






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ushishino & Noqoqosho > Amashishini Amancinci > UKhuphiswano Lwamashishini

UKhuphiswano Lwamashishini




INKCAZELO:

Ukuba unoluvo olukhulu lweshishini, ungaluphuhlisa lube lishishini lokwenyani ngokuthi ungenele ukhuphiswano lwamashishini oluxhaswa liSebe loPhuhliso loQoqosho noKhenketho:
* Ukhuphiswano lweZicwangciso zamaShishini
* Ukhuphiswano lweBusiness Beat lwe-R1000

UKHUPHISWANO LWEZICWANGCISO ZAMASHISHINI

Olu khuphiswano lunamanqanaba amathathu aquka ukuphuhliswa kwesicwangciso seshishini, ukusakha nokusomeleza.

Abagqatswa bayakwazi ukufikelela kuqheliso noqeqesho oluvela kubantu bamashishini abanamava yaye bayaluvuyela uncedo lweminyhadala yarhoqo yothelelwano nabanini-mashishini amancinane kunye nee-SMME. Kangangokuba uya kuphuma kukhuphiswano unezicwangciso zeshishini eziphuculwe ngenyani kunye nobuchule bokuziguqula zibe ziinkampani zokwenene.

Ekupheleni kwenqanaba lokuqala, abagqatswa abafikelele kwinqanaba lokugqibela banikezela ngezicwangciso zabo kuluhlu lwamachule anamava nabizelwe ukuba ngabagwebi kukhuphiswano, nabathi baqwalasele izicwangciso zamashishini baze banikezele imali elibhaso engama-R500 000 kwabo bathe baphumelela.

Ukungenela ukhuphiswano lwezicwangciso zamashishini, i-EnterPrize Business Plan Competition, akuhlawulelwa yaye ungabhalisa kwi-internet. Olu khuphiswano luqhutywa minyaka yonke.

Ukufumana ulwazi oluthe vetshe, dibana nabo kwezi nkcukacha:
NBI Cape Town Offices, Brookeside Suite 9 Twickenham, 11 Lansdown Road, Claremont, 7700
Inombolo engahlawulelwayo yokhuphiswano: 011 482 9697
Ifeksi: 011 388 0171
enterprise@nbi.org.za

UKHUPHISWA lweBUSINESS BEAT LWE-R1000

I-Business Beat neSebe loPhuhliso lwezoQoqosho noKhenketho baqhuba ukhuphiswano lwaminyaka yonke lwe-R1000, ukunceda abanini-mashishini amancinane abanezimvo ezibalulekileyo. Olu khuphiswano luqhutywa ngoJulayi nyaka ngamnye.

Ukungenela, okufuneka ukuba ukwenze kukubhala isicwangciso seshishini esingangephepha elinye, uchaze uluvo lwakho lweshishini, wandule ukusingenisa kwabakwaBusiness Beat.

Amangenelo aphumeleleyo aya kufumana i-R1000 ukukunceda ukuba uqale ishishini lakho. Uyakufumana kwakhona noncedo ngeengcebiso kwabakwaBusiness Beat isithuba seenyanga ezintathu.
Ukufumana ulwazi oluthe vetshe, qhagamshelana noThabo okanye uAlicia kwezi nkcukacha zilandelayo:
Inombolo yomnxeba: 021 422 2884
Ifeksi: 021 422 4759
capetown@businessbeat.co.za

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Amaziko eRED Door Anikezela Ngeengcebiso Kumashishini Asakhasayo, akhulayo Namakhulu (Department of Economic Development and Tourism, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Iinkqubo Zokuncedana Namashishini Asakhasayo Afikelele Kwiinkxaso-mali Nolwazi Kumashishini (IiNkonzo)
* Amaziko eRED Door Anikezela Ngeengcebiso Kumashishini Asakhasayo (iCandelo Likarhulumente)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 27 uJanuwari 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





