






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezemfundo > Imfundo Noqeqesho Olugqithelayo (Amabanga 10-12) > Ukuqinisekisa Ubume beSiqinisekiso seMatriki okanye iDiploma Yobufundisi-ntsapho

Ukuqinisekisa Ubume beSiqinisekiso seMatriki okanye iDiploma Yobufundisi-ntsapho




INKCAZELO:

Ingaba ufuna ukuqinisekisa isiqinisekiso sokuphumelela imatriki okanye idiploma yobufundisi-ntsapho? Ungasithumela ngefeksi ke isicelo eso sakho ke kwiSebe Lemfundo leNtshona Koloni okanye Kumalusi okanye ke uqhagamshelane nabo ukuze ufumane ezinye iinkcukacha.


IMIYALELO:

Xa ufuna ukuqinisekisa isiqinisekiso sokuphumelela imatriki okanye idiploma yobufundisi-ntsapho oyifumene phambi ko-1992 kufuneka uthumele ngefeksi isicelo sakho kwiSebe Lemfundo leNtshona Koloni kule nombolo 021 461 5637. Akukho mfuneko yantlawulo.

Xa ufuna ukuqinisekisa isiqinisekiso sokuphumelela imatriki okanye idiploma yobufundisi-ntsapho oyifumene emva ko-1992 kufuneka uthumele isicelo eso sakho ngefeksi Kumalusi, oliqumrhu eliqinisekisa umgangatho yemfundo noqeqesho oluphangaleleyo kwanolo lugqithelayo, kule nombolo 012 349 1511. Kuya kufuneka ke ukhuphe intlawulo yama-R30 (ngaphandle kwe-VAT) kumaqumrhu abucala ze ibe ngama-R20 kumaqumrhu lseburhulumenteni.

Isicelo eso kufuneka sibhalwe phantsi kwegama leziko elithile.

Nikezela iinkcukacha ezigcweleyo kangangoko unakho, eziquka:


* incwadana yakho yesazisi
* unyaka ebhalwe ngawo imatriki le
* iinkcukacha zakho zoqhagamshelwano


Ukuba unazo ezinye iikopi zesi siqinisekiso, suka uthumele zona kube kanye. Uya kuyifumana impendulo kwesi sicelo kwisithuba seeveki ezimbini ukuya kwezintathu.

Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, qhagamshelana:

neSebe Lezemfundo laseNtshona KoloninoShane Martin
kule nombolo yomnxeba: 021 467 2936

no-Oscar Cannon
kule Nombolo: 021 467 2933
Umalusi
Inombolo Yomnxeba: 012 349 1510
I-email: info@umalusi.org.za

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

iSebe Lemfundo leNtshona Kapa (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 7 uMatshi 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





