






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ushishino & Noqoqosho > Amaphepha-mvume Okushishina Ngotywala > Izicelo Zamaphepha-mvume Okuthengisa Utywala

Izicelo Zamaphepha-mvume Okuthengisa Utywala




INKCAZELO:

Nawuphi na umntu onqwenelela ukuthengisa, ukwenza nokuhambisa utywala ngokwasemthethweni ngokomthetho kufuneka abe nephepha-mvume lokuthengisa utywala.

Xa unokurhweba ngaphandle kwephepha-mvume, waphula umthetho yaye amapolisa angakuthathela amanyathelo omthetho, avale ishishini lakho yaye athimbe izinto zakho.

IBhodi yoTywala yePhondo isebenzisana nokukhupha amaphepha-mvume otywala.

Amaphepha-mvume okuthengisa utywala afuna ukuhlaziywa rhoqo ngonyaka.

UKUCHASWA KWESI SICELO LULUNTU

Uluntu lungafaka inkcaso ekubeni kukhutshwe iphepha-mvume. IBhodi yokuthengiswa kotywala iya kusiphonononga isicelo nazo zonke nezikhalazo ezifumanekileyo yaye iya kubona ukuba mayisamkele okanye isikhabe isicelo eso.

IMIQATHANGO

IBhodi yoTywala inakho ukunikezela ngephepha-mvume elinemiqathango. Imizekelo yeemeko eziqhelekileyo yiyo le:
* Ukuphunyezwa kwephepha-mvume phantsi kwesiqinisekiso sokwahlulwa kommandla okanye ngenxa yokuphunyezwa ngumaspala wakho ukuba ungayisebenzisa.
* Akufuneki mculo ungxolayo okanye ukonwabisa abantu kungxolwa kwiindawo zokutyela.
* Uthintelo lwamaxesha okurhweba.
* Uthintelo lokuqinisekisa ukuba iphepha-mvume lokuthengisa utywala lisetyenziswa kuphela ngenjongo ebicelelwa zona, umzekelo, ukuba indawo yokutyela ingabi yondawo yokuzonwabisa yasebusuku.


INKATHAZO
Ukuba izakhiwo zakho ezinesiqinisekiso zidala inkathazo kuLuntu, abangabamelwane bakho bangafaka isikhalazo. Amapolisa aya kumthathela amanyathelo uMrhwebi. Ukuba ingxaki iyaphikelela, iBhodi yoTywala ingabamba intlanganiso ize yakuva ibeke iimeko kwisiqinisekiso okanye iyichithe okanye iyimise ukuba ingasebenza iphepha-mvume elo.


IMIYALELO:


NGUBANI ONGAFAKA ISICELO SEPHEPHA-MVUME LOKUTHENGISWA UTYWALA?
Unakho ukufaka isiqinisekiso sokuthengisa utywala xa unokuba:
* Wasitsala isigwebo sakho entolongweni ngaphandle kokuhlawula imali kwiminyaka elishumi edlulileyo. (iBhodi ingenza umnyinyiva kwezinye iimeko).
* Utshonile ematyaleni.
* Usengumntwana.
* Ungumfazi okanye umyeni waba bantu kuthethwa ngabo ngentla apha.

KUFUNEKA USENZE NJANI ISICELO SEPHEPHA-MVUME LOKUTHENGISA UTYWALA?

Unakho ukusifaka isicelo sesiqinisekiso sokuthengisa utywala ngokwegqwetha okanye umcebisi wotywala okanye ungafaka isicelo wena ubuqu.

Iphepha Lesicelo liyafumaneka kwiThala leencwadi loMzantsi Afrika eKapa, okanye ke mhlawumbi usengayithenga incwadana yemimiselo epapashiweyo mayela noMthetho woTywala, equkaiphetshana lesicelo lokuqala. Eli phetshana lokwenza isicelo liphuma libe ziikopi ezintathu, zihamba kunye nekopi yokuqala yoMphathi Wamapolisa Othunyiweyo kwakunye nekopi yeBhodi yoTywala.

Hlanganisa uludwe lwenkcukacha lokuxhasa isicelo sakho, njengesiqinisekiso sokuba unayo indawo osebenza kuyo. Kwakhona fakela uludwe lwenkcukacha lwezakhiwo, njengemifanekiso yombala okanye uluhlu lwenkcazelo, ikopi yoludwe lwezipheko ukuba ukutya kuyanikezelwa) kumye nengcebiso zomgangatho, ezibonisa imeko kunye nemilinganiselo yamacango, iifestile, kunye neetafile kwakunye nokuma kwezitalato neendawo zokuphuma.

Isicelo kufuneka sichwethezwe singabhalwa ngesandla.

Intlawulo yesicelo emisiweyo kufuneka ihlawuliwe kwi-ofisi yokuhlala yokwamkela iintlawulo zemali kaRhulumente woMzantsi Afrika (iSARS) yaye isiqinisekiso sokuba kuhlawuliwe kufuneka sihlanganiswe kwisicelo eso.

KuLwesihlanu wokuqala wenyanga, ifomu egcwalisiweyo kufuneka ithunyelwe kuMantyi kwiSithili apho izakhiwo eziyakuqinisekiswa zikhona.

Kwiiveki ezimbini eziphambi kokuba isicelo sithunyelwe kuMantyi, isaziso sokuba uza kwenza oko kufuneka sithunyelwe kuBashicileli bakaRhulumente ePitoli ukuze zipapashwe kwiPhepha-ndaba likaRhulumente kuLwesihlanu wokuqala enyangeni. Isaziso esikwiPhepha-ndaba likaRhulumente siso kuphela isaziso sesicelo esinikezelwe eLuntwini.

UMphathi Owonyuliweyo waMapolisa weSithili uyakudlulisa ingxelo kuMantyi kwiintsuku ezingama- 35. UMphathi lo uyakwazisa imbutho yamapolisa oLuntu okuhlala okanye iqumrhu labahlawuli berhafu ngesicelo eso.

Uneentsukwana nje ezingama-42 zokuphendula, ngembalelwano, kwingxelo yamapolisa kwakunye kwanokuba unike isichaso.

Ukuba akukhange kubekho nkcaso ifumanekileyo kwaye ingxelo yamapolisa ifumanekile, isicelo singathunyelwa kwiBhodi yoTywala.

IBhodi yoTywala iya kuqaphelisisa isicelo ngasinye ngokuphathelele kumfaki-sicelo, kwizakhiwo kwakunye nomdla woLuntu.

Qaphela:

Ukuthobela izikhokelo ezimisiweyo apha akuqinisekisi mpumelelo yakuba isicelo siya kuvunywa. Umthetho wotywala kwakunye nemimiselo yayo inzima yaye aBafaki-sicelo kufuneka bafune iingcebiso zeenkunkqele ngokuphathelele ekusebenzeni kwawo.
Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe qhagamshelana neBhodi yoTywala yeNtshona-Koloni.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Liquor Licencing Administration (Department of Economic Development and Tourism, Provincial Government of the Western Cape)


IXABISO:

Kukho intlawulo yesicelo engama- R200.
Xa isiqinisekiso sinikezelwa udinga ukuhlawula le ntlawulo ilandelayo kwiofisi yentlawulo yeemali zikaRhulumente:
* Iphepha-mvume lokuba nendawo ethengisa utywala ingama - R100
* Iphepha-mvume lendawo ethengisa impahla ngokwemithwalo R2000
* iphephha-mvume lendawo ethengisa ukutya okuvuthiweyo - R250
* iphepha-mvume levenkile ethengisa utywala - R1000
* elinye nje iphepha-mvume olenzelwa bucala - R1000
* iphepha-mvume elikhethekileyo (lendawo yokuhlala) - R1000ukuba usebenzisa igqwetha okanye ingcali ezimeleyo useya kuhlawuliswa ezinye iindleko zale nkonzo. Le ntlawulo yahluka ngokuxhomekeka kwigqwetha/ngcali leyo. Kukho intlawulo ekhutshwa minyaka le ungadlulanga umhla wama-31 kweyoMnga. Ukungaphumeleli ukukhupha ezo ntlawulo zonyaka kwangethuba kungakhokelela ekuphelelweni kwephepha-mvume lakho lokuthengisa utywala futhi kuya kufuneka uphinde ufake isicelo selinye iphepha-mvume.


  ICANDELO LIKARHULUMENTE:

  IBhodi Ejongene Notywala yeNtshona Koloni


  IXABISO:

  Kukho intlawulo yesicelo engama- R200.
  Xa isiqinisekiso sinikezelwa udinga ukuhlawula le ntlawulo ilandelayo kwiofisi yentlawulo yeemali zikaRhulumente:
  * Iphepha-mvume lokuba nendawo ethengisa utywala ingama - R100
  * Iphepha-mvume lendawo ethengisa impahla ngokwemithwalo R2000
  * iphephha-mvume lendawo ethengisa ukutya okuvuthiweyo - R250
  * iphepha-mvume levenkile ethengisa utywala - R1000
  * elinye nje iphepha-mvume olenzelwa bucala - R1000
  * iphepha-mvume elikhethekileyo (lendawo yokuhlala) - R1000ukuba usebenzisa igqwetha okanye ingcali ezimeleyo useya kuhlawuliswa ezinye iindleko zale nkonzo. Le ntlawulo yahluka ngokuxhomekeka kwigqwetha/ngcali leyo. Kukho intlawulo ekhutshwa minyaka le ungadlulanga umhla wama-31 kweyoMnga. Ukungaphumeleli ukukhupha ezo ntlawulo zonyaka kwangethuba kungakhokelela ekuphelelweni kwephepha-mvume lakho lokuthengisa utywala futhi kuya kufuneka uphinde ufake isicelo selinye iphepha-mvume.




    This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

    YAYAMENE

    * Liquor Licence Application Fees (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf; size: 64 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
    * Liquor Act, 27 of 1989 (UMthetho) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



    Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 14 uMeyi 2006



    Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



    | IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



    Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







    I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





