﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > I &gt Izifo Ezingumvuka Wokwabelana Ngesondo

Izifo Ezingumvuka Wokwabelana Ngesondo





Isebe Lezempilo (The Government of South Africa)



ISISHWANKATHELO

Eli phetshana linikezela ngeenkcukacha Ngezifo Ezingumvuka Wokwabelana Ngesondo, yaye liquka nomawukulindele kumsebenzi wecandelo lononophelo lwempilo nemiba yokuba semngciphekweni.





* 

  Luyafumaneka unyango olusimahla nolusebenzayo.

  Khuthaza iqabane/amaqabane akho ukuba aye kufumana unyango eklinikhi njengoko usenokuphinda wosuleleke futhi kufuneka uphinde wanyangwa.

  Inombolo Yoncedo: 0800 012 322
  Imvelaphi
* Ziintoni Ezi Zifo Zingumvuka Wokwabelana Ngesondo?
* Ndingazazi Njani Ukuba Ndinesifo Esingumvuka Wokwabelana Ngesondo?
* Ukuba uzikrokrelela ekubeni unesifo esingumvuka wokwabelana ngesondo, umsebenzi wononophelo lwempilo uya kwenza oku kulandelayo...
* Imiba yomngcipheko eyayanyaniswa nokosuleleka okanye ukuphila nesifo esingumvuka wokwabelana ngesondo
* Indlela yokusebenzisa intsilathi yamadoda

IMVELAPHI

iSebe Lesizwe Lezempilo liza kube liphehlelela kwilizwe lonke

* iCHOICE
* iintsilathi ngenyanga yeSilimela ka-2004 ukwandisa ulwazi ngeendlela zokuthintela ukukhulelwa okungacwangciswanga kwanonyango lwezifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo.

Oku ke kuquka:

* ukukwazi nokubona iimpawu nobungqina bobukho bezifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo
* ukubaluleka kokuya kuzifunela unyango lwezi zifo zingumvuka wokwabelana ngesondo
* ulwazi ngobukho bonyango olufumaneka simahla nolusemgangathweni kumaziko ononophelo lwempilo aseburhulumenteni
* ulwazi ngokufikeleleka kweentsilathi zamadoda ezifumaneka simahla nezikumgangatho ophakamileyo kwiiklinikhi nezibhedlele zaseburhulumenteni kwanakwezinye nje iindawo ezingaqhelekanga
* ukubaluleka kokuqinisekisa ukuba umntu owabelana naye ngesondo naye uyalufumana unyango.

ZIINTONI EZI ZIFO ZINGUMVUKA WOKWABELANA NGESONDO?

Izifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo zizifo ezibangelwa ngamagciwane asuka kwelinye iqabane aye kwelinye ngexesha la maqabane esabelana ngesondo ngendlela engakhuselekanga. Iimpawu ezininzi zibonakala lula yaye zinganyangeka xa zinokuthi zisiwe eklinikhi ngoko nangoko

NDINGAZAZI NJANI UKUBA NDINESIFO ESINGUMVUKA WOKWABELANA NGESONDO?

Usenokuba kanti unesinye sezifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo ukuba unolunye lwezi mpawu zilandelayo:

* Incindi ephuma ebudodeni, ukutshisa okanye uva kabuhlungu xa uchama
* Incindi engaqhelekanga ephuma ngaphantsi kusisi, umchamo onukayo, otshotshozelayo notshisayo okanye ophuma kabuhlungu
* Intlungu emzantsi esinqe, ngamanye amaxesha umkhuhlane, nokuba kukho incindi ephumayo nokuba ayikho
* Isilonda/izilonda okanye amadyungu-dyungu kumphandle womphantsi kasisi edumbile engadumbanga kwimiphakatho
* Izilonda, ukutshotshozela kwamadlala, iintlungu apha ebudodeni
* Ukudumba apha kwisingxobo samatyhalarha.

UKUBA UZIKROKRELELA EKUBENI UNESINYE SEZIFO EZINGUMVUKA WOKWABELANA NGESONDO, UMSEBENZI KWIZIKO LONONOPHELO LWEMPILO UYA KWENZA OKU KULANDELAYO:

* Ukuthabatha imvelaphi
* Ukuhlolwa
* Ukuvavanyelwa umhlaza wesibeleko, ukuba kuyimfuneko, ngokwemigaqo
* Ukutofwa ngendlela eyiyo
* Unyango kusetywenziswa indlela yokunyanga izifo okanye umntu athunyelwe kwisibhedlele esilungele eso sigulo ukuba kuyimfuneko
* Ukufundiswa ngemiba yempilo
* Ukunikezela ngeengcebiso
* Ukuya kuzifunela iingcebiso novavanyo
* Iziqinisekiso zokwaziswa kwamaqabane/kwanonyango
* Ukuphakanyiswa nokukhuthazwa kokusetyenziswa kweentsilathi, imoboniso ngendlela efanelekileyo yokuzisebenziisa kwanokuzinikezela
* Ukuthunyelwa kumanye amaziko onyango njengoko kuchaziwe (ucwangciso-ntsapho, unonophelo lwangaphambi kokuzalwa kosana, inkqubo yokuthintela ukosulelwa kosana ngunina, isifo sephepha, unyango nononophelo lwentsholongwane kaGawulayo njalo-njalo.)
* Ukugcinwa kweenkcukacha zezigulana (iinkcukacha zezigulana, ukugcinwa nokukhutshwa kweenkcukacha-manani zamihla le).

IMIBA YOKUBA SEMNGCIPHEKWENI EYAYANYANISWA NOKOSULELEKA OKANYE UKUPHILA NESIFO ESINGUMVUKA WOKWABELANA NGESONDO

* Nayiphi na imeko yokwabelana ngesondo ngendlela engakhuselekanga (ezimpundwini, ebuntombini, okanye ngomlomo: iimpundu yeyona ndawo imbeka kowona mngcipheko mkhulu wokuhlaselwa sisifo esingumvuka wokwabelana ngesondo umntu, usemkhulu nowokwabelana ngobuntombi, ze ukwabelana ngomlomo kubabeke kowona mngcipheko usezantsi abantu)
* Amatyeli ekwabelwana ngawo ngesondo ngendlela engakhuselekanga(ukwabelana rhoqo kukubeka kowona mngcipheko mkhulu ze ukunciphisa amatyeli kwehliselo mngcipheko)
* Ukuba nothotho lwamaqabane owabelana nawo ngesondo
* Ukunyazelisa ukwabelana ngesondo, impatho-gadalala, ubundlobongela nokudlwengula
* Ukuhlanganisa ukusetyenziswa kotywala okanye iziyobisi nokwabelana ngesondo
* Ukungasetyenziswa kweepilisi okanye inaliti ngeenjongo zocwangciso-ntsapho rhoqo okanye ngendlela eyiyo kweentsilathi
* Ukudlala ngobuntombi
* Ukwabelana ngesondo sele unaso kade isifo esingumvuka wokwabelana ngesondo
* Ukutshintsha-tshintsha amaqabane, umzekelo, okubangelwa kukutshintsha ingqesho
* Imbali yesifo esikumila kunje
* Ukubeleka okukhokelele ekungaphilini kosana, ukuzala usana olusele lungasaphili okanye usana ulunqinileyo.

Ukuba impendulo yakho ibe ngu-ewe kuwo nawuphi na omnye wemibuza engentla apha, kufuneka uye kweyona klinikhi ikufutshane nawe ukuze ufumane kuhlolwa.







This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 20 uFebruwari 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





