﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezotyelelo & Nezohambo > Uphuhliso Noncedo Ngezimali

UPHUHLISO NONCEDO NGEZIMALI

Cofa kwinkonzo leyo xa ufuna iinkcukacha ezipheleleyo.


Inkxaso-mali esuka kwiNkqubo yoDanjiso lweNdlala
Inkqubo yokudanjiswa kwendlala yasekwa ngurhulumente ekunciphiseni indlala eMzantsi Afrika. Icandelo lezokhenketho kwiSebe leMicimbi yeNdalo esiNgqongileyo noKhenketho lwabelwa ingxowa-mali yokuxhasa iiprojekthi eziluhlobo oluthile lwezokhenketho. Le ngxowa-mali ijolise:ekudaleni imisebenzi kuphuhliso lwezibonelelo zomsebenzi kwezokhenketho, ekuphuhliseni imveliso entsha kwezokhenketho, ekunikezeleni uqeqesho nolwakhiwo lwezikhundla, ekuqinisekiseni ukuba ezi projekthi ziyagcinakala ixesha ... &nbsp;&gt;&nbsp;


INkxaso-mali yeProjekthi kuHlahlo lwabiwo-mali lweCandelo loMlawuli oyiNtloko: uKhenketho
ICandelo loMlawuli oyiNtloko: uPhuhliso lwezoKhenketho lunohlahlo lwabiwo-mali lwarhoqo ngonyaka ekuxhaseni ngemali iiprojekthi ezinceda ekukhuliseni ishishini lezokhenketho. Oku kukhula kungabonwa ngeendlela ezininzi ezohlukeneyo, umzekelo, ngokudaleka kwamathuba emisebenzi, uqeqesho okanye uphuhliso lwezibonelelo zomsebenzi. Imfanelo yokufumana inkxaso-mali incinci phantsi koluhlu lwezinto ezikhoyo, ezinjengeenkampani okanye ii-NGO zeCandelo 21, neziqwalasele ... &nbsp;&gt;&nbsp;


IProjekthi yeMfundiso ngezoKhenketho
IProjekthi yeMfundiso ngezoKhenketho (TLP) linyathelo lokuqala leTrasti yoShishino neyasekwa ngenjongo yokukhawulezisa amalungiselelo emfundiso neenkqubo zezakhono ngembono yokunyusa umgangatho wenkonzo ebhetele nemveliso kwezokhenketho, ukubuka iindwendwe kunye nolondolozo lwamacandelo angaphantsi. I-TLP ijolise ekuphuculeni ulwazi nezakhono zabafundi. &nbsp;&gt;&nbsp;


Isicelo seNkxaso kwiNkqubo yoPhuhliso lwamaShishini Aphakathi Namancinci (SMEDP)
I-SMEDP yinkqubo yokufumana umnikelo oyimali eziinkozo nokunikezelwa koncedo kushishino olunxulumene nezokhenketho eMzantsi Afrika. Uncedo lunikezelwa kwiiprojekthi ezintsha okanye ezandisiweyo. Oku kulandelayo yimizekelo yeeprojekthi ezinokuthi zonyulwe: Amashishini abonwa njengakudidi lwalawo abonelela ngeendawo zokuhlala zexeshana nje elingephi, umzekelo, iihotele, iindawo zokuhlala ofumana ibhedi nesidlo sakusasa, iiloji kunye ... &nbsp;&gt;&nbsp;


Isicelo seNkxaso kwiYunithi yoShishino lwezoKhenketho kwiQumrhu loPhuhliso loShishino
IYunithi yoShishino lwezoKhenketho yeQumrhu loPhuhliso loShishino (IDC) ixhasa ngemali inkcitho yekapitali kumashishini okhenketho. Le mali iqwalasele kumashishini anikeza iindawo zokuhlala kubakhenkethi abanyanisekileyo kodwa ikwanabela nakwezinye iiprojekthi zokhenketho ezinekapitali enkulu ngenjongo yokuba nempembelelo enkulu ekukhuleni korhwebo lwezokhenketho. &nbsp;&gt;&nbsp;


UkuPhakanyiswa noPhuhliso loMgangatho kwezoKhenketho eKapa
Injongo ye- Cape Town Tourism kukubeka esikhundleni iKapa njengendawo ekudidi lwehlabathi kwezokhenketho kwaneyona ndawo yokubambela iinkomfa eMzantsi Afrika, yeziganeko zenkuthazo, zokuzonwabisa nokuphumla kwangelixa kusandiswa imveliso evela kwelinye icala kwezoqoqosho kunye nokudalwa kwamathuba omsebenzi. &nbsp;&gt;&nbsp;


Uncedo-mali lwe-ITMAS Kwizixhobo Zokuthengiswa Nokubhengezwa Kwezotyelelo Kumazwe Angaphandle
Inkqubo Yoncedo Lokuthengiswa Nokubhengezwa Kwezotyelelo Kumazwe Angaphandle (iITMAS ngamafutshane) inika amashishini ingxenye yembuyekezo ngenkcitho yawo kwiintshukumo zokuphuhlisa nouthengisa ezotyelelo eMzantsi Afrika. &nbsp;&gt;&nbsp;


Uncedo-mali lwe-ITMAS Olukhuthaza Ukuthatyathwa Kwenxaxheba Kumboniso Wentengiso Wezizwe Ngezizwe
INkqubo yoNcedo loRhwebo loKhenketho lweZizwe ngeZizwe (ITMAS) inikezela ngenxalenye yembuyekezo yamashishini kumaxabiso athile enzeke kwimisebenzi ejolise ekunyuseni umgangatho wezokhenketho eMzantsi Afrika. &nbsp;&gt;&nbsp;



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 5 uMeyi 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





