﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO |IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ubomi Bakho > Ukubeleka

UKUBELEKA


Exclusive Breastfeeding (IiNkcukacha Zoluntu) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
This brochure provides information to mothers on the benefits of breastfeeding exclusively for the first six months of their babies lives. The pamphlet also answers to some of the tricky questions about breastfeeding. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukubhalisa Ukuzalwa Komntwana Wakho (IiNkonzo)
Kufuneka ubhalise ukuzalwa komntwana wakho emva nje kweentsuku ezingamashumi amathathu kwenzikile oko. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukufaka Isicelo seSiqinisekiso Sokuzalwa (IiNkonzo)
Iphetshana elisisiqinisekiso sokuzalwa linikezelwa xa umntwana ebhalisiwe kuMbuso wezwe. Liqulethe iinkcukacha zomntwana yaye liyafuneka njengesiqinisekiso sokuzazisa. &nbsp;&gt;&nbsp;


Uvavanyo Lokukhulelwa (IiNkonzo)
Amakhosikazi kunye neentombi eziya exesheni emva kweveki okanye nangaphezulu kwelo lesiqhelo bayacetyiswa ukuba baye kwenziwa uvavanyo lokukhulelwa. Ezi mvavanyo zenziwa mahala kwiindawo zoncedo lwezempilo. Ukanti, azisoloko zisenziwa. Izixhobo zovavanyo lokukhulelwa zingathengwa ekhemesti. &nbsp;&gt;&nbsp;


Iinkonzo Zenkxaso Zasemva Kokubeleka (IiNkonzo)
Amantombazana akhulelweyo kunye nabasetyhini bathunyelwa kwiinkonzo zobunina okanye amaCandelo okuBelekisa (Ii-MOU) kwiindawo ezisezidolophini, nakwiikliniki ezixhomekeke kwezinye okanye ezisisigxina ezilalini. La maCandelo ngamacandelo okubelekisa aqhutywa ngababelekisi babaguli bezonyango kwindawo akuyo. Kucetyiswa oomama abakhulelweyo ukuba benze izicelo zokubekelwa iindawo kutyelelo lokuqala ekliniki phambi kweeveki ezingama-20 okanye nje ... &nbsp;&gt;&nbsp;


Iinkonzo Zokubeleka (IiNkonzo)
Oomama bangabelekela kwiikliniki ezisisigxina okanye kumaCandelo okuBelekisa, aqhutywa ngababelekisi ekuhlaleni kubaguli bamaziko ezonyango. Ukuba kuthe kwakho iingxaki ngethuba lokubeleka, baya kuthi bathunyelwe kwisibhedlele esingentla. Oomama abanentsholongwane kaGawulayo bangazibandakanya nenkonzo Yokuthintelwa Kokudluliselwa Kwentsholongwane Ukusuka Kunina Ukuya Elusaneni 1/1]. &nbsp;&gt;&nbsp;


Inkathalo yasemva kokubeleka (IiNkonzo)
Iinkonzo zasemva kokubeleka ziyafumaneka emva kokuba umama nosana lwakhe olusandul' ukuzalwa bekhululwe kwiCandelo lokuBelekisa okanye ekliniki. Oku kusoloko kusenzeka emva kweeyure ezintandathu usana luzelwe ukuba umama nosana basempilweni entle. &nbsp;&gt;&nbsp;


IiNkonzo zeMvelo yaBantu (Iziphene zokuzalwa) (IiNkonzo)
Kucingeleka ukuba abantwana abali-150000 abazalwayo ngonyaka emZantsi Afrika bachatshazelwa ziziphene zokuzalwa kwezona ndawo zibalulekileyo okanye iziphazamiso zemvelo ngethuba beneminyaka emihlanu. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukuthintelwa kweempawu ezibonisa ukungalungi kosana olungekazalwa ngenxa yokusetyenziswa kotywala, kunye nonyango loko. (IiNkonzo)
Ukuthintelwa kweempawu ezibonisa ukungalungi kosana olungekazalwa ngenxa yokusetyenziswa kotywala, okanye iFAS (ngamafutshane kwisiNgesi) lolona hlobo luqhelekileyo nolunokuthintelwa lobulwelwe ngenqondo ehlabathini, kodwa nangona kunjalo, yeyona ngxaki yezempilo uluntu lweNtshona Kapa olujongene nayo. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukuthintelwa Kokosulelwa Kosana Ngunina (IiNkonzo)
Ukosulelwa kosana ngunina kwenzeka xa intsholongwane kaGawulayo, intsholongwane ebangela uGawulayo, ithe yadluliselwa ukusuka kumama isiya kusana olungekazalwa ngethuba lokukhulelwa, ngethuba lokubeleka okanye ngethuba lokuncancisa. &nbsp;&gt;&nbsp;



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 26 uNovemba 2007



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





