INtlanganiso YoNyaka KaWonke-Wonke Ka-2010 Ye-SATI
Bekuluvuyo ngokwenene ukwamkela amalungu amaninzi kakhulu abedlamkile nabezaliswe yimincili kwiNtlanganiso Yonyaka KaWonke-Wonke yama-54 yoMbutho ngomhla wama-26 kuFebruwari. Bekukwakho nebathwana lamalungu asuka kude – njengaseKapa, eBloemfontein, ePotchefstroom, eQwaQwa nase-KZN. Abanye abebekho ibe ngumongameli ohloniphekileyo we-SATI, uGqr. uJan Picard, nowakwakhe uJulie, ndawonye nomsebènzi okuqeqesho lwe-PR kwi-SATI, uGizela Mendes. Ibe ngamalungu angamashumi amahlanu anesine athe azimasa le Ntlanganiso YoNyaka KaWonke-Wonke, angama-30 kuwo ebeneziqinisekiso, nathe anelungelo lokuvota.
  Onke amalungu afumene ikopi yengxelo yonyaka yoMbutho. Ixesha elininzi lale ntlanganiso liye lachithwa kuphicothwa le ngxelo kwaye kugxininiswa kwiinkalo zayo eziphambili. Usihlalo we-SATI uAnne-Marie Beukes ukhankanye elokuba ibhunga elitsha sele lineenyanga eziphuthaphutha isithoba lisebenza kwaye belibila lisoma lizama ukuphucula inkonzo eliyenzela amalungu. Uyigxininisile into yokuba amalungu ebhunga asebenza njengamatshantliziyo, kwaye ngumlawuli ophetheyo nabancedisi ezincwadini kuphela abahlawulwayo. Kwenziwe nelizwi elilodwa lombulelo kumalungu azinikela njengamatshantliziyo ekuguquleleni i-Bulletin neminye imiba; le nto ixatyiswa gqitha ngumbutho njengoko uzibophelele ekukhuthazeni ukusetyenziswa kweelwimi ngeelwimi. Ilungu leli bhunga uManzo Khulu uhlabe ikhwelo kumalungu angakumbi ukuba azimanye nathi ekuphumeleni elubala neelwimi zawo “ezifihliweyo.”
  Kuthe kwakungenwa kumba wezimilo, yavuka yema ngeenyawo ingxoxo kusithiwa izimilo zisebenza macala onke yaye maxa wambi iba ngamalungu angafumani zimilo ziphucukileyo, ngokomzekelo, kubaxumi abangahlawuli ngokukhawuleza (okanye abangahlawuli nokuhlawula oko!). Kuye kwavelwa nesiphakamiso esithi makubekwe imigaqo yoshishino yaye ibe nokufunyanwa nangubani na. UMarion Boers yena ukhankanye elokuba uMbutho WabaGuquleli BeeLwimi BamaZwe NgamaZwe umaxhaphetshu uzama loo nto kanye. Amalungu avele neengcebiso ngeengcebiso malunga nendlela yokulwa nale ngxaki, ngokomzekelo, ukufaka abo bahlawula kakubi kuluhlu lwamagama amabi (blacklist) (kukho iiwebhusayithi onokwenza oko kuzo) kunye nokufuna idipozithi ngaphambi kokuqalisa ukusebenza.
  Kuye kwaqwalaselwa nemicimbi eyahlukahlukeneyo ebibanjwe yi-SATI ngo-2009, ngokukodwa amaBhaso eNguqulelo YoLwimi NeziChazi-Magama Ezisemagqabini. Kuye kwaphakanyiswa umbuzo othi akunakwenzeka na ukuba la mabhaso aquke nokutolika. Ngokubanzi kubekho uluvo oluthi la mabhaso aya ehlonelwa – axhaswa kakuhle gqitha ngabapapashi, abaphumeleleyo baye baxola kwaye aye abhengezwa nakumaziko osasazo. Le nto yenze kwaphela sele kuxoxwa ngendlela yokutsalela abantu kuMbutho nokwandisa indumasi yawo. Seso sizathu kanye ke esenze ukuba i-SATI iqeshe umsebènzi okuqeqesho lwe-PR kwiYunivesithi YezoBugcisa YaseTshwane nonyakanje, ngenjongo yokuncedisa ekuququzeleleni imicimbi engakumbi nokufunqula umgangatho walo Mbutho. 
  Ukukhutshwa kweziqinisekiso kube ngomnye umba obe ngunozala wengxoxo. Amalungu abe noluvo oluthi mhlawumbi sele ilixesha lokuba yandiswe le nkqubo ukuze iquke ukukhutshwa kweziqinisekiso ekuhlaleni nasemisebenzini. IBhunga liye lanikwa nomyalelo wokuba likhe liphande mayela noku. Omnye umbuzo okhe waphakanyiswa malunga nokukhutshwa kweziqinisekiso umayela namalungu asebenza ngeelwimi ezingasetyenziswa kakhulu kangako nendlela enokwenziwa ngayo loo nto. 
  ICandelo laseBholani lenze isaziso sokuba liza kubhiyozela unyaka walo wama-20 nonyakanje yaye liza kumema amalungu eze kuvuyisana nalo kudederhu lwemicimbi, oluya kuthi lufikelele kuvutho-ndaba ngoSuku LokuGuqulela IiLwimi LwamaZwe NgamaZwe. Sinethemba lokuba i-SATI nayo iza kubhiyozela olu suku kunye neli candelo kulo nyaka.
  Isiphakamiso esenziwe kwintlanganiso sokuba intlawulo ka-2011 makwenziwe isigqibo ngayo kusetyenziswa inkqubo yokuvota nge-elektroniki ekuthambekeni kwalo nyaka samkelwe ngamxhelo-mnye, kusithiwa inokwandiswa le ntlawulo ngenxa yobunkenenkene bezoqoqosho.
  Ekuqukumbeleni, uAnne-Marie Beukes ubambe ngazibini kuwo onke amalungu ngenkxaso yawo, akabalibala ke phofu nabakwaWaltons ngokuxhasa kwabo ingqungquthela ethe yalekela le Ntlanganiso YoNyaka KaWonke-Wonke. UGqirha Picard uthe ngxatsho ke kuAnne-Marie kunye nebhunga ngomsebenzi wabo osemagqabini nenqanaba elitsha abalibeke kuwo lo mbutho.
  Imizuzu yeNtlanganiso YoNyaka KaWonke-Wonke iya kunikwa amalungu kwiinyanga ezimbini ezizayo.
Umsebènzi Wethu Okuqeqesho
I-SATI imamkela ngezandla ezishushu uGizela Mendes oza kuba ngomnye weqela lethu elisebenza kwiofisi yalo Mbutho kangangee-nyanga ezisithoba ezizayo. UGizela uza kuba sisandla se-SATI ekuphumezeni ezinye zezicwangciso zebhunga     ekubekeni     lo    Mbutho
phakathi kweminye nasekuququzeleleni imicimbi yamalungu. Naye ke bethu, uya kufumana amava awasweleyo ekugqibezeleni i-National Diploma yakhe kwezoNxibelelwano LwamaZwe NgamaZwe. 
  UGizela lo uphuma kwelase-Angola, nakuba nje ehleli ubomi bakhe bonke ePitoli. Ufike ekhaya ke apha kwa-SATI, nanjengoko esithetha de asikhuphe nangeempumlo isiNgesi, isiPhuthukezi kunye nesiBhulu yaye ekwazi nokuncokola nge-Spanish. Uyakuthanda ukufunda, ukuhamba, ibhola yentenetya nomculo. Unomdla ngomsebenzi wakhe kwi-SATI kwaye sele esitsha ziintambo efuna ukubona iinkalo ngeenkalo zalo msebenzi nokufumana amava ebudeni balo nyaka.
Ingqungquthela engezimilo
Ingqungquthela engezimilo ebisandulelwa yiNtlanganiso YoNyaka KaWonke-Wonke ibibangel’ umdla yaye ibivul’ ingqondo. UJohan Blaauw uye wagabul’ izigcawu ngokuchaza isizathu sokuba umntu kufuneka abe nemigaqo yezimilo waza wachaza nendlela ezinokulungelelaniswa ngayo iintlobo-ntlobo zaloo migaqo. Into ebalulekileyo kukuba nawuphi na umgaqo kufuneka uquke imigaqo yokuqinisekisa undiliseko kwabo balawulwa nguwo kwanomgaqo neenkqubo zoluleko kwabo bangawuthobeliyo. Into ejonge ukuyenza ke i-SATI ngumgaqo osebenza ngokubanzi oquka onke amasebe omsebenzi wethu nazo zonke iinkalo, uluhlu lwemithetho ecacisa loo mgaqo, kunye nenkqubo yoluleko. 
  Amalungu aye afaka iimeko eziphandiweyo ezibandakanya imibuzo malunga nezimilo yaye ziye zanikwa ingqwalasela zaza zaxovulwa. Enye imeko ibe kukurhwebesha abaxumi boogxa bethu. Luye lwalunye uluvo lwathi le nto ayihambisani nezimilo (le nto ke ayifani nokhuphiswano oluqhelekileyo apho omnye ezifumanela inkcazelo malunga nabaxumi), iya kubonakalisa ubudlelane phakathi koogxa bethu kwaye isikhuni singabuya nomkhwezeli xa loo mntu wenza loo nto engakwazi ukuvelisa umgangatho ofana nokagxa wakhe. Kuye kwathiwa asinakubarhwebesha abaxumi boogxa bethu nakuba nje ingabhalwanga ndawo loo nto. Ukuba ugxa wakho ukunika umsebenzi aze umxumi yena eze kuwe ngqo, ufanele udibane nomguquleli wokuqala ngaphambi kokuba wamkele loo msebenzi.
  Imeko yesibini ibe ziinguqulelo ezibuyiselwa kulwimi lokuqala (back translations) ezenziwa ngezixhobo zokuncedisa ekuguquleleni (CAT). Iinguqulelo ezibuyiselwa kulwimi lokuqala ziludidi olukhethekileyo lomsebenzi yaye zenziwa ngezizathu ezithile. Ngoko ke akwamkelekanga ukuba umguquleli asebenzise izixhobo zokunceda ekuguquleleni (CAT) ngomsebenzi ololu hlobo, kodwa kukwabalulekile ukuba umxumi alenze licace elokuba loo msebenzi yinguqulelo ebuyiselwa kulwimi lokuqala yaye ke ngoko kufanele kusetyenziswe imigaqo ethile.
  Imeko yesithathu ibandakanya ii-arhente ezimbini ezisebenzisa kwa-abaguquleli abanye apho kuthi enye yazo ikhalaze xa umguquleli (eye yamazisa kwi-arhente yesibini) engakwazi kuyisebenzela kuba exakeke ngumsebenzi we-arhente yesibini. Kuye Kwavunyelwana kwelokuba le nto akunakuthiwa kukurhwebesha ngaphandle kokuba umguquleli lowo ebenze isivumelwano naloo arhente esingamvumeliyo ukuba azibandakanye nezinye ii-arhente.
  Eyesine imeko eye yaxoxwa ibiyeyomguquleli omangalelwe emthethweni ngenxa yempazamo kwiphepha lomxholo wencwadi ebiyinxalenye yodederhu. Phofu ke, umguquleli yena, akasebenzanga ngephepha elinomxholo, njengoko liye lagqitywa kwisivumelwano sangaphambili, kodwa umxumi uyavuma ukuba ukhe ‘wafomata’ ngaphambi kokuyipapasha. Kuzo zonke iinzame zomxumi zokunyhibhela umguquleli ngenqatha inyama engayityanga, akukho mpazamo kwicala lomguquleli kwaye nezo zityholo bezingayi kuba nesihlahla xa zinikwa ingqwalasela. Le meko igxininisa elokuba kufuneka ufumane yonke imiyalelo ebhaliweyo; emva kokuwuxoxa lo mba funa isiqinisekiso esibhaliweyo, ukuze kubekho into ebhalwe ephepheni xa kuvela izimangalo ezingokwasemthethweni. 
  Ingxoxo yokugqibela kule seshoni ibiphathelele ukuthi kusemthethweni kusini na ukwenza inguqulelo efungelweyo ngekopi yoxwebhu lwefeksi okanye ikopi ye-elektroniki. Kwezinye iimeko iye ingabikho indlela yokufumana ikopi yoxwebhu yaye kwezo meko umguquleli ufanele achul’ ukunyathela achaze loo nto ebeyisebenzisa: achaze ukuba inguqulelo yenziwe ngokusuka kuxwebhu oludluliselwe kuye nge-elektroniki achaze negama lomntu alufumene kuye olo xwebhu. Ukwamkeleka kwaloo nto ke kuxhomekeka kwisigqibo somxumi. Noko kunjalo, kunokusetyenzwa uxwebhu lwe-elektroniki okanye lwefeksi kwiimeko ezithile kuphela kunokuba kube yinto yemihla ngemihla yaye umguquleli owenze isifungo ufanele asoloko ezama ukufumana uqobo loxwebhu.
  Le seshoni yengqungquthela iqukunjelwe ngokwenziwa kwesiphakamiso esithi makupapashwe rhoqo kwiMuratho umhlathi onokuthanani nemiba yezomthetho/nezimilo.
  Emva kwesidlo sasemini, igqwetha uMarc de Bruyn lazise iindwendwe ngoMthetho OKhusela UMthengi omtsha, oqalise ukusebenza ngokuyinxenye ngomhla woku-1 kuApreli. Lo mthetho ujoliswe ekukhuseleni abathengi okanye abaxumi kumsebenzi nenkonzo engatshuzanga. Inkonzo yokuguqulela ifuna ingqondo, nto leyo eyenza kube nzinyana ukuchaza inkonzo ekumgangatho ophantsi kunye nemivuka yayo. Enye into ke le yinto engazange khe yehle ngaphambili ebandakanya abaguquleli, ngoko kuye kwafuneka uMarc athethe ngemizekelo evela kwezokuphicothwa kweencwadi.
  Kucacile ukuba xa sijonga lo Mthetho kufuneka umguquleli abe nenkathalo. Ukungabi nankathalo kunye/okanye inguqulelo engatshuzanga enokuthi ityabule umxumi ngokwasemalini ingaphela sele isenza umguquleli amangalelwe emthethweni. Into engakhusela umguquleli kukucinga ‘ngomguquleli onengqiqo’ – ngawaphi amanyathelo ebeya kuwathabatha umguquleli onengqiqo kwimeko elolo hlobo? Kulindeleke ukuba umguquleli athabathe onke amanyathelo asengqiqweni ukuqinisekisa ukuba uvelisa into esemgangathweni kwaye akusayi kubakho mivuka, kodwa ngaphandle kokuba abe ubophelelekile ngenxa yesivumelwano akanakwenza into engaphaya kwale.
  Ngoxa nje injongo yalo Mthetho ikukukhusela abathengi, unganemivuka nakubo, njengoko amaxabiso enokuthi chatha nanjengoko abo benza iinkonzo kufuneka babe ngathi bachul’ ukunyathela nangenxa yamabango angenasihlahla anokuvela. Ukongezelela koko, kusenokufuneka amashishini amancinane azimanye namanye, ukuze akhuseleke ngakumbi.
  Bona abaguquleli bangazikhusela njani? Kufuneka baqonde ixabiso elibandakanyekileyo kulo Mthetho baze bathabathe amanyathelo ayimfuneko. Wufunde lo Mthetho, uzazi izinto ongamangalelwa ngazo.
Eziphathelele amalungu
Amalungu amatsha: NguDavid A-Souop Wafo, uStefano Azzali, uNathan Barnes, uGina Brazier, uAntoine Caradonna, uAlbie de Beer, uHerman du Toit, uXany du Toit, uFuma Dyubhele, uCatherine Garson, uJennifer Goldrick, uJeanie Goodrum, uAlan Gray, uWilmarie Hagan, uHenry Janse van Rensburg, uTilla Jansen van Vuuren, uMa'k Keetile, uZiggie Keil, uKirstin Kilian, uSarah Kirton, uMathilda le Roux, uCeleste Litkie, uNicole Lombard, uKai Lossgott, uAnnarita Louw, uMteteleli Mangcunyana, uTheresa Marx, uLebohang Mathibela, uEmma Matubatuba, uAquilina Mawadsa, uVuyokazi Mbele-Ludidi, uHannelien Meyer, uRobert Mojela, uTshedi Mokaeane, uMapule Moswane, uKefuwe Motsie, uJane Murray, uDenis Ngcangca, uMkhululi Ngxumza, uThandani Nqunqutha, uSophy Shai, uSuzaan Schültz, uSanet Steyn, uTim Stones, uDiana Strydom, uWilmie van Schalkwyk, uErnie Venter, uSimone Wilcock, uArina Wilson, uCeleste Wood, uCharles You
Abangasengomalungu: NguMartins Bauwens, uAndrea Bongiorni, uChristopher Browne, uSusan Fraser Cesati, uJean René Derché, uJacques de Villiers, uCarla Frontini, uErika Frouws, uZani Kemp, uWin Phillips, uSara-Jane Portmann, uHester Smith, uKobus van Rensburg, uKarma van Wyk, uHeidi von Platen
Osandul’ ukuwongwa ngesiqinisekiso: NguYvonne Smuts oguqulela isiNgesi nesiBhulu
Ezenz' umdla
Uvimba WoLwimi WaseKhanada (Language Portal of Canada) ulungiselelwe LiZiko LokuGuqulela Iilwimi LikaRhulumente WaseKhanada yaye uqokelele ndawonye ushishino lweelwimi. Kulo vimba, ungangena simahla kwi-TERMIUM Plus®, ekwanguvimba wesigama kaRhulumente waseKhanada kunye neengcali zolwimi, enesigama esithe kratya kwizigidi ezi-3 900 000, kuquka nama-200 000 e-Spanish. Lo Vimba utyeneneza indlela yokungena nakwezinye iindawo ze-Intanethi. Okuqulethwe kulo Vimba kuza kuhlaziywa zonke iiveki ziingcali zolwimi ezibek’ iliso kwezintsha eziqhubeka kweli candelo. Yiya kwi-www.ourlanguages.gc.ca
Iincwadi
I-IATIS, enguMbutho WamaZwe NgamaZwe WokuGuqulela Iilwimi NeZifundo ZamaSiko NgamaSiko (International Association for Translation and Intercultural Studies), lenze isaziso ngencwadi efumaneka kwi-Intanethi yohlelo lwesihlanu lwe-New Voices in Translation Studies, enamanqaku amahlanu aphekwe ngabaphandi abasebatsha kunye nezicatshulwa ezili-13 zezifundo ze-PhD ezifakwe kutshanje. Ababhali abahlanu baxovula imixholo eyahlukahlukeneyo, bechaza amathandabuzo ngenkqubo ekhoyo, bekwaphakamisa neengcamango ezintsha. Ukuguqulelwa kwemibhalo yonqulo ikwayenye ingongoma eyenza umdla ekunyathelwa kuyo, nokungaphangalali komguquleli kunye netoliki. Ulindixesha wasimahla kawonke-wonke, uyafumaneka kwiwebhusayithi ye-IATIS eyile, www.iatis.org, apha 
www.iatis.org/newvoices/contents2009.php.
I-The Interpreter and Translator Trainer uMqu. 4 Ino. 1 2010 iyafumaneka kwabo barhuma kunxibelelwano lwe-intanethi apha www.stjerome.co.uk/periodicals/journal.php ?j=107&v=719&i=720. Olu hlelo lukwaquka inqaku elibhalwe lilungu le-SATI uGqr. Kobus Marais.
Imicimbi nokuhlatywa kwekhwelo lokufakwa kwamaphepha
5th International Maastricht-Łódź Duo Colloquium on Translation and Meaning 2010: Maastricht session: KwiSikolo SezoNxibelelwano SamaZwe NgamaZwe saseMaastricht, e-Netherlands, ngomhla we-19 ukuya kowama-22 kuMeyi 2010. Apho lujoliswe khona olu dederhu lweentetho kukuvula iqonga lamazwe ngamazwe eliza kuxoxa nezifundiswa zokuguqulela/ukutolika kunye neengcali ngemiba yentsingiselo ekuguquleleni iilwimi nasekutolikeni. Iseshoni yaseMaastricht iya kugxininisa kushishino. Inkcazelo engakumbi ifumaneka: kuGqr. Marcel Thelen (m.m.g.j.thelen@hszuyd.nl) okanye apha http://www.translation-and-meaning.nl
ISikolo Sehlobo SamaZwe NgamaZwe SeSigama ngo-2010 (International Terminology Summer School 2010) (TSS 2010): Siya kuba kwiYunivesithi yaseVienna, eOstriya, ngomhla wama-24 ukuya kutsho kowama-28 kuMeyi 2010, yaye siya kuququzelelwa ngabakwa-TermNet (International Network for Terminology) bedibene neZiko LeZifundo ZokuGuqulela IiLwimi (Centre for Translation Studies). I-TSS zizifundo zoqeqesho lomsebenzi zeveki enye ezijoliswe ekulungelelaniseni isigama. I-TSS ijoliswe kwiingcali, abafundi kunye nezazinzulu ezifuna ukukhe zifakwe kwingcamango nomsebenzi wesigama osengqiqweni nowezi mini. Inkcazelo ethe vetshe ifumaneka apha: 
www.termnet.org/english/events/tss_2010/index.php 
International Technical Translation Conference: KwiUniversidade Nova, e-Lisbon, e-Portugal, ngomhla wama-28 ukuya kutsho kowama-29 kuMeyi 2010. Njengoko iququzelelwa yiTradulínguas nazezinye iingcali zokuguqulela ezobugcisa, le nkomfa iya kuba neeseshoni zeentsuku ezimbini zokufunda – iingqungquthela zokuguqulela nesigama (ngesiPhuthukezi, isiNgesi ne-Spanish, neelwimi ezingakumbi ukuba kunokwenzeka) – ukulungiselela iingcali zabaguquleli beelwimi neetoliki kwimiba yezobugcisa, ezobunjineli, ezobunzululwazi nezoshishino. Inkcazelo ethe vetshe ifumaneka apha: http://www.tradulinguas.com/conf-tech/ 
I-7th International Conference on Translation: The paratextual elements in translation kunye nethi 1st International Symposium for Young Researchers in Translation, Interpreting and Intercultural Studies: KwiYunivesithi ezimeleyo yase-Barcelona, eSpeyin, ngomhla wama-21 ukuya kutsho kowama-23 kuJuni 2010. Le nkomfa iya kuchankcatha phezu kwemiba ehlobene nezinto ezingenakuthanani nezifundo zokuguqulela iilwimi yaye olu dederhu lweentetho luya kuhlahl’ indlela yokuba abaphandi abasebatsha abasaqalayo beze ngaphambili nomsebenzi wabo. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi yiya: kwi-http://www.fti.uab.es/departament/congres-simposi/international-conference-on-translation/index.htm
Critical Link 2010 Conference: Interpreting in a changing landscape, yona iya kuba kwiYunivesithi yase-Aston, eBirmingham, e-UK, ngomhla wama-26 ukusa kowama-30 kuJulayi 2010. Injongo yayo kukuhlola iinkalo zokutolika kwinkonzo yaseburhulumenteni neyasekuhlaleni kwezopolitiko, ezomthetho, ezamalungelo oluntu, ezamazwe ngamazwe, ezoqoqosho, ezentlalo yoluntu, kunye nezeelwimi zoluntu. Inkqubo ecwangcisiweyo iya kufumaneka ngomhla woku-1 kuMeyi 2010. Ukuze ufumane inkcazelo ethe vetshe tyelela iwebhusayithi ye-Critical Link 6 apha http://www.aston.ac.uk/CL2010 okanye qhagamshelana noNjing. uChristina Schaffner apha c.schaeffner@aston.ac.uk. 
TKE (Terminology and Knowledge Engineering) Conference 2010: KwiYunivesithi yaseDublin, e-Ireland, ngomhla we-12 ukuya kowe-13 kuAgsti 2010. Le nkomfa ingokukhuthaza ulwazi nokusasaza ubugcisa ukwenzela unxibelelwano olukhethekileyo lweelwimi phezu kweenkqubo zesigama nenkcazelo. Iya kubek’ umnwe ngokukodwa kumxholo wokuza nesigama kunye nezinto ezandisa ulwazi kwi-intanethi. Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha: http://www.dcu.ie/fiontar/conference/ home_baile.shtml
Society for Editors and Proofreaders (SfEP) AGM and 21st annual conference: KwiYunivesithi yaseStrathclyde, e-Glasgow, e-UK, ngomhla wesi-4 ukuya kuma kowesi-6 kuSeptemba 2010. Le nkomfa iya kuquka iingqungquthela eziya kunyathela kwimixholo enjengethi typesetter-copy-editor interface, exploiting social internet platforms for professional networking, nothi ethics and plagiarism in publishing, kwaneengqungquthela ezahlukeneyo. Iincwadi zivalwa ngomhla wesi-9 kuJulayi 2010. Inkcazelo ethe vetshe ifumaneka apha: 
www.sfep.org.uk/pub/confs/conf10/conf2010_advance.asp 
 
5th International Maastricht- Łódź Duo Colloquium on Translation and Meaning: E-Łódź, e-Poland, ngomhla we-16 ukuya kuthi xhaxhe kowe-19 kuSeptemba 2010. Apho lujoliswe khona olu dederhu lweentetho kukuvula iqonga lamazwe ngamazwe eliza kuxoxa nezifundiswa zokuguqulela/ukutolika kunye neengcali ngemiba yentsingiselo ekuguquleleni iilwimi nasekutolikeni. Le yase-Łódź iSeshoni yona iya kuchankcatha phezu kwengcamango. Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha: www.duo-lodz.pl/.
 
TM-Europe 2010 International Translation Management Conference: E-Kraków, e-Poland, ngomhla wama-30 kuSeptemba ukuya kutsho kowoku-1 kuOktobha, 2010. Umxholo uthi: Project and Technology Management, and Business Optimisation for the Translation and Localisation Industry. Kuya kubakho iingqungquthela ezandulela le nkomfa ngomhla wama-29 kuSeptemba 2010. Iziphakamiso zeengxoxo, amaqela kunye neengqungquthela zingafakwa. Umhla wokuvalwa kokungeniswa kwamaphepha: ngumhla wesi-7 kuMeyi 2010. Inkcazelo ethe xhaxhe ifumaneka apha: http://www.tm-europe.org.
I-16th International Congress of the Names Society of Southern Africa (NSA): Homo Nominans – Mankind, the namer: Iya kuba kwi-Club Mykonos, eNtshona Koloni, ngomhla wama-26 ukuya kutsho kowama-28 ku-Oktobha 2010. Le yona inkomfa iya kuhlola ukuthiya amagama kunye nomnqweno uluntu olungakwazi kuwubamba wokuthiya imibutho amagama. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, qhagamshelana noBertie Neethling ku-bneethling@uwc.ac.za.
I-Cologne Conference on Specialised Translation: KwiYunivesithi yaseCologne yeZifundo zeNzululwazi, eJamani, ngomhla wama-21 ukuya kutsho kuma-22 kuOktobha 2010. Ukukhula okukhoyo kobugcisa bokuguqulela kumasebe ezifundo zokuguqulela kuvule inyoba yokuqwalasela ngokunzulu uqeqesho olukhethekileyo kumasebe eenkcazelo oqeqesho. Le nkomfa iya kugxininisa kwiindlela ezintsha zobugcisa bokuguqulela. Umhla wokugqibela wezicatshulwa ngumhla we-15 kuMatshi 2010. Inkcazelo ethe vetshe ifumaneka apha: http://www.f03.fh-koeln.de/fakultaet/itmk/fachgebiete/konferenzen/00558/index.html 
Eighth National Conference and International Forum on Interpreting in China: Iya kuba kwiYunivesithi yase-Sichuan, e-Chengdu, ngomhla we-15 ukuya kutsho kowe-16 kuOktobha 2010. Umxholo wayo uthi: Interpreting in the Age of Globalization. Inkcazelo engakumbi nantsi apha: www.kouyi8.org, www.flc.scu.edu.cn, www.tac-online.org.cn or www.fltrp.com. 
International Postgraduate Conference in Translation and Interpreting (IPCITI) 2010: From Reflection to Refraction – New perspectives, new settings and new impacts: KwiYunivesithi yaseManchester, e-UK, ngomhla wama-29 ukuya kuthi xhaxhe kowama-31 kuOktobha 2010. Le iya kube iyinkomfa yesithandathu kolu dederhu, ejoliswe ekuvuleleni abaphengululi abaselula ithuba lokwabelana ngophando lwabo nokuthath’ inxaxheba kumcimbi omkhulu wokudl’ imbadu noluntu lwamazwe ngamazwe. Umhla wokugqibela wokufakwa kwezica-tshulwa ngumhla wama-30 kuMatshi 2010. Imibuzo ifanele ibhekiswe apha ipciti2010@manchester.ac.uk. Inkcazelo ebhekele phaya ifumaneka apha: http://www.ipciti.org.uk/ 
SCREENIT 2010: The changing face of screen translation: KwiYunivesithi yaseBologna, eItaly, ngomhla wama-20 ukusa kowama-22 kuOktobha 2010. Iziphakamiso zeengxoxo kunye namaphepha kuzo zonke iinkalo zokuguqulela ngeskrini zifanele zithunyelwe ngomhla we-15 April 2010 apha screenit2010@sslmit. unibo.it. Iwebhusayithi yenkomfa isenziwa.
Translation and Interpretation in a Multilingual Context: INkomfa YamaZwe NgamaZwe YokuGuqulela IiLwimi Nokutolika: E-Bangkok, e-Thailand, ngomhla woku-1 ukuya kowesi-3 kuNovemba 2010. Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha: http://www.ictithailand.com/.
FIT 6th Asian Translators' Forum: Translation and Intercultural Communication: Past, Present and Future: Iya kuba se-Macao, eTshayina, ngomhla wesi-6 ukuya kowesi-8 kuNovemba 2010. Inkcazelo ethe vetshe ifumaneka apha: www.umac.mo/fsh/de/atf/index.htm
Translating Multimodalities: KwiYunivesithi yasePortsmouth, e-UK, ngomhla wesi-6 kuNovemba 2010. Ngokuqhelekileyo xa uguqulela ubhala phantsi, kodwa kwimeko yanamhlanje eneenkalo ezahluka-hlukeneyo abaguquleli bolwimi bamele bacingele nezinto ezibalu-lekileyo (imifanekiso emiyo neshukumayo, iizazobe, umculo, itayipografi okanye ukulungiswa kwephepha). Kumenywa abanokuba negalelo kwimiceli-mngeni ejongene nabaguquleli ngenxa yezi zinto zahlukeneyo. Imibuzo kunye/okanye izicatshulwa zamagama angama-300 zifanele zithunyelwe kuCarol O’Sullivan ku-carol.osullivan@port.ac.uk ungadlulanga umhla wama-30 kuJuni 2010. Inkcazelo engakumbi: www.port.ac.uk/ translationconference.    
Travelling Languages: Culture, Communication and Translation in a Mobile World: KwiYunivesithi YoMasipala Ombaxa (Metropolitan) waseLeeds, e-UK, ngomhla wesi-3 ukusa kowesi-5 kuDisemba 2010. Izicatshulwa zenkomfa ye-10 YoNyaka yoMbutho WamaZwe NgamaZwe WeeLwimi NeeNkcubeko NgeeNkcubeko zifanele zithunyelwe kuJane Wilkinson apha IALIC2010@leeds.ac.uk ungadlulanga owoku-1 kuJuni 2010. Inkcazelo ethe xhaxhe ifumaneka apha: www.leeds.ac.uk/german/ialic_conference_2010.htm 
Writing past each other? Literary translation and community: Le yiNkomfa YamaZwe NgamaZwe EkuGuquleleni UNcwadi,  e-Wellington, kwelase-New Zealand, ngomhla we-11 ukuya kowe-13 kuDisemba 2010. Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha: 
www.victoria.ac.nz/victoria-conferences/default.aspx. 
Ungaphosa iliso kwikhalenda yemicimbi ye-FIT apha (http://members.fit-ift.org/calendar) ukuze ufumane ingcombolo yeminye imicimbi.
Iguqulelwe kwisiBhulu nguMariènne Botha, uAnne-Marie Mischke noAnne-Marie Beukes
Iguqulelwe kwisiSotho ngu-Abel Mphanya
Iguqulelwe kwisiXhosa ngu Sonwabile Cotiyana
Iguqulelwe kwisiZulu nguLungile Zungu noManzo Khulu
__________________________________________________________________________________________________________________
Dintlha tsa go ikgolaganya le Setheo:
     Marion Boers. Mogala: 011 803 2681. Fekese: 0866 199 133. Imeili: office@translators.org.za
     Irene Dippenaar. Mogala: 079 492 9359. Fekese: 086 511 4971. Imeili: registrar@translators.org.za
