






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > URhulumente & Nolawulo Ngentando Yesininzi > Ulonyulo > Uvoto Kulonyulo lweLizwe

Uvoto Kulonyulo lweLizwe




INKCAZELO:

Olu lonyulo rhoqo emva kweminyaka emihlanu. Zazisa ukuba ngubani oza kulawula ilizwe yaye umbutho wezopolitiko ngamnye uza kufumana izihlalo ezingaphi ePalamente. Zikwaxela ukuba ngowuphi umbutho wezopolitiko oza kuphatha iphondo ngalinye.

Ulonyulo lokuqala ngokwentando yesininzi lwalubanjwe ngonyaka ka-1994. Umbutho i-ANC yaphumelela ngokuzuza ama-63% evoti.

Ulonyulo lukaZwelonke lokugqibela ngokweNtando yeSininzi lwalubanjwe ngonyaka ka-1999 xa i-ANC yaphumelela ngama-66.35% evoti. Ungazijonga iziphumo.
Ulonyulo oluzayo luza kubanjwa ngonyaka ka-2004.


IMIYALELO:

Ukuze ube nako ukuvota kolu lonyulo, kufuneka kuqala ube ubhalisile kuLuhlu Lwabavoti. Ke ngoko uza kuba nako ukuvota kwisikhululo sokuvota esikwingingqi obhalisele ukuvota kuso. Ezinye iinkcukacha ngeendawo ezikuzo izikhululo zokuvota, indlela ekuvotwa ngayo, ziza kufumaneka ekusondeleni kwexesha lovoto.

Inkqubo yovoto isebenza ngolu hlobo:
* Ungena kwisikhululo sovoto ze igama lakho likhangelwe kuLuhlu Lwabavoti ukuqinisekisa ukuba ubhalisile yaye awukavoti.
* Ubhontsi wakho ufakwa i-inki ukukunqanda ekuvoteni kabini
* Unikwa iphepha lokuvota elinoluhlu lwawo onke amaqela ezopolitiko azigqatsayo
* Uvota emfihlakalweni
* Okokugqibela, ufaka ivoti yakho, ngokuthi ufake iphepha lakho elinevoti kwibhokisi ecikiweyo yokuvota.

Ngeenkcukacha ezithe vetshe, qhagamshelana ne-ofisi yephondo ye-IEC:
6th Floor, Customs House, Foreshore, Cape Town
Umnxeba: 021 409 5300
IFeksi: 021 425 6410

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

iKomishoni Ezimeleyo Yolonyulo





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Ukubhalisa kuLuhlu Lwabavoti (IiNkonzo)
* Provincial Parliament of the Western Cape Website (Qhagamshela) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 15 uDisemba 2003



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





