Nethuba lokufikelela kwinkcazelo
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Nethuba lokufikelela kwinkcazelo
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu
Nethuba lokufikelela kwinkcazelo
Isicelo selungelo nethuba lokufikelela kwinkcazelo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Injongo yoMthetho wokuPhakamisa iLungelo neThuba lokuFikelela kwiNkcazelo (Promotion of Access to Information Act) kukuqinisekisa ukuba abantu banako ukusebenzisa ilungelo labo lomgaqo-siseko lokubanethuba lokufikelela kuyo nayiphina inkcazelo esezandleni zombuso, ndawonye nokufumana inkcazelo esezandleni zomnye umntu, efunekayo ukuze kusetyenziswe okanye kukhuselwe naliphina ilungelo.
Imeko ekhuthaza ukusetyenziswa kwelungelo lokufikelela kwinkcazelo kukuphembelela imo nesiqhelo sokwenza izinto elubala kunye nokusabela iimfuno zabantu kumaziko oluntu nawabucala, kunye nokuphakamisa intlalo apho abantu baseMzantsi Afrika banako ukufikelela ngokusebenzisekayo kwinkcazelo, ukwenzela ukuba bakwazi ukusebenzisa nokukhusela ngokupheleleyo wonke amalungelo wabo.
Yeyiphi inkcazelo esezandleni zeSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko okanye ekulo naliphina iziko loluntu, ekungafikelelwa kuyo?
Ungafikelela kuyo yonke imiqulu kunye neengxelo okanye kwiingxelo ezisezandleni zeSebe, amagosa alo okanye kulo naliphina iziko loluntu. Akukhathaliseki nokuba loo nkcazelo yaqala ninina ukubakhona. Le nkcazelo ibandakanya le ilandelayo.
Iingxelo zobuqu ezisezandleni zeSebe okanye zeziko loluntu.
Inkcazelo okanye iingxelo zombandakanyeki wesithathu: kuphela ngemvume esuka kumntu wesithathu obandakanyekayo, ngakumbi ukubangaba imiqulu inenkcazelo eyimfihlo okanye yabucala.
Inkcazelo ekungathintelwanga fikelelo kuyo nguMthetho wokuPhakamisa iLungelo neThuba lokuFikelela kwiNkcazelo. Ukufikelela kwinkcazelo kuyathintelwa phantsi kweemeko ezithile, umzekelo:
o xa ingxelo icelelwa ukusetyenziswa kwiinkqubo zobugebenga okanye zentlalo yabemi okanye o xa sele iqalile inkqubo yobugebenga okanye yentlalo yabemi, kuloo meko ke inkcazelo ayinakusetyenziswa kwinkundla yomthetho, ngakumbi ukubangaba inkundla icinga ukuba iyakwenza umonakalo kwinkqubo yobulungisa.
Iingxelo zekhabhinethi kunye neekomiti zayo.
Iingxelo ezayamene nomsebenzi wobulungisa wenkundla.
Inkcazelo efunyenwe liqumrhu elasekwa ngokomthetho ukuze lisombulule iimbambano ezithile.
Inkcazelo esezandleni zegosa lezobulungisa laloo nkundla okanye lelo qumrhu elasekwa ngokomthetho ukuze lisombulule iimbambano ezithile kunye.
Nenkcazelo esezandleni zelungu elithile lepalamente okanye lendlu yowiso-mthetho yephondo.
Nangona kunjalo, UMthetho wokuPhakamisa iLungelo neThuba lokuFikelela kwiNkcazelo ungaphezulu kwawo nawuphina omnye umthetho okanye imithetho iyonke engakunqanda okanye ikuthintele ekubeni ufikelele kuyo nayiphina inkcazelo.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Cela uSekela weGosa leNkcazelo wesebe elibandakanyekayo likarhulumente akuncede ufikelele kwinkcazelo okanye kwimiqulu oyidingayo.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
USekela weGosa leNkcazelo kufanele aphendule kwisithuba seentsuku ezingama 30 esifumene isicelo sakho.
Ukubangaba iGosa leNkcazelo liyala ukukunika imvume yokufikelela kwinkcazelo oyicelileyo, ungafaka isibheno kuMphathiswa wezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.
IGosa leNkcazelo okanye uSekela weGosa leNkcazelo uyakukunceda kule nkqubo.
Ukubangaba le nkcazelo uyifunayo ayikho ezandleni zesebe loRhulumente, kodwa ikwiziko lombuso, uSekela weGosa leNkcazelo uyakutshintshela isicelo sakho kwiGosa leNkcazelo lelo ziko loluntu libandakanyekayo kwisithuba seentsuku ezili 14.
Iziko loluntu elibandakanyekayo kufuneka liphendule isicelo sakho kwisithuba sexesha eliqiqileyo. Uyakwaziswa ukubangaba oku kuthe kwanjalo.
Entla
Iindleko
Nxulumana neCandelo leLungelo neThuba lokuFikelela kwiNkcazelo leSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko kwinombolo ethi 012 315 1715 ukuze uqonde ukuba iintlawulo azitshintshanga na.
Iintlawulo zeengxelo zeziko loluntu, njengoko zixelwe kwiMigqaliselo ekhoyo kuMthetho.
Iintlawulo zokuvelisa iikopi zezi zilandelayo:
Kwikopi nganye eyenziwe ngomatshini ofotayo, yephepha le A4 okanye inxenye yayo
Kwikopi nganye eshicilelweyo (eprintiweyo), yephepha le A4 okanye inxenye yayo, ekwikhompiyutha okanye engohlobo olufundekayo lobuxhakaxhaka bombane okanye bomatshini
i Ukukhutshelwa kwemifanekiso yembonakalo yamehlo, ekwiphepha le A4, okanye inxenye yayo ii Ikopi yemifanekiso yembonakalo yamehlo
i Ukukhutshelwa kwengxelo evakaliswa ngeendlebe, ekwiphepha le A4, okanye inxenye yayo ii Ikopi yengxelo evakaliswa ngeendlebe
Cela intlawulo ehlawulwa ngumceli ngamnye ongenguye umceli wobuqu

Intlawulo yokufunisa ngengxelo yi R15,00 ngeyure okanye inxenye yeyure, kungabandakanywa iyure yokuqala, eyimfuneko eqiqileyo yoko kufunisa
Intlawulo nqo yeposi ihlawulwa xa kufuneke kuposelwe ikopi yengxelo kumceli.
Kubandakanyeka oku kulandelayo:
a Kufuneka uhlawule idipozithi kuphela emva kokuphela kweeyure ezintandathu.
b Idipozithi ehlawulwa ngumceli ilingana nesithathu sentlawulo yofikelelo.
Iintlawulo zeengxelo zeziko labucala
Iintlawulo zokuvelisa iikopi zezi zilandelayo:
Kwikopi nganye eyenziwe ngomatshini ofotayo, yephepha le A4 okanye inxenye yayo
Kwikopi nganye eshicilelweyo (eprintiweyo), yephepha le A4 okanye inxenye yayo, ekwikhompiyutha okanye engohlobo olufundekayo lobuxhakaxhaka bombane okanye bomatshini
i Ukukhutshelwa kwemifanekiso yembonakalo yamehlo, ekwiphepha le A4, okanye inxenye yayo ii Ikopi yemifanekiso yembonakalo yamehlo
i Ukukhutshelwa kwengxelo evakaliswa ngeendlebe, ekwiphepha le A4, okanye inxenye yayo ii Ikopi yengxelo evakaliswa ngeendlebe
Cela intlawulo ehlawulwa ngumceli ngamnye ongenguye umceli wobuqu
Kwikopi nganye eyenziwe ngomatshini ofotayo, yephepha le A4 okanye inxenye yayo
Kwikopi nganye eshicilelweyo (eprintiweyo), yephepha le A4 okanye inxenye yayo, ekwikhompiyutha okanye engohlobo olufundekayo lobuxhakaxhaka bombane okanye bomatshini
i Ukukhutshelwa kwemifanekiso yembonakalo yamehlo, ekwiphepha le A4, okanye inxenye yayo ii Ikopi yemifanekiso yembonakalo yamehlo
i Ukukhutshelwa kwengxelo evakaliswa ngeendlebe, ekwiphepha le A4, okanye inxenye yayo ii Ikopi yengxelo evakaliswa ngeendlebe
Intlawulo yokufunisa ngengxelo yi R30,00 ngeyure okanye inxenye yeyure, kungabandakanywa iyure yokuqala, eyimfuneko eqiqileyo yoko kufunisa
Intlawulo nqo yeposi ihlawulwa xa kufuneke kuposelwe ikopi yengxelo kumceli.
Kubandakanyeka oku kulandelayo:
c Kufuneka uhlawule idipozithi kuphela emva kokuphela kweeyure ezintandathu.
d Idipozithi ehlawulwa ngumceli ilingana nesithathu sentlawulo yofikelelo
Iintlawulo zesibheno
Intlawulo yesibheno ehlawulwayo xa umceli efaka isibheno sangaphakathi esichasa ukwaliwa kwesicelo sakhe sokufikelela kwinkcazelo yi R50.
Entla
Entla
Isebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa