aMandla aMaxhoba oBugebenga noBundlobongela
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Isicelo segranti yegqala elivela emfazweni
Somnyenyevu wentlalo seNkonzo yeNtlalo yeHlabathi
Imeko esiqhelweni malunga nabantu abakhubazekileyo ukufakelwa igranti yentlalo kwiakhawunti
Iinkonzo zokuxhasa iintsapho aMandla aMaxhoba oBugebenga noBundlobongela
Nokubuyiselwa kwemeko esiqhelweni
Okwamkelwa kwikhaya labantu abadala
Isicelo sesibonelelo ngokwenkqubo
OkuKhusela aBantu eNdlaleni
IiNkonzo zooMasipala eziSisiseko zaMahala
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu
Imali kunye neenzuzo zentlalo
Inkonzo zentlalo aMandla aMaxhoba oBugebenga noBundlobongela
INkqubo yokuNika aMandla aMaxhoba oBugebenga noBundlobongela
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
INkqubo yokuNika aMandla aMaxhoba oBugebenga noBundlobongela ekuthiwa yi-Victim Empowerment Programme (VEP), iphembelela ukusekwa nokuhlanganiswa kweenkqubo nemigaqo phakathi kwamasebe okanye phakathi kwamacandelo, yokuxhasa, ukukhusela kunye nokunika amandla amaxhoba obugebenga nobundlobongela.
I-VEP inika ingqwalaselo eyodwa kwabasetyhini nasebantwaneni. Amaxhoba obundlobongela basekhaya asebunzimeni angahlala kwiziko lokusithela isithuba esiphakathi kweeveki ezimbini neenyanga ezintandathu, kuxhomekeke kwiimeko zabo.
Le nkqubo ifumaneka kumaxhoba obugebenga nobundlobongela.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Nxulumana nalo naliphina iziko lokuxhasa ixhoba, indawo yokusithela yabasetyhini abaxhatshazwayo kunye nabantwana babo, umniki-nkonzo karhulumente okanye umbutho ongekho phantsi kukarhulumente obandakanyeka ekunakekeleni amaxhoba obundlobongela basekhaya.
Nxulumana nendawo yokusithela ekwindawo ohlala kuyo okanye tsalela umnxeba kwiNombolo yoNcedo yokuNQANDA ukuXhatshazwa kwaBasetyhini ekuthiwa yi-STOP Women Abuse Helpline, ethi: 0800 150 150.
Umcebisi, umniki-nkonzo zempilo, ilungu leNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika okanye ipolisa, unontlalontle, utitshala okanye nawuphina umntu onomnqweno obambekayo kwintlalontle yomkhalazi (umntu oxhatshazwayo), angenza isicelo somyalelo wokhuselo (protection order).
Qinisekisa ukuba xa umntu othile, ongenguye umkhalazi, ezisa isicelo somyalelo wokhuselo, esi sicelo kufuneka sikhatshwe yimvume ebhaliweyo yomkhalazi.
Akukho fom iqingqiweyo yale mvume ibhaliweyo - incwadi esuka kumkhalazi, enika imvume ebhaliweyo, iyakwanela. Kodwa ke, zikho iimeko ezithile apho imvume ebhaliweyo ingangabiyomfuneko, ezifana naxa umkhalazi
Engumntwana ongekabinalungelo lokuzenzela izigqibo ngokusemthethweni
Engekho zingqondweni okanye
Ukubangaba inkundla yonelisekile ukuba umntu obandakanyekayo akanako ukunika le mvume ifunekayo.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Ixesha elifunekayo lokuqhubekisa umyalelo wokhuselo liyahluka ngokweenkundla kwaye lixhomekeke kumhla wokubuya (umhla ekuyakuqwalaselwa ngawo umyalelo wakho wokhuselo wokugqibela), obekwe ngumabhalane wenkundla.
Unontlalontle kunye nemibutho engekho phantsi kukarhulumente kufuneka o baxhase amaxhoba kwisikhululo samapolisa, enkundleni nasezibhedlele, ndawonye nokunika umkhalazi amandla xa ecela ukuncediswa; kwaye o banike inkcazelo malunga nemigaqo eyakulandelwa, amalungelo omkhalazi, indlela yokufumana umyalelo wokhuselo okanye ezinye iinkqubo ezifumanekayo umkhalazi angakhetha kuzo.
Luxanduva lukanontlalontle ukwenza ezi zinto zilandelayo:
o ukuthumela amaxhoba kwamanye amacandelo nakwezinye iinkqubo ukuze kwenziwe olunye ungenelelo, umzekelo, umyalelo wokhuselo, uncedo lwezonyango, iinkonzo zodliwano-ndlebe lokucebisa kunye nendawo yokusithela engenye;
o anike ubungqina bobuchule njengomsebenzi wale nyewe, ngokwazi iingxaki nobunzima kubudlelwane bangaphakathi kwiintsapho (kwiifemeli);
o abengumlamleli nomdibanisi kwinkundla yomthetho, apho ingxelo yobungqina bomntwana inikwa ngokweenkonzo zomlamleli nomdibanisi;
o avelise isicwangciso sokhuseleko lwexhoba okanye lwamaxhoba (amaxhoba kufuneka azichongele ngokwawo izidingo zawo zokhuseleko, ngokuncedwa ngunontlalontle).
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
