﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Amaphulo > Ushishino & Noqoqosho > Amashishini Amancinci > Iphulo i1000 x 1000

Iphulo i1000 x 1000




INJONGO:


Eli phulo lijolise:

* ekukhuthazeni abantu abangaphangeliyo ukuba babe ngabanini-mashishini
* ekunciphiseni intswela-ngqesho ngokuthi linike uluntu ithuba lokuqalisa ishishini
* ekunikezeleni ngenkxaso egqibeleleyo kwiwaka labantu abathabathe inxaxheba kwisithuba sexesha eliziinyanga ezine

Le nkqubo iyingxenye yenkqubo yeRED Door.


ISIQALO:

17 uMatshi 2005


ISIPHELO:

31 uMatshi 2006


UMGANGATHO:

Liyaqhubekeka


INKCAZELO:


IMIBUZO EBUZWA RHOQO:


1. Ndixelele banzi ngeli phulo.
2. Ingaba ndiza kulifumana liziinkozo eli waka leerandi?
3. Ingaba avalwa nini amangenelo kweli phulo?
4. Ingaba ndingaqwafaka agqithileyo kwisinye? Ukuba ndinemibono engaphezu kwesinye yoshishino?
5. Ingaba ndingangenela ukuba sele ndinalo kakade ishishini?
6. Ingaba kuya kufuneka ndiyibuyise le mali?
7. Ingaba abantu abagqithileyo kwisinye bosapho olunye bangawafaka amangenelo abo kweli phulo?
8. Ingaba sinhgayihlanganisa le mali/Singangenela kunye?
9. Ingaba eli phulo livuleleke kuluntu obeusa kuhleleleka kuphela?
10. Ukuba ishishini lithi libhange?
11. Ingaba kungakho nabani na onokusinceda?
12. Andivisisani nomcebisi wam, ndingenza ntoni?
13. Ndinesidanga/ndifundile, ndingangena?


================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================

1. Malunga neli phuloUrhulumente wephondo leNtshona Koloni uya kube enikezela kumntu ngamnye kwiwaka labantuabangaphangeliyo , iwaka leerandi ukuze baqalise amashishini angawabo. Ekufuneka ukwenzile nje wena kukuza nombono OPHILILEYO woshishino. Ukuba siwuthandile loo mbono, siya kukunika iwaka leerandi kwakunye neengcebiso EZISIMAHLA zengcali yezoshishino.


1. Namphi na ummi woMzantsi Afrika ongaphezu kweshumi elinesibhozo leminyaka ubudala, ohlala eNtshona Koloni agangenela.
2. Iimpepha zokufaka izizcelo zingafumaneka ze zishiywe kumathala eencwadi kawonke-wonke kwanakwii-ofisi zeRED Door offices okanye ke zifumane kwikhompyutha.
3. Khawufumane imithetho kwakunye nentengiso apha.


Inkqubo yeli phulo ingolu hlobo:

* Eli phulo liyakuwavala amangenelo ngomhla wamashumi amathathu ananye kwinyanga kaCanzibe apha ku-2005.
* Emva koko, kuya kuthi kuqhagamshelwane nabo bonke abo bafake izicelo ukuqinisekisa iinkcukacha zabo.
* Inkqubo yomjikelo wokuqala wokukhetha iya kwenziwa ze neentshukumo zodliwano-ndlebe nabafaki-zicelo zenziwe ngenyanga yoMsintsi nabo bafaki-zicelo bafakwe kuluhlu olufutshane.
* Ekupheleni kwenyanga yeSilimela, kuya kukhutshwa kuvakaliswe iwaka lamagama.
* Aba bafaki-zicelo baya kuncediswa ekuqulunqeni imibono yoshishino ngokwendlela abawaboba ngayo amashishini abo ngokuthi bancedwe ngumcebisi.
* Baya kuba nenyanga ukuqoshelisa oku.
* Eli waka leerandi liya kuthi ke linikezelwe.
* Kwisithuba sexesha eliziinyanga ezintathu emva koko, eli shishini liya kuncediswa ze kubekwe iliso kulo ngumcebisi ekunyanzelekileyo ukuba abe kulo.
* Uhlolo lokugqibela luya kwenziwa ze abaphumeleleyo baziswe ngenyanga kaCanzibe ku-2006.
* Abaphumeleleyo baya kufumana emnye ukuya kuma kwisihlanu samawaka eerandi ngeenjongo zokwandisa amashishini abo.
* Eli linyathelo leSebe Lophuhliso Loqoqosho Nezokhenketho.


2. Ingaba ndiza kulifumana eli waka leerandi liziinkozo?Hayi, kuya kuthengelwa ishishini lakho iimveliso okanye izixhobo ngokweemfuno zakho

3. Ingaba avalwa nini amangenelo kweli phulo?Ngomhla wamashumi amathathu ananye kwinyanga kaCanzibe apha ku-2005

4. Ingaba ndingawafaka amangenelo angaphaya kwesinye? Ukuba ndinemibono yoshishino engaphaya kwesinye? Hayi, kuya kufuneka ukhethe owona mbono ungakuphumelelisa kweli phulo.

5. Ingaba ndingangenela ukuba sele ndinalo sihishini elilelam?
Hayi eli phulo lijoliswe kubantu abangaphangeliyo kuphela. Lenzelwe abantu abangenangeniso konke-konke.

6. Ingaba kuya kufuneka ndiyibuyise le mali?
Ewe, noxa kunjalo, amashishini angaphumeleliyo, awayi kohlwaywa kodwa ke kuya kufuneka aphendule ukuba ayitheni na imali. Apho kufunyaniswa uukba imali yasetyenziswa ngendlela engenankathalo, okanye yasetyenziselwa omnye umbno woshishino ongenguwo lowo ibikhutshelwe wona, umthabathi-nxaxheba kuya kufuneka ayibuyise le mali.

7. Ingaba amalungu osapho olunye angaphaya kwesinye angangenela kweli phulo?
Ewe, umntu azingenele ngokwakhe futhi ngombono wakhe woshishino.

8. Ingaba singayihlanganisa imali yethu okanye singenele kunye?
Hayi, kufuneka umbono omye woshishino kumntu ngamnye.

9. Ingaba eli phulo livuleleke kubemi beli ababesakuhleleka kuphela na?
Hayi, bonke abemi bangangenela, kodwa ke kufuneka ube akuphangeli.

10. Ukuba ishishini lithi lingaphumeleli?
Akuyi kohlwaywa ukuba ishishini lakho lithi lingaphumeleli, kodwa ke, kuya kufuneka uchaze zonke iinkqubo ozilandeleyo kwelo shishini.

11. Ingaba uya kubakho umntu onokusinceda? Ewe, umntu ngamnye uya kunikwa umcebisi EKUNYANZELEKILEYO ukuba abekho.

12. Andivisisani nomcebisi wam, ndingenza ntoni? Izikhalazo/ukungoneliseki kungathunyelwa kumlawuli oyintloko weli phulo oya kuthi yena awushukuxe loo mba ngendlela ewufaneleyo.

13. Ndinesidanga/ndifundile, ndisengangenela?
Kakade, ngelixa ungekaphangeli okanye ungengomfundi ngexesha lesi sicelo, ungasifaka isicelo sakho.



IXHASWA NGEZIMALI YI-:

Department of Economic Development and Tourism (Provincial Government of the Western Cape)




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 25 uAgasti 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





