﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezezindlu > Ukuhlawulwa kweRente > Ukusonjululwa Kwempikiswano Phakathi Kwabahlali Abaqeshileyo Kunye Nabanini Bezakhiwo

Ukusonjululwa Kwempikiswano Phakathi Kwabahlali Abaqeshileyo Kunye Nabanini Bezakhiwo




INKCAZELO:

iNkundla Ejongene Nezindlu Eziqeshisayo inikezela ngeenkonzo ezisimahla kubaqeshi bezindlu kunye nabaqeshisi kwiPhondo lonke leNtshona Koloni. Ukuxoxwa kwamatyala kunye nolamlo lubanjwa ngethutyana nje elifutshane emva kokwenziwa kwesikhalazo.

Isekwe ngo-2001, le Nkundla inamalungu amahlanu (kubandakanywa uSihlalo kunye noSekela-sihlalo), atyunjwe nguMphathiswa wePhondo, malungu lawo anolwazi nobuchule kulawulo lwezindlu nemihlaba, kuphuhliso lwezindlu kunye nemiba yorhwebo enxulumene nokurentwa kwezindlu. INkundla yamatyala incediswa liCandelo Lolawulo Elinikezela Inkxaso Nezisombululo Kwiimbambano Kwimiba echaphazela Izindlu Eziqeshisayo.

Inkundla ixhibe:
* Ukuzolisa nokulungelelanisa ubudlelwane phakathi komqeshisi wendlu kunye nabaqeshi bezindlu kwicandelo lokurentwa kwezindlu.
* Ukusombulula iimbambano ezithi zivele nenxa yempatho-mbi.
* Ukwazisa abaqeshisi bezindlu nabaqeshi ngamalungelo abo kunye noxanduva abanalo ngokwemiqathango yoMthetho Ojongene Nomba Wokuqeshiswa Kwezindlu.
* Ukwenza nokunikezela ingcebiso kumaqela achaphazelekayo.

Iinjongo zayo:
* Kukukhuthaza uzinzo kwicandelo lerente yezindlu kwiNtshona Kapa.
* Kukuyila iindlela zokuqwalasela iimbambano kwicandelo lokurhentwa kwezindlu.
* Kukukhokela, ukuhlola, ukulamla nokuqhuba ukuxoxwa kwamatyala ukusombulula iimbambano.
* Ukwazisa abaqeshisi bezindlu kunye nabaqeshi ngamalungelo abo kunye noxanduva lwabo xa kuthe kwakho impatho mbi nezenzo ezingekho mthethweni.



IMIYALELO:


* 
* 
* 
* 
* 
* 

Iinkcukacha zoqhagamshelo
USIFAKA NJANI ISIKHALAZO?

Izikhalazo mazifakwe kwiphetshana lokufaka izikhalazo elinakho ukufumaneka kwiNkundla yamatyala. Ifayile yetyala elo ithi ivulwe ze yabelwe inombolo yesazisi.

INkundla yamatyala iya kuqhuba uphengululo lokuqala ukuqinisekisa into yokokuba isikhalazo sinxulumene nembambano ngokubhekiselele kumba onokuthi ube sisizekabani sempatheko mbi. Umhloli angathi ahlole iziko/indawo leyo kuthethwa ngayo aze aqulunqe ingxelo ukuba kuyimfuneko.

INkundla yamatyala kufuneka, kwiintsuku ezingama-30 zokufumana esi sikhalazo, iqinisekise into yokuba isikhalazo sibhekiselele kwimbambano ngokubhekiselele kumba onokuthi ube sisizekabani sempatheko mbi.

Ukuba ngaba isikhalazo asibhekiselele kwimbambano leyo, umkhalazi aziswe ngokubhalelwa. Ukuba isikhalazo asinxulumananga nembambano leyo, iNkundla yamatyala iya kuzama ukuwusombulula umba lowo ngolamlo olungamiselekanga/olusesikweni. Ukuba amaqela lawo ayasilela ukufikelela esigqibeni, ityala elo liya kudluliswa ze libe nokuxoxwa kufunyanwe isigwebo.


NGUBANI ONELUNGELO LOKUFAKA ISIKHALAZO?


Nawuphi na umqeshi okanye umqeshisi okanye iqela labaqeshi okanye labaqeshisi okanye iqela elinomdla kwiPhondo leNtshona Koloni linakho ukufaka izikhalazo kwiNkundla yamatyala yokuRhentwa kweZindlu eNtshona Koloni.


YINTONI ULAMLO?


Yinkqubo ethi ikhuthaze abantu ukuba bazisombulule iimbambano zabo ngothethwano, ngendlela ekhuselekileyo nefihlakeleyo. Abalamli abaqeqeshiweyo, abanamava kunye nabangakhethi cala bawanceda la maqela ukuba afikelele kwisivumelwano. Amaqela ngawo enza isigqibo ngesivumelwano ukuba siza kuba yintoni na ingabi ngabo abalamli. Isivumelwano sinokwenziwa umyalelo yiNkundla yamatyala.


KUTHETHA UKUTHIWANI NGOKUXOXWA KWETYALA?


Ukuxoxwa kwetyala yinkqubo apho amaqela amabini anakho ukwandlalai imiba engawaphathi kakuhle, enobungqina obubambekayo nobuxhasayo, ukulungiselela uikuba iNkundla yamatyala ibe nakho ukunika isigwebo esiya kuba sesokugqibela yaye sibophelela kumaqela onke. Inkqubo yeNkundla yamatyala inakho ukunikwa ingqwalaselo kwiNkundla ePhezulu.


KWENZEKA NTONI XA AMAQELA ENGASILANDELI ISIGQIBO SENKUNDLA?

Isigwebo esenziwe yile Nkundla sithatyathwa njengomyalelo weNkundla kaMantyi.

Nawuphi na umntu othe wasilela ukuthobela iCandelo 16 uya:
* Kufunyaniswa enetyala yaye uya kufunyanwa enobutyala, uyakugwetywa, uya kuhlawuliswa imali okanye avalelwe entolongweni kodwa angavalelwa ngaphezulu kweminyaka emibini, okanye zozibini.
* Umzekelo ukuba:
* Uthe wasilela ukuya kuxoxa engenasizathu sibambekayo.
* Uyala ukufunga.
* Uyala ukuvelisa amaxwebhu okanye into eselulawulweni lwakhe.
* Uzimisele ukuyiqhatha iNkundla.
* Uthe ngabom wanika iingxelo ezingeyiyo inyani.



UKUBA UFUNA ULWAZI OLUNGAPHEZULU, QHAGAMSHELANA


Iziko Lonxibelelwano: 0860 106 166

Inombolo Yefeksi: 021 483 2060


iNkundla Ejongene Nezindlu Eziqeshisayo kwiNtshona Kapa
Private Bag X9083, eKapa, 8000
iSebe Lezindlu
kwa-27 kwiSitalato iWale, eGround Floor, eKapa

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:


* Uphuhliso lweeNdawo zokuHlala zabantu (ISebe loRhulumente woMmandla nezeZindlu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
* INkundlaYamatyala Okuhlawulwa kweRente





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Iphetshana Elikhutshwe Liqumrhu leNtshona Kapa Elijongana Nezindlu Eziqeshisayo (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf; size: 142 KB)
* The Rental Housing Act, 50 of 1999 (UMthetho) (File type: pdf; size: 261 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Western Cape Rental Housing Tribunal: Regulations Governing Procedures and Staff Duties (UMmiselo) (File type: pdf; size: 273 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngabanini-mihlaba (IiNkcukacha Zoluntu)
* Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Yabantu Abahlala Kwiindawo Abaziqeshileyo (IiNkcukacha Zoluntu)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 4 uDisemba 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





