






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > Iindaba > Masenza umculo!

Masenza umculo!


13 uJanuwari 2006
UMTHOMBO WEENDABA Icandelo loMphathiswa Wemicimbi Yenkcubeko, Ezemidlalo Nolonwabo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)







Masenza umculo!

ISebe Lemicimbi yeNkcubeko NeMidlalo sekumbovu ukuba lenze inkqubo yokumisa i-Ofisi ezimeleyo yeziBonelelo zeeMvumi, eza kuqwalasela imiba emayela namagcisa okwenza anobuncutshe.

Bonke abantu abakhoyo nabahlumayo kwimveliso yomculo bayamenywa ukuba banikeze ulwazi kwaneenkcukacha ukuze kudityaniswe uvimba wolwazi wephondo, oza kulawulwa yi-Ofisi yeziBonelelo zeeMvumi.

Abantu ababhaliswe kuvimba wolwazi baza kumenywa kwiNgqungquthela yeeMvumi zePhondo ngonyaka wama-2006, ukuze emva koko kwenziwe ubume benkonzo kunye nesicwangciso sokwenza se-Ofisi yeziBonelelo.

Ingaba uthabatha inxaxheba ku/kwi?

* mculo wase-Afrika (owezemvelo nowangoku/ijazz/iKlasikhi/oweekwayala/iHip Hop/owamaRasta/oweVangeli/iRap/iKwaito/ owesiNgqisho neBlues/umculo waseKapa wexesha eliphakathi (minstrel)
* joki zeDiskhi (DJs)/kubuNjineli beSandi/kubaculi baseSityudiyo/kumaGcisa
* baphandi bezoMculo/kootitshala boMculo/kubahlohli bezoMculo, kubaVelisi bezoMculo/kubaBhexeshi beekwayala/kubaQambi beengoma
* baXhasi/kwii-Arhente/kooManejala

Imibutho kunye neencutshe ezizodwa zomculo ezingena kolu luhlu nakwezi ntlobo ezikhankanywe ngentla kufuneka banikeze olu lwazi lulandelayo:

1. Igama elipheleleyo nefani
2. Isiza sobuncutshe esiphakathi kolu shishino
3. Iinkcukacha zoqhagamshelwano kuqukwa: iposi yedilesi, i-imeyile kunye neenombolo zeefowuni.
4. Iwonga leNgqesho phakathi kweli shishini: sisigxina okanye likhesela
5. Xela ukuba ingaba unonxibelelwano lwehlabathi na - cacisa
6. Ulwazi ngawe kuqukwa: isini kunye nenombolo yesazisi

Lonke olu lwazi kufuneka lunikezwe kwi:
The Head of Department: Cultural Affairs and Sport:
Private Bag X9067, Cape Town, 8000.

Yonke imibuzo yise kuLindsay Jeptha kule nombolo yefowuni: (021) 483 9722, iFeksi: (021) 483 9711, Iseli: 072 875 0233, okanye i-imeyile: ljeptha@pgwc.gov.za - Mziwandile Made kule nombolo yefowuni: (021) 483 9665 okanye kule feksi: (021) 483 9711 - Zonwabele Mithi kule nombolo Iseli: 083 2100 872  Nuraan Vallie nombolo yefowuni: (021) 483-9729, Iseli: 082 2937 454.

Umhla weshumi elinesithathu, kwinyanga ka 20 Februwari kunyaka ka 2006.

Amaphepha okubhalisa ayafumaneka kwiziko lethu, inkcukacha malunga nomba wokubhalisa uyafumaneka kwinqila ezikututshane ezithile. Ngolwazi oluphangaleleyo ningasifowunela.

QAPHELA: Uvimba wolwazi uza kusetyenziselwa ukunika ulwazi olululo kwiincutshe zomculo nakwabanye abanomdla kushishino lwezomculo, ukuze kwakhiwe ushishino lwezomculo nokuqinisekisa ufikelelo olulinganayo kwizibonelelo zolu shishino. Uvimba wolwazi uza kunceda ekuchongeni, ekuhlumiseni nasekuphuhliseni italente entsha ukuba ibe ziindwalutho zomculo noonozakuzaku bexa elizayo.
KUSETYENZISWENE KUNYE NEQELA LELI THUBA LEEMVUMI



Department of Cultural Affairs and Sport
Departement van Kultuursake en Sport
Isebe Lemicimbi yeNkcubeko NeMidlalo







This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Musician Database Registration Form (IFomu) (File type: pdf; size: 78 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)

UVIMBA-MPEPHA WEENDABA


2009:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN     

2008:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     

2007:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     

2006:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     

2005:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     

2004:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     

2003:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 13 uJanuwari 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





