






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezotyelelo & Nezohambo > Uphuhliso Noncedo Ngezimali > Isicelo seNkxaso kwiYunithi yoShishino lwezoKhenketho kwiQumrhu loPhuhliso loShishino

Isicelo seNkxaso kwiYunithi yoShishino lwezoKhenketho kwiQumrhu loPhuhliso loShishino




INKCAZELO:

IYunithi yoShishino lwezoKhenketho yeQumrhu loPhuhliso loShishino (IDC) ixhasa ngemali inkcitho yekapitali kumashishini okhenketho. Le mali iqwalasele kumashishini anikeza iindawo zokuhlala kubakhenkethi abanyanisekileyo kodwa ikwanabela nakwezinye iiprojekthi zokhenketho ezinekapitali enkulu ngenjongo yokuba nempembelelo enkulu ekukhuleni korhwebo lwezokhenketho.

Indlela emisiweyo yokukhetha kukuba:
* Iiprojekthi kufuneka zibe nokuphila ngokwezoqoqosho.
* Ixabiso lemali-mboleko ye-IDC kufuneka ibengaphezulu kwe-R1 million.
* Igalelo lomnini kufuneka ubuncinci libe ngamashumi amane ekhulwini (40%) kwixabiso leprojekthi lilonke elifunekayo. Oku kungancitshiswa kube ngamashumi amabini ekhulwini (20%) kwiiprojekthi.

Uninzi lweeprojekthi ezohlukeneyo ziba nelungelo lokufumana inkxaso-mali kwaye zininzi izibonelelo ezikhoyo zemali.


IMIYALELO:

Isicelo senziwa ngokugqithisa isicwangciso soshishino esibonisa iprojekthi eza kwenziwa kwakunye neemfuno zayo zemali. Isicwangciso soshishino kufuneka siqulathe ulwazi olwaneleyo malunga nomenzi wesicelo, iprojekthi, ixabiso, isicwangciso sorhwebo, ingqesho kwakunye nohlahlo lwabiwo-mali lweminyaka emihlanu ubuncinane ekwenzeni lula ukuba i-IDC ivavanye imfaneleko yolu shishino. Xa ufuna ulwazi olongeziweyo, qhagamshelana no-
Katinka Schumann- Bester
Inombolo yefowuni: 011 269 3509
Ifeksi: 011 269 3709
benn@idc.co.za

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

IQumrhu loPhuhliso lweMizi-mveliso yoMzantsi Afrika





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* IDesika yoNcedo lwabaRhwebi kwezoKhenketho (IiNkonzo)
* Isicelo seNkxaso kwiNkqubo yoPhuhliso lwamaShishini Aphakathi Namancinci (SMEDP) (IiNkonzo)
* INkxaso-mali yeProjekthi kuHlahlo lwabiwo-mali lweCandelo loMlawuli oyiNtloko: uKhenketho (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 19 uFebruwari 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





