






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezotyelelo & Nezohambo > Ukuqala & Ukhulise Ishishini Lakho > ISicelo seeMpawu zezoKhenketho eziNdleleni

ISicelo seeMpawu zezoKhenketho eziNdleleni




INKCAZELO:

Ungasenza isicelo seemphawu zezokhenketho ukuba zimiselwe kufutshane nesibonelelo sakho sokhenketho. Iindidi ezintathu zesi sibonelelo zingasetyenziswa:
* Isibonelelo sokhenketho esiqulethe umtsalane kubakhenkethi, iinkonzo zokhenketho, indawo yokuhlala kunye neziganeko ezizodwa.
* Isibonelelo senkonzo yoluntu okanye inkonzo yoluntu jikelele equlethe izinto ezenza izihamba-ndlela ezininzi (ezinjengeziko lentengiso kummandla) kunye nezinto ezenza izihamba-ndlela ezingephi (ezinjengendawo yokunqula okanye i-ofisi yogqithiso lwamaphepha-mvume okanye imvume yokushishina ngezokhenketho).
* Inkonzo yorhwebo okanye yoshishino okanye imveliso eboniswe ngeempawu ezikufuphi nendlela (ngaphandle kwendlela) nezilungiselelwe abaqhubi.

Ungenza isicelo sokuqala seemphawu endleleni kwi-Ofisi ekufutshane nawe yezoKhenketho kwiNgingqi yakho. Ngokusekelwe kwiinkcukacha zesicelo, iofisi yezokhenketho ekufutshane nawe yiyo eyenza izindululo. Iinkcukacha ziye zigqithiselwe kwiziphatha-mandla eziphezulu kwezokhenketho apho kwenziwa khona izindululo ezininzi nokuqwalaselwa kwemiba ethile.

Ngokulandela iinkqubo ezahlukeneyo zophando, incwadana yembalelwano ephakamisa olu luvo lwesindululo inganikezelwa kwaye ukuba isicelo siye saphumelela, iimpawu ezo zingafakwa. Umnini okanye umsebenzisi wesi sibonelelo uhlawulela amalungiselelo eempawu zokhenketho ezingezizo zexesha likaxakeka, umzekelo, ukudala umtsalane okanye iinkonzo.
Xa kunikezwe ulwazi olufunekayo noluchanekileyo, inkqubo yokuqwalaselwa kwesicelo ayingekhe ibe ngaphezulu kweenyanga ezimbini.


IMIYALELO:

Le ncwadana, Izikhokhelo neFomu yeSicelo seeMPawu lwezoKhenketho eNdleleleni, iqulethe amaphepha engcaciso malunga nokwenziwa kwezicelo nalo lonke ulwazi olulolunye olufunekayo. Abantu abenza izicelo bangalufumana olu xwebhu kwi-ofisi yemicimbi yezokhenketho ekufutshane nabo.

Xa sele uwagqibile amacandelo okuqala kwifomu yokwenza isicelo, kufuneka ubuyisele amaxwebhu kule-ofisi ukuze aqwalaselwe.
Xa ufuna ulwazi olulolunye, jonga uxwebhu kwesi sikhundla soqhagamshelwano ngekhompyutha - Provincial Tourism Facility Audit and Signing Framework for the Western Cape.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

iCandelo Lophuhliso Lwezokhenketho (Department of Economic Development and Tourism, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Guidelines and Application Form for Tourism Road Signage (Umgaqo-nkqubo) (File type: pdf; size: 306 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Provincial Tourism Facility Audit and Signing Framework for the Western Cape (Iingxelo noPhando) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 27 uMatshi 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





