuseni ukuya ngeyesixhenxe ngokuhlwa.

Ngubani Onokuvota?

Wonke ummi woMzantsi Afrika obudala buyiminyaka eli-18 nangaphezulu nokubhaliseleyo ukuvota angavota ngomhla wokuqala kwinyanga yoKwindla ka-2006. Ukuba akubhalisanga, akuyi kuba nakho ukuvota kolu lonyulo.

Ndivota Phi?

Uya kuvota kweso sithili wabhalisela ukuvota kuso.

Ukuze ube nokufumanisa ukuba ubhalisile ngokwenene:
Tyelela eli phepha kwiwebsite yeKomishoni Ezimeleyo Yolonyulo.

Ukuze ube nokufumanisa ukuba ungavota phi na:
Tyelela eli phepha kwiwebsite yeKomishoni Ezimeleyo Yolonyulo.

Ndidinga ntoni ukuze ndibenokuvota?

Uya kudinga incwadana yakho yesazisi eluhlaza efakwe ikhowudi yokubhalisa.

Amabhunga Oorhulumente Bamakhaya Ezinezilithili

Oomaspala abakhulu bathi bahlulwe babe zizithili zooceba ezimbini. Abantu abakumabhunga oomaspala anezithili zooceba baya kuvota kathathu kolu lonyulo loomaspala luka-2006 ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba bamelwa kuwo onke amanqanaba karhulumente wommandla wabo:

* Ivoti enye kuMgqatshwa wesithili sikaCeba: Apha ke uvotela umntu, umgqatshwa kwisithili sakho, ongazigqatsa ezimele okannye abe phantsi kombutho othile.
* Uvotele iBhunga Likarhumente Wekhaya kube kanye: Le voti ke yeyombutho. Umbutho ufumana abameli kwiBhunga lalo Rhulumente.
* Ivoti enye enye kwiBhunga Lesithili: Le voti ke yona iya kumbutho oya kukumela kwiBhunga likaMaspala Wesithili. Amabhunga Ezithili ajongana nolawulo lwesithili eso sinamabhunga ekhaya amaninzi.

Amabhunga Eenqila

Zintandathu iingingqi zeenqila eMzantsi Afrika - iSixeko saseRhawutini, Ekurhuleni, iTshwane, Ethekwini, iNelson Mandela kunye neSixeko saseKapa. Ezi ngingqi ziphantsi kolawulo lwamabhunga Eenqila. Amabhunga Eenqila anooceba bezithili nabameli bamaqela.

Ukuba kwenye yezi ngingqi zenqila, uya kuba neevoti ezimbini kolu Lonyulo Loomaspala luka-2006, enye yeyomgqatswa ze eyesibini ibe yeyombutho:

* Ivoti enye yoMgqatswa Wesithili: Le voti ke yeyomntu, umgqatswa wesithili, onokuzigqatsa ezimele okanye phantsi kobutho wakhe.
* Ivoti enye yoMbutho: Le voti ke yeyombutho oza kukumela kwiBhunga Lenqila. Umbutho ngamnye ufumana inani lezihlalo kwiBhunga Lenqila ngokweevoti ezifumeneyo.

Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, qhagamshelana:

neKomishoni Ezimeleyo Yolonyulo
Inombolo Yomnxeba: 0800 11 8000
Iwebsite: www.elections.org.za





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 24 uFebruwari 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





