






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezezindlu > Iinkxaso-mali & Noncedo Lokuthenga Nokuzakhela Izindlu > INkqubo Yabantu Yokwakhiwa Kwezindlu

INkqubo Yabantu Yokwakhiwa Kwezindlu




INKCAZELO:

ICandelo loLawulo loLwakhiwo-zindlu lunceda oomaspala, iingingqi kunye nabantu abathabatha inxaxheba ngolwazi kunye neengcebiso ngokubhekiselele kwiNkqubo Yabantu Yokwakhiwa Kwezindlu(PHP).

Ithi kwakho iqwalasele, ilawule izicelo ze-PHP ze inikezele ngeemvume zokuqaliswa kweeprojekti.
INkqubo Yabantu Yokwakhiwa Kwezindlu yindlela yokunceda abantu abanelungelo lokufumana inkxaso-mali yezindlu ze ukwenza oku kube lulutho ze bathi abantu bazakhele okanye baququzelele ulwakhiwo lwamakhaya abo ngokwabo. Inceda amakhaya ukuba abe nokuzuza inkxaso-mali ze afumane inkxaso ebhekiselele kubuchule, kwimali, kwindlela zokusebenza kunye nolawulo ngokunxulumene nolwakhiwo lwamakhaya abo.


IMIYALELO:


* 
* 
* 
* 
* 
* 

Iinkcukacha zoqhagamshelwano
KUTHENI UTHABATHA INXAXHEBA NJE KWINKQUBO YOLWAKHIWO-ZINDLU YABANTU?


Abantu abazakhela amakhaya abo ngokwabo okanye abaququzelela ulwakhiwo lwamakhaya abo ngokwabo, banakho ukwakha izindlu ezingcono ngexabiso elingabhekele phi.

INkqubo yoLwakhiwo-zindlu yaBantu yenza ukuba:
* ulondoloze kwiindleko zentlawulo yabasebenzi kuba unakho ukuzenzela omnye umsebenzi wokwakha ngokwakho okanye ngokusebenza kunye nosapho lwakho, abamelwane, abahlobo okanye abanye abaze kukuncedisa.
* Ube nokuthintela ukuhlawula ingeniso kubaphuhlisi.
* Ukwandiswa kokusetyenziswa kwezigqibo ezizezakho.



INGABA ISEBENZA NJANI LE NKQUBO YOLWAKHIWO-ZINDLU YABANTU?


Ngokuphandle, iNkqubo yoLwakhiwo-zindlu yaBantu ikuvulela ithuba lokusebenzisa inkxaso-mali ukwakha indlu yakho. Uncedo lobugcisa kunye nenkxaso kule nkqubo lubaluleke kakhulu. Ngoko ke wonke umntu othabatha inxaxheba kule nkqubo kufuneka enoMbutho Oxhasayo. Lo mbutho unikezela ngenkxaso kubugcisa obuza kuthi buqinisekise ukuba indlu yakhiwa ngendlela eyiyo.


UWUYILA NJANI LO MBUTHO UXHASAYO?

Ukuze ube nakho ukuthabatha inxaxheba kwiNkqubo yoLwakhiwo-zindlu yaBantu, uMbutho Oxhasayo kufuneka usekwe. Abaxhamli bangathi:
* bazenze babe ngamalungu alo Mbutho Uxhasayo, okanye
* bachonge uMbutho Oxhasayo onekhono ze bangene kwisivumelwano kunye nawo.


UMbutho Oxhasayo kufuneka ube ngumbutho osemthethweni.

IKhowudi Yokwakhiwa Kwezindlu iqulethe iinkcukacha:
* Ngendlela yokuyilwa kombutho oxhasayo.
* Ngendlela yokwenza isivumelwano nombutho oxhasayo.
* Ngeendidi zemibutho exhasayo.
* Ngendlela enokuthi imibutho exhasayo iqhube ngayo indlela yenkxaso yolawulo lobugcisa.
* Ngobungakanani benkxaso ekufuneka inikezelwe ngumbutho oxhasayo.
* Ngendima edlalwa ngumbutho oxhasayo ekuthengweni kwempahla nezixhobo zokwakha.
* Ngeemfuno zokusekwa kwe-ofisi ephezulu.
* Nge-akhawunti yebhanka ekufuneka lo mbutho uxhasayo uyivulile.
* Ngokuqalisa nokuseka iminikelo ekhoyo nevulelekileyo kumbutho oxhasayo.
* Ngemfuno yokokuba umbutho oxhasayo kufuneka utyumbe okanye uqeshe umqinisekisi kunye nomlawuli we-akhawunti.



NGUBANI ONGENZA ISICELO?

Ukuze ube selungelweni kule nkqubo, kufuneka:
* Ube utshatile okanye uyahlalisana nomnye umntu okanye ube unabantu abaxhomekeke kuwe ngokwezimali.
* Ube ungummi ngokusemthethweni weli loMzantsi Afrika.
* Ube nalo ikhono ngokusemthethweni lokungena kwisivumelwano. Oko kukuthi, kufuneka ube ungaphezulu kweminyaka engama-21 ubudala okanye mawube utshatile yaye unengqondo ephilileyo.
* Wamkela isixa somvuzo ohlangeneyo ongekho ngaphantsi kwama-R3 500 ngenyanga.
* Ube akuzange ufumane inkxaso-mali kuRhulumente ngaphambili yokuthenga indlu.
* Ube uyaqala ukuba ngumnini-ndlu/ngumnini-mhlaba.
* Ube nakho ukuyila okanye ukungena kwisivumelwano noMbutho Oxhasayo osemthethweni. UMbutho Oxhasayo uya kukunika inkxaso yobugcisa nolawulo.



USENZA NJANI ISICELO?

UMbutho Oxhasayo ungenisa isicelo kwiBhodi yoPhuhliso yoLwakhiwo-zindlu yePhondo egameni labaxhamli.

Isicelo kufuneka sihambelane neemfuno ezithile zodidi lwenkxaso-mali yolwakhiwo-ndlu ekwenziwa isicelo salo. Unakho ukwenza isicelo senkxaso-mali yolwakhiwo-zindlu elandelayo njengenxalenye yeNkqubo yoLwakhiwo-zindlu yaBantu:
* inkxaso-mali emanyeneyo
* inkxaso-mali enxulumene neprojekti
* inkxaso-mali yeziko
* inkxaso-mali yophuhliso lwamaphandle.


Isicelo kufuneka sidwelise iindlela ekuvunyelwene ngazo yokwahlula imbambano phakathi koMbutho Oxhasayo kunye neentsapho ezixhamlayo kwimeko apho kunokuthi kuvele ukungqubana kwezimvo nokungavani ngeli xesha kuqhutywa iprojekti.

Kukwakho nezinye iimfuno ezongezelelweyo zodidi ngalunye lwenkxaso-mali nganye yolwakhiwo-zindlu. Iinkcukacha zezi mfuno zithiwe thaca kwiKhowudi yoLwakhiwo-zindlu
.
UKUFUMANA ULWAZI OLUNGAPHEZULU, QHAGAMSHELANA

Nedesika yoncedo ngeNkxaso-mali: 021 483 2342
Belinda Fortune
Imfono-mfono: 021 483 5238
bfortune@pgwc.gov.za

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

iCandelo Lolawulo Lwamaphulo Ezindlu (ISebe loRhulumente woMmandla nezeZindlu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* National Housing Code (Umgaqo-nkqubo) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Iinkxaso-mali Zokuthenga Nokwakha Izindlu Ezayanyaniswe Namaphulo (IiNkonzo)
* INkxaso-mali Yokwakhelwa Komntu Ngamnye Indlu (IiNkonzo)
* Iinguqu Kwiinkxaso-mali Zokuthenga Izindlu Kubantu Abakhubazekileyo (IiNkonzo)
* Iinkxaso-mali Ezimanyanisiweyo (IiNkonzo)
* Institutional Subsidies (IiNkonzo) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Relocation Assistance (IiNkonzo) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Inkxaso-mali Yophuhliso Emaphandleni (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 19 uJuni 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





