






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > URhulumente & Nolawulo Ngentando Yesininzi > IPalamente yePhondo > Ukuthatyathwa Kwenxaxheba Luluntu kwiPalamente yePhondo

Ukuthatyathwa Kwenxaxheba Luluntu kwiPalamente yePhondo




INKCAZELO:

Uluntu luyakhuthazwa ukuba luthabathe inxaxheba kwiinkqubo zePalamente yePhondo. Ungathabatha inxexheba ngokuthi:
* uvote kulonyulo
* wakhe umkhanya kwiinkqubo zepalamente
* ufake amangeniso okanye unikezele iintetho egameni legalelo ngemithetho esaqulunqwayo
* uzimase ze uthabathe inxaxheba kwiintlanganiso zoluntu.



IMIYALELO:


YINTONI LE IXOXWAYO EPALAMENTE

Ungafumanisa ukuba yeyiphi na imiba eshukuxwayo kwiintlanganiso zepalamente okanye zeekomiti zepalamente ngokuthi uphendla-phendle Isicwangcisi Seentshukumo zePalamente kwakunyeneeMpepha zikaNdlunkulu. Iindibano zoluntu zikwabhengezwa kwesi Sicwangciso Seentshukumo zePalamente nakumaphepha-ndaba eli phondo.


UKUTYELELA IPALAMENTE


Ukuba ufuna ukwakha umkhanya kwiinkqubo, ungatyelela iPalamente. Amaxesha neendawo zeentlanganiso zesigqeba esipheleleyo, iintlanganiso zeekomiti kwakunye neendibano zoluntu zikwachaziwe kwesi Sicwangcisi Seentshukumo zePalamente. IPalamente ikwanikezela nangethuba elifutshane lokutyelela esi sakhiwo.


UKUFAKA INGENISO


Ungafaka amangeniso abhalwe phantsi ePalamente ngawo nawuphi na umba ekucelwe igalelo kuwo. La mangeniso athi athunyelwe kwikomiti esebenza ngawo, ethi yona ifikelele kwizigqibo zokuba ubungqina obunikezelwa ngomlomo bamkelekile na.

Ingeniso ngalinye:
* lingathunyelwa ngeposi
* lingasiwa ngesandla
* lingangeniswa nge-internet


Khawukhe utyelele iwebsite yePalamente yePhondo ukuze ufumane iinkcukacha ngokwenza amangeniso




IZIBONGOZO


Usenakho nokufaka isicelo esibhalwe ngesandla okanye isikhalazo ePalamente ngokunga sisibongozo. Esi sibongozo singatyikitywa ngumntu omnye okanye lihlokondiba labantu.

Ungazifaka izibongozo nge-internet.


IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO


Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, usenokuqhagamshelana nabasebenzi bePalamente yePhondo:
uRoyston Hindley(onguSosiba Osabambeleyo ePalamente)
uJacqui Liberty (oyiNtloko: kwiThala Leencwadi & Nophando)


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

IPalamente yeNtshona Koloni (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Parliamentary Diary (IiNkcukacha Zoluntu) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 27 uMeyi 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





