






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ushishino & Noqoqosho > Iinkonzo Zabathengi > Izikhalazo Zabathengi

Izikhalazo Zabathengi




INKCAZELO:

Ukuba ayikonwabisi inkonzo okanye imveliso, unalo ilungelo lokukhalaza. Unakho ukufaka izikhalazo zakho njengoMthengi kwiMisebenzi Yabathengi kwakunye noRhwebo olunoBulungisa.

UMkhuseli Wabathengi kunye neNkundla Yabathengi zikho ngenxa yezibonelelo zo Mthetho weMicimbi Yabathengi weNtshona Koloni (ondima ikukususa Iindlela Zoshishino Ezingalunganga) owawiswa ngenyanga yoMnga ka-2002.

I-Ofisi yoMkhuseli Wabathengi yasekwa ngenyanga kaCanzibe ngo-2003. UMkhuseli Wabathengi usebenza 'njengomtshutshisi' egameni labathengi ukuze azise izikhalazo/amatyala abo phambi kweNkundla le.
INkundla Yabathengi yinkundla ebekelwe bucala izikhalazo zabanthengi. Amalungu ale Nkundla aya kwaziswa ngenyanga yoKwindla ku-2004.


IMIYALELO:

Ungasifaka isikhalazo ngokutsalela umnxeba kwawonke-wonke ongahlawulelwayo kule nombolo 0800-007-081 okanye ngokunxibelelana ne-ofisi yabathengi yeNgcebiso esondeleyo kuwe.

Ungafaka isikhalazo nangokutslela iZiko iCape Gateway kule nombolo 0860 142 142. UMnxulumanisi weZiko loNxibelelwano uya kulibhala phantsi uludwe lwezikhalazo aze akunike inombolo yonxulumano. Isikhalazo siya kufumana ukuqwalaselwa yi-ofisi yoMkhuseli Wabathengi ngeeyurew nje ezingama-24 sifakiwe.

Ungasifaka isikhalazo ngekhompyutha kunye neMbutho yabaThengi yeSizwe.
Ukuze kubekho iziphumo ezanelisa kakhulu, sebenzisa ezi zikhokelo zilandelayo xa ufaka isikhalazo:
* Khalaza ngokukhawuleza kakhulu.
* Yithi mbho xa ukhalaza.
* Qinisa izikhalazo zakho ngamaphepha okuthenga njalo njalo.
* Yitsho ofuna kwenziwe.
* Banga igunya kodwa ube ngochubekileyo.
* Landela izikhalazo zakho emva kwexesha elingephi ukuba awukafumani kuphendulwa.
* Bhala phantsi ukuba ngubani na othethe naye yaye nini uze ugcine neekopi zeencwadi ezithunyelwe kuwe.



IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Ii-Ofisi Zeengcebiso Kubathengi


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Consumer Fair Trade (Department of Economic Development and Tourism, Provincial Government of the Western Cape)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Uqeqesho Ngemiba Yabathengi Iintlangano Kwaneenkonzo Zokunika Ulwazi (IiNkonzo)
* The Self-Help Approach to Consumer Problems (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf; size: 1.2 MB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Mass Consumer Awareness Campaign (IiProjekthi) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela okanye ngesiBhulu)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 19 uAgasti 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





