IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
Nawuphina umntu ovula le website (umsebenzisi) ukwenza oko phantsi kweemeko nemiqathango exelwe kwesi saziso sasemthethweni, kwaye uyazivuma iimeko nemiqathango exelwe kwesi saziso sasemthethweni. Ukubangaba umsebenzisi akanqweneli kubopheleleka kwezi meko nakule miqathango, umsebenzisi akanakuyivula, aveze, asebenzise okanye akhuphe futhi kungenjalo akope okanye asasaze, okanye kungenjalo akope okanye asasaze imiba equlathiweyo efunyenwe kule website.
USetyenziso kunye neLungelo lokuKhusela uMsebenzi owenziweyo
Abasebenzisi bangajonga, bakope, bakhuphele kumatshini wesiqhelo, baprinte kwaye basasaze imiba equlathwe kule website okanye nayiphina inxenye yayo, ngeenjongo zokufumana ikcazelo okanye zokubhekisa nokucaphula kuphela, kunye nangeenjongo ezingezizo ezorhwebo.
Amalungelo eMpahla neZinto eziyiMveliso yeNgqondo
Yonke imiba equlathiweyo, uvimba wenkcazelo, iimpawu okanye amagama okwazisa ngempahla nezinto okanye ngeemveliso, kubandakanywa, kodwa kungaphelelanga kuzo, izixhobo ezifakwa kwikhompiyutha, ubuchwepheshe, iziseko zokugcina nezinguvimba wenkcazelo, ulwazi lokwenza into ethile, umsebenzi othile obhaliweyo, ubugcisa bezinto ezizobiweyo neziphawulwe ngokubonakala ngamehlo, iimpawu ezimele izinto ezithile, izinxulumanisi ezigqithisela kwimiqulu ethile, inkcazelo yabucala, uyilo, inkqubo, upapasho, imveliso, inkqubo okanye umbono wasengqondweni, ochazwe kule website, zingaba phantsi kwamanye amalungelo, kubandakanywa amanye amalungelo empahla nezinto eziyimveliso yengqondo, ayimpahla ye-GCIS okanye anelayisensi enomnikazi oyi-GCIS, okanye iziko lasemthethweni, kwaye ngaloo ndlela ke akhuselweyo ekubeni aphulwe ngumthetho waseMzantsi Afrika kunye nezivumelwano zamazwe ehlabathi. Phantsi kwamalungelo anikwe umsebenzisi apha, onke amanye amalungelo kuzo zonke impahla nezinto eziyimveliso yengqondo kule website, abekwe pahaha, kwaye ngokuveza lo vimba wenkcazelo kule website, umsebenzisi akanikwa ilayisensi okanye akagunyaziswa.
Le nkcazelo ikule website inenjongo yokunika inkcazelo ngokubanzi kwisihloko esithile okanye kwizihloko ezithile kwaye ayijongani naso sonke isihloko okanye zonke izihloko ngokugqibeleleyo.
Luxanduva lomsebenzisi kuphela ukuzanelisa phambi kokuvula le website malunga nokuba le website iyakuzifezekisa na iimfuno ezizezomsebenzisi, kwaye iyakufanelana na nobuxhakaxhaka kunye nezixhobo ezifakwa kwikhompiyutha, okanye iyakufanelana na nezixhobo ezifakwa kwikhompiyutha. Inkcazelo, imibono yasengqondweni kunye nezimvo ezivakaliswe kwesi siza mazingathathwa ngokuba ziingcebiso zobuchule boqeqesho okanye izimvo ezigunyazisiweyo ze-GCIS okanye zalo naliphina iziko lasemthethweni ekufakwe inkcazelo, imibono yasengqondweni kunye nezimvo zalo kule website. Abasebenzisi bayakhuthazwa ukuba babonisane neengcebiso zobuchule boqeqesho phambi kokuba bathabathe amanyathelo awayamene nenkcazelo, imibono yasengqondweni okanye izimvo ezivakaliswe kwesi siza.
I-GCIS ayimelanga nto okanye ayenzi zithembiso zokuqinisekisa, eziboniswe ngokungavelanga gca okanye ngenye indlela, zokuba, phakathi kwezinye izinto, imiba equlathwe apha kunye nobuchwepheshe obufumaneka kwesi siza abunazimpazamo okanye izinto ezishiyiweyo, okanye zokuba le nkonzo iyakusinda ngokupheleleyo (ngokuziipesenti ezili 100) kuphazamiseko nakwiimpazamo, okanye iyakufezekisa indlela ethile yokwenza umsebenzi okanye yomgangatho. Esi siza sinikwa "njengoko sinjalo". I-GCIS iyazala pahaha zonke izithembiso zokuqinisekisa ezingavelanga gca, kubandakanywa, ngaphandle kokuqingqa, izithembiso zokuqinisekisa ukurhwebiseka nokuthengiseka, itayitile, ukulungela injongo ethile, ukungophulwa, ukufanelana, ukhuselo kunye nokuchaneka, kwaye ayimeli okanye ayenzi zithembiso zokuqinisekisa, ezivakaliswe pahaha okanye ngokungavelanga gca, malunga nemiba equlathwe yile website, namalunga nokuba i-website iqulungqelwe okanye ikhutshelwe ukufezekisa iimfuneko ezizezomsebenzisi. Abasebenzisi bayakhuthazwa ukuba bazixele naziphina iimpazamo ezinokuthi zibekhona, ukungasebenzi kakuhle okanye izinto ezikhubekisayo nezimanyumnyezi, ngokusebenzisa unxulumaniso lokunika inkcazelo ngeziphumo.
Ukusetyenziswa kwemiba equlathwe apha kule website kungumngcipheko womsebenzisi. Umsebenzisi uthabatha uxanduva olupheleleyo kunye nomngcipheko welahleko evela kusetyenziso lwemiba equlathwe apha kwesi siza. I-GCIS okanye naliphina iziko lasemthethweni ekufakwe inkcazelo yalo kwesi siza, okanye abaqeshwa be-GCIS, okanye elo ziko, abayikuba noxanduva lokufaneleka ekubeni bakhuphe intlawulo yembuyekezo yomonakalo elungiselelwe imeko ethile, engekho nqo, evela ngokwayamana, esisiphumo okanye esisohlwayo esogqitha imbuyekezo okanye nayiphina enye intlawulo yembuyekezo yomonakalo nokuba kungeyiphina indlela, nokuba kukumanyathelo ekhontrakthi, umthetho obhaliweyo owiswe yindlu yowiso-mthetho, isenzo esingalunganga nesaphula ilungelo (kubandakanywa, ngaphandle kokuqingqa, ukungahoyi), okanye ngenye indlela, eyayamene nokusetyenziswa kwalo mqulu okanye kwale nkcazelo. Ukubangaba nawuphina umba kule idlulileyo awunyanzeliseki ngokupheleleyo ngenxa yaso nasiphina isizathu, le iseleyo imiba yona iyakuqhubeka ukusebenziseka naxa kunjalo. Phantsi kwecandelo 43 necandelo 43 loMthetho woNxibelelwano neNtengiselwano ngokoMatshini woMbane (Electronic Communications and Transactions Act 25 of 2002), i-GCIS ayiyikubanoxanduva lokufaneleka kuyo nayiphina intlawulo yembuyekezo yomonakalo, ilahleko okanye uxanduva lokufaneleka lwalo naluphina uhlobo nokuba kuyiyo nayiphina indlela, oluvela ekusetyenzisweni okanye ekungakwazini ukusebenzisa le website, okanye iinkonzo okanye imiba equlathiweyo ekhutshwa ngale website okanye enikwa ngokwale website.
Unxulumaniso oluthile kwisinikezeli seenkqubo ze-web lukhokelela kwizinto ezisetyenziswayo ezigcinwa nezilondolozwa ngababandakanyeki besithathu i-GCIS engenalawulo kubo. I-GCIS ayimeli nto okanye ayenzi sithembiso sokuqinisekisa ngokumalunga nokuchaneka kwezo zinto zisetyenziswayo okanye nawuphina omnye umba owayamene nezo zinto zisetyenziswayo.
Ukubangaba umsebenzisi udinga nayiphina inkcazelo kwi-GCIS malunga neenkonzo zayo okanye imiba equlathwe kule website, kungasetyenziswa unxulumaniso lokunika inkcazelo ngeziphumo.
Ukukhuseleka
Ukhuselo
I-GCIS inemigangatho yorhwebo enengqiqo yobuchwepheshe kunye nokhuselo lokwenza imisebenzi ukuze ikhusele yonke inkcazelo enikwe ngabasebenzisi, ekulahlekeni, kusetyenziso kakubi, kuguqulo okanye kutshatyalaliso. Kuyakuthatyathwa wonke amanyathelo anengqiqo ukuze kukhuselwe inkcazelo yomsebenzisi. Abasebenzi abagunyazisiweyo abanoxanduva lokugcina nokulondoloza nawuphina uvimba wenkcazelo enikiweyo efanele ukunonophelwa, bafuneka ukuba bagcine loo vimba wenkcazelo eyimfihlo. Lo mgaqo usebenziseka kubo bonke abaqeshwa be-GCIS okanye amaqumrhu oluntu angafumana loo nkcazelo kwi-GCIS. Kuyatsoliswa ukungavumeleki kwakhe nawuphina umntu, ishishini okanye iziko ukuba lifumane okanye lizame ukufumana ufikelelo olungagunyaziswanga kulo naliphina iphepha kule website, okanye lifake okanye lizame ukufaka uvimba wophawu olonakalisayo okanye olunenjongo yokwenzakalisa kule website. Ukubangaba umntu ufaka okanye uzama ukufaka nawuphina uvimba wophawu owonakalisayo okanye oneenjongo zokwenzakalisa kule website, okanye uzama ukufumana ufikelelo olungagunyaziswanga kulo naliphina iphepha kule website, loo mntu uyakumangalelwa ngesenzo sobugebenga, kwaye, ukubangaba i-GCIS, okanye naliphina iqumrhu loluntu lingonakalelwa okanye lifumane ilahleko, kuyakubangwa intlawulo yembuyekezo yomonakalo wentlalo.
UNxulumaniso kunye nokuNgqinga
Intshayelelo
Umsebenzisi angatyelela esi siza ngaphandle kokunika inkcazelo ngaye ubuqu. Nangona kunjalo, umsebenzisi uyaluvuma usetyenziso lwalo vimba wenkcazelo ngokuhambisana nesi sitetimenti sokubanethuba lakho wedwa labucala. Nceda uqaphele ukuba esi siza singaqulatha unxulumaniso nezinye iziza ezingalawulwayo sesi sitetimenti sokubanethuba lakho wedwa labucala.
I-GCIS ingasebenzisa amaqebengwane enkcazelo (iifayili ezincinane zenkcazelo ebhaliweyo ezigcinwa kwindawo yokuhlola yomsebenzisi) okanye iintlantsi ze-web (imifanekiso yombane eyenza ukuba le website ibale abasebenzisi abavule iphepha elithile kunye nokuveza amaqebengwane athile enkcazelo), ukuze iqinisekise ukuba i-website ilawulwa kakuhle kwaye iphembelele ukuphuculwa kwesiza. I-GCIS okanye umniki-nkonzo okanye abaniki-nkonzo bayo bangasebenzisa amaqebengwane enkcazelo ukuze baqokelele uvimba wenkcazelo equngeneyo. I-GCIS ingasebenzisa ezo zixhobo kumaxesha ngamaxesha ukuze ikhangele inkcazelo kwiinkqubo zayo kwaye ichonge amacandelo wabasebenzisi ngemiba efana ne-adresi ye-IP, indawo egqamileyo ye-internet, uhlobo lomhloli kunye namaphepha atyelelweyo. Le nkcazelo ixelwa kumlawuli we-web, othi ke yena asebenzise le nkcazelo ukuze acubungule inani labasebenzisi kwimimandla eyahlukeneyo yesiza kwaye aqinisekise ukuba esi siza sisebenza njengomthombo wenkcazelo oluncedo nofezekisayo.
Usetyenziso lwenkcazelo yobuqu
Inkcazelo yobuqu isetyenziswa kuphela ngeenjongo eziqingqiweyo, umzekelo xa umsebenzisi ebhalisa kwi-website ukuze acele unxibelelwano lwexa elizayo malunga nemimandla yeminqweno ye-GCIS. I-GCIS ingayisebenzisa inkcazelo enikwe ngumsebenzisi ukuze iseke ubume bobuqu ukuze iqhelanise iindlela zayo zokusabela kwizicelo ezizayo okanye kwizicelo zokubuzisa kunye nokuphucula i-website. Xa umsebenzisi ekhetha ukubhalisa kwi-online ukuze afumane imiba ekhutshwa yi-GCIS, i-GCIS iyakusebenzisa inkcazelo enikwe ngumsebenzisi ukuze iphendule umsebenzisi. Ngaphezulu koko, umlawuli we-web, apho kuyimfuneko, angasebenzisa inkcazelo yomsebenzisi kwimisebenzi eyahlukeneyo eyayamene nesiza. I-GCIS iyakuqinisekisa ukuba nayiphina imisebenzi yentengiso iyahambisana nomthetho obandakanyekayo kwaye isetyenziswa ngemigaqo yokufumana imvume eyimfuneko phambi kokuthumela i-e-mail yomsebenzisi equlathe inkcazelo ngeenkonzo ze-GCIS. Naninina, umsebenzisi angacela i-GCIS ukuba iyeke ukuthumela loo nkcazelo kumsebenzisi, ngokusebenzisa unxulumaniso lokunika inkcazelo ngeziphumo okanye lokucima ubhaliso.
Nangona nje i-GCIS inganika inkcazelo yomsebenzisi kubaniki-nkonzo abaphatha inkcazelo egameni layo, ayidli ngokwabelana ngenkcazelo nababandakanyeki besithathu okanye amanye amaziko oluntu ngeenjongo ezikwinqanaba lesibini okanye ezingayamenanga, ngaphandle kokuba kuvezwe ngenye indlela kwindawo yokuqokelela.
Inkcazelo yobuqu ingakhutshwa ngokwamazwe ehlabathi ngokwe-GCIS okanye kubabandakanyeki besithathu ngeenjongo ezichazwe apha ngasentla. Oku akuyi kubandakanya utshintshelo kumazwe angenamigaqo yokukhusela uvimba wenkcazelo efana naleyo isetyenziswa kwilizwe ekuhlala kulo umsebenzisi. Ngokunika inkcazelo kwi-GCIS ngokwale website, umsebenzisi uyaluvuma olo tshintshelo.
Xa kufanelekile, inkcazelo ngobuqu bomntu ingavezwa kwii-arhente zokunyanzelisa umthetho, okanye ezokugqalisela okanye ezinye ii-arhente zikarhulumente okanye ababandakanyeki besithathu xa kuyimfuneko okanye kunqweneleka ukuze kuhanjiswane noxanduva lwasemthethweni okanye logqaliselo okanye nezicelo, okanye ngeenjongo ezichazwe apha ngasentla.
Ukufikelela kwiNkcazelo yoBuqu
Ukubangaba inkcazelo yobuqu ithunyelwe kule website, abasebenzisi abanqwenela ukuqwalasela ngokutsha inkcazelo yabo yobuqu bangakwenza oko ngokucela olo qwalaselo ngokutsha ngonxulumaniso lokunika inkcazelo ngeziphumo. Abasebenzisi bayakuthi ke bakwazi ukufikelela kubume babo bobusebenzisi, balungise kwaye bafake inkcazelo yakutshanje kwiinkcukacha zabo, okanye bacime ubhaliso naninina. Abasebenzisi abanengxaki ngokuveza ubume babo bobusebenzisi, okanye abangathanda ukucela ikopi yenkcazelo yobuqu babo, kufanele banxulumane nomlawuli we-web ngokusebenzisa unxulumaniso lokunika inkcazelo ngeziphumo. Kuzo zonke iimeko, i-GCIS iyakujongana nezicelo zokuveza inkcazelo okanye zokuguqula inkcazelo ngokuhambisana neemfuneko ezibandakanyekayo zasemthethweni.
Akukho sivumelwano
Ukhuselo lwethuba elilodwa nelabucala labantwana
Ukunika inkcazelo yakutshanje kwezi Meko nakule Miqathango
I-GCIS iyalibeka ilungelo lokuguqula, ukulungisa, ukongeza okanye ukususa kwinxenye okanye kuzo zonke ezi meko nemiqathango yokusetyenziswa, kumaxesha ngamaxesha. Iinguqu kwezi meko nakule miqathango yokusetyenziswa ziyakuqala ukusebenza zakube ezo nguqu zifakwe kule website. Luxanduva lomsebenzisi ukumana ekhangela ezi meko nale miqathango yokusetyenziswa kule website ukuze ajonge iinguqu okanye imiba yenkcazelo yezinto zakutshanje. Ukumana kusetyenziswa le website ngumsebenzisi emva kokufakwa kweenguqu okanye imiba yenkcazelo yakutshanje, kuyakuthathwa ngokuba sisaziso sokwamkela komsebenzisi ukulandela kunye nokubopheleleka kwezi meko nakule miqathango yokusetyenziswa, kubandakanywa ezo nguqu okanye loo nkcazelo yakutshanje.
I-adresi yokuPosa:
I-Adresi yeSitalato:
Inombolo yomnxeba: +27 12 314 2911
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
