Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zemibutho
Isicelo sokuseka i-learnership (inkqubo yokufundisa nokuqeqeshela umsebenzi), njengomniki-nkonzo zoqeqesho
Inkcazelo
Ukuze ufumaneinkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe leZabasebenzi.
Inkqubo emayilandelwe
Abaniki-nkonzo zoqeqesho mabenze isigqibo sokuba zeziphi ii-learnerships abanganika uqeqesho kuzo.
Ukuze anikwe uqinisekiso lokuvunywa nokwamkelwa, umniki-nkonzo zoqeqesho kufuneka:
Alandele iinkqubo ezifanelekileyo zemfundo, uqeqesho kunye nophuhliso; kwaye
Xa abaniki-nkonzo zoqeqesho sele beyikhethile i-learnership, kuyakufuneka bafune abaqashi ukuze banike abafundi amava omsebenzi.
Abaniki-nkonzo zoqeqesho kunye nabaqashi abayakunika amava omsebenzi kufuneka bavumelane malunga nezi zinto zilandelayo:
Indlela ekuyakukhethwa ngayo abafundi; kunye
Nendlela abaya kufumana ngayo abafundi.
Abafundi bangaba ngabasebenzi asele beqashiwe ngumqashi okanye ingaba ngabantu abangasebenziyo. Nxulumana neziko lezabasebenzi elikufuphi kuwe ukuze uqonde ukuba iSebe leZabasebenzi lingakunceda njani ukuze ufumane abafundi abangasebenziyo.
Abaqashi, abaniki-nkonzo zoqeqesho kunye nabafundi kufuneka batyikitye (basayine) isivumelwano se-learnership.
Abaniki-nkonzo zoqeqesho kufuneka baqalise uqeqesho ngomhla ekuvunyelwene ngawo kwisivumelwano se-learnership.
Ixesha elithatyyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Yenza isicelo kwiSebe leZabasebenzi.
Nceda ukhethe iphondo
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
