






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ushishino & Noqoqosho > Uphuhliso Loqoqosho Lwabamnyama > Isicelo Senkxaso kwiNgxowa-mali Yophuhliso Lweziswe

Isicelo Senkxaso kwiNgxowa-mali Yophuhliso Lweziswe




INKCAZELO:

Le nkonzo ichaza imisebenzi yeNgxowa-mali Yesizwe Yophuhliso kwanokuba zingafikeleleka njani ezinye iinkonzo zayo. Ifanele ingakumbi umntu osaqala phantsi ishishini, kodwa ke zikwakho neenkonzo ezifanele nezinokuba lulutho kwiinkampani namashishini amakhulu.


* YINTONI INGXOWA-MALI YESIZWE YOPHUHLISO?
* UTHINI UMGAQO WENGXOWA-MALI YESIZWE YOPHUHLISO?
* NDINGASIFAKA NJANI ISICELO?



Yintoni iNgxowa-mali Yesizwe Yophuhliso?


Ingxowa-mali Yesizwe Yophuhliso yasekwa ngumthetho iNational Empowerment Fund Act ka-1998 ngeenjongo zokuphakamisa nokuqinisekisa ukulingana ngokoqoqosho kwakunye neenguqu.

Ingxowa-mali Yesizwe Yophuhliso yaphindwa yasekwa kwakhona ngenyanga kaCanzibe ngo-2004 nguMphathiswa Wezoshishino Neentengiso uMandisi Mpahlwa ukuze iphinde ijongane futhi ihlaziye ezi njongo.

iTrust yalengxowa-mali isebenza phantsi kokhuseleko neliso leSebe Lezoshishino Neentengiso (idti ngamafuphi) futhi iphantsi kolawulo lwebhodi yabaphathi abaphantsi koSihlalo onguMlawuli-Jikelele we-dti, Dr Alistair Ruiters.

Khawufunde banzi ngembali yayo kwiwebsite yayo.

Eyona njongo yayo kukukhokela iinzame zokuqinisekisa ukulingana ngokoqoqosho neenguqu, oko ke ibe kukwandisa amathuba ezabelo kwezi nzame zophuhliso.

Ukuwiswa kwetshata yophuhliso ephangaleleyo, imigaqo-nkqubo karhulumente kwakunye nezinye iitshata zamanye amacandelo; kwakunye nendlela eyiyo yokuqonda iimfuno zentengiso zangoku kukhokelele kwigunya elitsha nalo elithe lakhokelela kwiintsika eziphuhlileyo zentsebenzo kushishino llwale ngxowa-mali. Nazi ke ezi ntsika:
* Iinkonzo Zeengcebiso, eziya kujongana nemigangatho ngokulandelelana kwayo kwakunye nokuqinisekiswa kokusebenza kweetshata kurhulumente kwakunye neenkampani zabucala.
* Iinkonzo Zeenguqu Kumashishini Abucala, eziya kuqinisekisa ukuba iinguqu ezijoliswe kumashishini abucala nakumanqanaba emimandla zihlala zisenzeka ngendlela ethile eqingqwe ngokuqwalaselwa kwemiba yesizwe ebalulekileyo.
* Iinkonzo Zokwenziwa Kweemalike, eziya kudlala indima ebalulekileyo ekujonganeni amathuba okutyala kwinkqubo yohuhliso loqoqosho lwabamnyama, mathuba lawo aya kuqinisekisa ukugcinakala kobunini kwakunye neenguqu kwalapha kweli candelo leHDP.
* Iinkqubo Zamaqela Nezabanini-mashishini, uphuhliso lwamashishini kwakunye nokusebenzisana ngendlela yokuseka iintlangano ezinefuthe leenkampani ezahlukeneyo ukuphuhlisa iinkonzo neemveliso.



Uthini uMgaqo weNgxowa-mali Yesizwe Yophuhliso?



* Le ngxowa-mali ijolise ekuxhaseni ngezimali amaqela ophuhliso loqoqosho lwabamnyama azimiseleyo ekusebenzeni ngendlela eya kuba nefuthe elililo kwiintshukumo zoqoqsho ngokuphakamisa amathuba eenguqu.
* Kujoliswe ikakhulu kuphuhliso lwemimandla neendawo zokuhlala ukuzama ukuncedisana nokukhula kwamashishini.
* Ingxowa-mali Yesizwe Yophuhliso iya kunikezela nangenkonzo yeengcebiso ngophuhliso loqoqosho lwabamnyama kurhulumente namashishini abucala ukuncedisana nokuqinisekisa ukusetyenziswa kwale tshata kuwo onke amacandelo.
* Le ngxowa-mali iya kuba nefuthe elibaluleke kakhulu kuphuhliso lwesicwangciso-qhinga ukwandisa iinguqu kwezo ngingqi nakuloo macandelo kujoliswe kuwo kuqoqosho.
* Le ngxowa-mali iya kuncedisana noluntu oluhlala kwiindawo ezisemaphandleni ekuziphuculeni ngokusebenzisa ezi nkonzo zinikezelwayo apha.
* Le ngxowa-mali iya kusebenza njengesikhundla seengxoxo namashishini abucala kwisicwangciso-qhinga sawo soshishino nesemizi-mveliso ngeenjongo zokuza neenguqu nokuqinisekisa uphuhliso loqoqosho lwabamnyama.
* Le ngxowa-mali iya kusebenza njengomngeneleli phakathi kwamacandelo amashishini abucala, awaseburhulumenteni kwakunye nawophuhlisa kwiinjongo zokuza neenguqu nezokuqinisekisa ukuphuhliswa koqoqosho lwabamnyama kuquka uphuhliso lwamashishini.



Ndingasifaka Njani Isicelo Senkxaso-mali?


Iintshukumo zenkxaso-mali zale Ngxowa-mali Yesizwe Yophuhliso okwakaloku nje zisajolise ikakhulu kwiNkxaso Yabanini-mashishini, ekho kwicandelo Leenkqubo Zamaqela Nabanini-mashishini. Le nkonzo inikezela ngeemveliso kwanenkxaso-mali kumashishini ukuxhasa abo banini-mashishini baseMzantsi Afrika babesakuhleleleka ngaphambili. Inkxaso Kubanini-mashishini inikezela ngokulingabna nokuncediswa ekuhlawuleni amatyala ngokwemigaqo yenkxaso-mali, ngeeniongo zophuhliso.
Ukufikelela kwiimveliso eziphantsi kwebakala elijongene nophuhliso lwabanini-mashishini, inkqubo yezicelo zenkxaso-mali iqalwa ngokugcwaliswa kwephetshana lesicelo sokuhloluelwa ukuba unganakho ukumelana nokuqhuba ishishini. Ukuze ufumane inkcukacha ezithe vetshe ngala mabakala noncedo kwezi mveliso neenkonzo zethu, nceda utyelele iwebsite yethu kule dilesi: www.nefcorp.co.za.


IMIYALELO:

Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, yiya:
kwa-230 eJan Smuts Avenue, Kwikona yoMgaqo iBompas Road neDunkeld West, 2196P.O. Box 31, eMelrose Arch, eMelrose North, 2076
P O Box 31, eMelrose Arch, eMelrose North,2076
Iziko elamkela iminxeba le-dti: 0861 843 384
Inombolo yomnxeba: 011 731 9000
Inombolo Yefeksi: 011 447 4859
Idilesi ye-email kwimibuzo ephangaleleyo: info@nefcorp.co.za
Idilesi ye-email kwimibuzo enenkxaso-mali: info2@nefcorp.co.zaLe website inesikhokelo esigqibeleleyo esilungiswe ngokwamanqanaba ngale nkqubo yenkxaso-mali, khawufikelele kuyo apha.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

IQumrhu loPhuhliso lweMizi-mveliso yoMzantsi Afrika





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Inkqubo Yophuhliso Lwababoneleli Kumashishini Amnyama (IiNkonzo)
* IiNkqubo zeNkxaso yokuXhobisa uQoqosho lwabaMnyama (IiNkonzo)
* Iinkqubo Zokuncedana Namashishini Asakhasayo Afikelele Kwiinkxaso-mali Nolwazi Kumashishini (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 9 uMatshi 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





