






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa > Ukhuseleko Ekuhlaleni > Hlukanani Nabantwana Bethu

Hlukanani Nabantwana Bethu




INKCAZELO:



I-Hands Off Our Children Campaign (iHOOC ngamafuphi) yaphehlelelwa ngenyanga yoKwindla ngo-2002 ukunceda ekulweni ukuphathwa gadalala kwabantwana eNtshona Koloni. Eli phulo lisebenzisana noluntu ekuhlaleni ukuqnisekisa ukwaziswa koluntu ngokuphathwa gadalala kwabantwana, kuziwe namacebo okuthintela lo mkhuba nokuncedana namaxhoba. I-HOOC le ikuthabatha ukuphathwa gadalala kwabantwana njengengxaki enobuzaza nekufuneka ishukuxwe mbombo zone ngumntu wonke nkalo, zonke. Kungoko ke iinkqubo zokuthintela nezokufundisa uluntu ziqalwa ezikolweni, kwiindawo zokukhonza kwanakwamanye amaziko asekuhlaleni. Nazi ezona zicwangciso-maqhinga zokulwa nalo mkhuba:

Kucingeleka ukuba bangamakhulu amahlanu amawaka abantwana abathi baphathwe gadalala eMzantsi Afrika ngonyaka.


 


Lishumi elinesihlanu kuphela kwikhulu ngalinye lezehlo zokuphathwa gadalala kabantwana ezixelwayo nezidluliselwa phambili eNtshona Koloni.


1. Iphulo Eliluqilima Lokufundisa Ngobungozi Nokuthintelwa Kolwaphulo-mthetho Ezikolweni
   Le nkqubo ifundisa abahlohli nabafundi ngamalungelo noxanduva lwabo malunga nokuphathwa gadalala kwabantwana. Abafundi bayakhuthazwa ukuba banikezele ingxelo ngeentshukumo zokuphathwa gadalala yaye bakwanikwa neenkcukacha zoqhagamshelwano zeHOOC.


2. Inkqubo Yokunikezela Umkhomba-ndlela Kwabazali
   Le nkqubo yokunonotshelwa kwabantwana ngabazali ifundisa abazali ukuba baziphathe njani na xa benxunguphele naxa benemisindo nokuba bathethe njani na nabantwana babo ngemiba yesondo nokuphathwa gadalala.


3. Inkqubo Yokunikezela Inkxaso Kumaxhoba
   Le nkqubo incada amaxhoba okuphathwa gadalala kwabantwana ngokuwanika inkxaso ngokomoya nokuwanceda athi abuze apho angaqondi khona.


4. Inkqubo Yokubonisa Iindlela Ezahlukeneyo Zokuqeqesha
   Eli nyathelo lisebenzisana nootitshala, oonontlalo-ntle, amapolisa kwakunye nabatshutshisi ukuqinisekisa ukuba indlela ephucukileyo yokunxibelelana phakathi kwabo kwanokuthintela ukulibaziseka kumaziko aseburhulumenteni ekusebenzeni ngamatyala okuphathwa gadalala kwabantwana.



IMIYALELO:

Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha nge-HOOC okanye ke xa udinga uqeqesho, qhagamshelana: noTheresha Hanekom
kule nombolo yomnxeba: 021 483 5717
thanekom@pgwc.gov.za

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lokhuseleko loLuntu (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 26 uEpreli 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





