Iziganeko zokuphakelana ngezimvo ezisindlekwe yi-SATI
Ilungu leBhunga le-SATI uMichelle Rabie uza kubamba ingqungquthela eKapa ngomhla wesi-5 ku-Agasti ka-2010. Le ngqungquthela iya kube inomxholo othi “Indlela Yokuzithengisa NjengeNgcali YoLwimi Ezimeleyo”, kwaye iza kuvula ithuba elihle lokuncazelana namanye amalungu akwenza lo msebenzi kwimeko encomekayo. Qhagamshelana noMichelle kule imeyile: michelle@translators.org.za. Ubhaliso luvalwa ngomhla wama-28 kuJulayi ka-2010, imbila yaswel’ umsila ngokuyalezela – zibekele indawo yakho namhlanje!
Le yingqungquthela ekwanye naleyo ibibanjwe ePitoli ngo-Apreli, kwaye sijonge ukuphinda siyibambe kwakhona eThekwini naseBloemfontein. 
Uyacelwa ukuba wazise i-ofisi ye-SATI ngezinye iintlobo zoqeqesho ongathanda ukuba siziququzelele. 
Umboniso weencwadi wamazwe ngamazwe eKapa 
Lo mboniso (CTIBF) uza kuba ngomhla wama-30 kuJulayi ukuya kuma ngomhla wesi-2 ku-Agasti ka-2010, kwaye i-SATI iza kube ixhentsa kunye ne-PEG  noMcGillivray Linnegar Associates kulo mboniso. Ukuba uza kube ukho kulo Mboniso, siyakucela ukuba utyelele iqonga lethu uze uxhase abo baye bazinikela njengamatshantliziyo ukuba basimele. 
I-SATI iza kwenza intetho kusuku loshishino kuphela (ngoLwesihlanu umhla wama-30 kuJulayi), yaye iya kuthetha ngomxholo othi: “Oko Kufuneka Bakwazi AbaShicileli NgokuGuqulela IiLwimi”. Amalungu avumelekile ukuba angeza – kwaye uyacelwa ukuba ukhuthaze nabaxumi bakho ukuba nabo beze. Le ntetho iza kwenziwa ngentsimbi yesi-15:00 eGumbini 1.62 kwiZiko LamaZwe NgamaZwe LeeNkomfa LaseKapa. 
Siza kube sinikezela nangeebhegi ezinezipho kwiindwendwe ezikhethiweyo kwiqonga le-SATI, kwaye ke amalungu wona asenokufaka ikhadi okanye iphetshana loshishino (lingabi ngaphezu kwe-A5 ngobukhulu) kwezi bhegi—nto leyo eya kuba lithuba elimangalisayo lokuncazelana! Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe qhagamshelana noMarion apha: (office@translators.org.za). 
INdebe YeHlabathi Ka-2010 
Ubulapho? Ukuba ubuthathe inxaxheba kuwo nawuphi na umsebenzi wokuguqulela okanye wokutolika obunxulumene nalo mcimbi (ngaphambi, ebudeni okanye emva kwawo), siyakucela ukuba usazise ngawo. Sifuna ukuqulunqa ingxelo emfutshane ngohlobo lomsebenzi wolwimi ovulwe yile Ndebe yeHlabathi kubemi baseMzantsi Afrika. Loo nkcazelo ungayithumela kuMarion apha: office@translators.org.za. 
Iindaba ezivela kwi-FIT 
I-FIT iye yakhupha ingxelo eya kumajelo eendaba apho ibisenza isaziso somxholo okhethelwe uSuku LwamaZwe NgamaZwe LokuGuqulela IiLwimi Luka-2010: “Umgangatho WokuGuqulela IiLwimi KwiiNtetho NgeeNtetho”. Jonga apha http://www.fit-ift.org./download/en/pr-itd-2010.pdf . 
Uhlelo lwakutshanje lwesigidimi seendaba se-FIT oluthi, Translatio, lufumaneka apha http://www.fit-ift.org./en/translatio-e.php, kwaye luquka ingxelo emalunga nemibhiyozo ye-SATI yosuku lokuguqulela (ITD) luka-2009. 
Uphengululo lwentlawulo yonyaka ka-2010 
Njengoko iziphumo zophando luka-2010 zibonise ukuba iintlawulo azikhange zitshintshe kakhulu ukususela kuphengululo lwangaphambili lonyaka ka-2008 (ngenxa yale meko ikhoyo yezoqoqosho), akusayi kukhutshwa ngxelo kulo nyaka. Umbutho we-SATI uza kwenza olunye uphengululo ekuqaleni konyaka ka-2011 ukuze ibone ukuba imeko injani na.  Sicela ukuba onke amalungu athabathe inxaxheba kolu phando: kunzima kakhulu kaloku ukufumana inkcazelo enokuthenjwa kwiimpendulo ezimbalwa. 
Eziphathelele amalungu 
Amalungu amatsha: nguTracey Babb, noIllona Meyer
Amalungu asandul’ ukufumana iziqinisekiso: nguSimone van der Merwe: oguqulela isiBhulu nesiNgesi; uHenry Janse van Rensburg: oguqulela isiBhulu nesiNgesi; uArina Wilson: oguqulela isiNgesi nesiBhulu 
Iminikelo eya kwiNgxowa-mali yoPhuhliso: nguMA Grobbelaar, u-I Nkulu, uB Nokele, kwakunye noK Wong Man Wan
Ezenza umdla
Ngomhla wama-27 kuJuni ka-2010 kuye kwaqhutywa udliwano-ndlebe nelungu le-SATI u-Olivier Fléchais kwinkqubo kanomathotholo iSAfm ethi, “Word of Mouth [ILizwi LoMlomo]” malunga nokusebenza njengetoliki. Olu sasazo lurekhodiweyo (podcast) lufumaneka apha: www.safm.co.za. 
I-Proz.com iza kube isindleke inkomfa yayo yesibini eyiyo xa lo nyaka usiya ngasekupheleni. Umxholo wayo uthi, ukuGuqulela3 [Translation3] kwaye iinkomfa zayo ezizezinye ezintathu ziza kubanjwa ngomhla wama-30 kuSeptemba ka-2010 (eyabo bazimeleyo), ngomhla we-13 ku-Oktobha ka-2010 (eyee-arhente zokuguqulela) neyomhla we-10 kuNovemba ka-2010 (eyokuguqulelwa kwenkqubo yekhompyutha kulwimi lomthonyama/ ushishino lwe-GILT). Jonga apha: http://www.proz.com/translation3 ukuze ufumane inkcazelo ethe vetshe. 
Inkqubo yekhompyutha kunye neeWebhusayithi 
Isichazi-magama esikwi-Intanethi esiguqulela amagama asetyenziswa kakhulu ebhola ekhatywayo kwisiNgesi, isiJamani, isiFrentshi, isiTaliyane kunye neSipanishi sifumaneka apha: http://football.cls.ch/dict/appl.do?a=home . 
Iincwadi 
Incwadi ethi, African Languages in a Digital Age: Challenges and opportunities for indigenous language computing, ebhalwe ngu-Don Osborn (ISBN 978-07969-2249-6), ishicilelwe ngumzi woshicilelo i-HSRC Press. Le ncwadi ibonisa imiba, izinto ezixhalabisayo, izinto eziphambili kunye neenkalo zophando ezinxulumene nokuguqulelwa kweenkqubo zekhompyutha kwiilwimi zomthonyama e-Afrika, kwanendlela obaluleke ngayo loo msebenzi kuphuhliso nemfundo eya kuhlala ikho. Ukuze ufumane inkcazelo ethe vetshe ngena apha: http://www.hsrcpress.ac.za/product.php?productid=2269 
Iziganeko nezibongozo zokungenisa amaphepha
UkuSingathwa KweMiba YoLwimi NoShishino OluCacileyo (A Handle on Plain Language Issues and Practice): Le ngqungquthela iya kubanjelwa kwiZiko LamaZwe NgamaZwe LeeNkomfa LaseKapa, ngomhla wama-30 kuJulayi ka-2010. Le ngqungquthela, eya kuhlinzekwa yintlangano engugxa we-SATI i-Professional Editors’ Group (PEG), kunye ne-Cape Town Book Fair’s Professional Development Programme, apho kuya kuthi kushikixwe umba otshisayo wokunxibelelana ngolwimi olucacileyo. Umhla wokuvalwa kobhaliso ngumhla wama-23 kuJulayi ka-2010 yaye ubhaliso lupheleliselwe kwi-100 labantu kuphela. Bhalela kule imeyili: ellynbarry@telkomsa.net ukuba ufuna inkcazelo ebhekele phaya. 
Iingcebiso ZamaQumrhu AbaBhali: Le iya kuba yingqungquthela yosuku olunye kwiZiko LeeLwimi leYunivesithi yase-Stellenbosch, ngomhla wesi-3 ku-Agasti ka-2010. Umhla wokuvalwa kwezicelo ngowama-23 kuJulayi ka-2010. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi qhagamshelana no-Audrey Poole kule nombolo: 021 808 2167 okanye apha taalsentrum@sun.ac.za 
I-2010 Biennial National AUSIT Conference for Translators and Interpreters: Le inkomfa yona iya kuba seFremantle, eOstreliya, ngomhla wesi-5 ukusa kowesi-6 kuNovemba ka-2010. Evuka mva ke ikholwa zizagweba, yiloo nto ubhaliso olukhethekileyo luya kuvalwa ngomhla wama-31 kuJulayi ka-2010. Inkcazelo ethe vetshe ifumaneka apha: http://www.ausitconference.org/ 
I-2010 International Medical Interpreters Conference: Ensuring Patient Safety for Language Minority Patients: Yona iya kubanjelwa kwiSikolo SezoNyango SaseHarvard, eBoston, e-USA, ngomhla wesi-3 ukuya kuma kowesi-5 kuSeptemba ka-2010. Inkcazelo ethe xhaxhe ifumaneka apha:
http://www.imiaweb.org/conferences/2010conference.asp 
I-IALB-Tradulex Conference – Languages and Business Today and Solutions for Tomorrow: Iya kuba seLisbon, ePortugal, ngomhla woku-1 ukuya kowesi-2 ku-Oktobha ka-2010. Njengoko iququzelelwa nguMbutho WamaZwe NgamaZwe WeeLwimi NoShishino (IALB) nentlangano yamazwe ngamazwe i-Tradulex, le nkomfa iya kugxininisa kwiinguqu ezithe zenzeka kushishino lweelwimi ngenxa yemeko emaxongo yezemali ethe yantlitha ihlabathi lonke kutshanje. Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha: http://www.ialb-tradulex.org/ 
I-Eighth International Conference and Exhibition on Language Transfer in Audiovisual Media: The Digital Revolution in the Field of Audiovisual Media – Boon or Bane? Yona iya kuba seBerlin, eJamani, ngomhla wesi-6 ukuya kutsho kowesi-8 ku-Oktobha ka-2010. Abo banenxaxheba baya kuxoxa ngeenguqu nezintsha ezikhoyo kumaziko osasazo lwehlabathi ngokunxulumene neelwimi. Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha: http://www.languages-media.com/index.php 
I-LISA Forum Europe: Iya kubanjelwa eBudapest, eHungary, ngomhla we-11 ukuya kuma kowe-14 ku-Oktobha ka-2010. IQonga LoMbutho WeMilinganiselo YoShishino LokuGuqulelwa KweeNkqubo ZeKhompyutha KwiiLwimi ZoMthonyama (LISA) iya kuvula iingqondo zabo bakhoyo ngolwazi lwamvanje ngomgangatho: indlela oqondwa ngayo nobonwa ngayo kwanendlela oluchaphazela ngayo ushishino. Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha: http://www.lisa.org/LISA-Forum-Europe.1426.0.html 
I-Second International Conference on Interpreting Quality: Le nkomfa iya kuba se-Almuñécar, eSpeyin, ngomhla wama-24 ukusa kowama-26 kuMatshi ka-2011. Iya kubek’ umnwe kumgangatho wokutolikwa kolwimi nkalo zonke (kwinkomfa, kwinkonzo yaseburhulumenteni, kwintetho yezandla, njl.). Izicatshulwa zamagama (ezinamagama aphakathi kwama-300 nama-350) zifanele zingeniswe apha: ecis.granada@gmail.com ngomhla wama-20 kuOktobha ka-2010. Inkcazelo engakumbi iyafumaneka apha: http://ecis.ugr.es/2011.htm
I-16th International Congress of the Names Society of Southern Africa (NSA): Homo Nominans – Mankind, the namer: Iya kuba kwi-Club Mykonos, eNtshona Koloni, ngomhla wama-26 ukuya kutsho kowama-28 ku-Oktobha ka-2010. Le yona inkomfa iya kuhlola ukuthiya amagama kunye nomnqweno uluntu olungakwazi kuwubamba wokuthiya imibutho amagama. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, qhagamshelana noBertie Neethling ku-bneethling@uwc.ac.za.
International Postgraduate Conference in Translation and Interpreting (IPCITI) 2010: From Reflection to Refraction – New perspectives, new settings and new impacts: KwiYunivesithi yaseManchester, eUK, ngomhla wama-29 ukuya kuthi xhaxhe kowama-31 kuOktobha ka-2010. Le iya kube iyinkomfa yesithandathu kolu dederhu, ejoliswe ekuvuleleni abaphengululi abaselula ithuba lokwabelana ngophando lwabo nokuthath’ inxaxheba kumcimbi omkhulu wokudl’ imbadu noluntu lwamazwe ngamazwe. Imibuzo ifanele ibhekiswe apha: ipciti2010@manchester.ac.uk. Inkcazelo ebhekele phaya ifumaneka apha: http://www.ipciti.org.uk/ 
ISikolo SeHlobo SeziFundo ZokuGuqulela IiLwimi E-Afrika: Siya kuba kwiYunivesithi yaseStellenbosch ukususela ngomhla wama-29 kuNovemba ukuya kuthi xhaxhe kowesi-4 kuDisemba ka-2010. Njengoko sisindlekwa ngabeSebe leziFundo ze-Afroasiatic, abeNtetho YeZandla, abezoShishino LweeLwimi kwiYunivesithi yaseFreyistata, abeSebe lesiBhulu nesiDatshi kwiYunivesithi yaseStellenbosch, esi Sikolo Sehlobo sesabafundela ezobugqirha kunye okanye abahlohli bezifundo zokuguqulela iilwimi nonxibelelwano lweenkcubeko ngeenkcubeko, apho injongo ikutyhalela phambili umbono wama-Afrika wezifundo zokuguqulelwa kweelwimi. Ezinye iinkcukacha zilapha:  http://www.ufs.ac.za/SSTSA
I-International Conference on Translation and Accessibility in Video Games and Virtual Worlds: EYunivesithi i-Autónoma de Barcelona, eseSpeyin, ngomhla wesi-2 ukuya kutsho kowesi-3 kuDisemba ka-2010. Le nkomfa ijonge ukudibanisa bonke abo banomdla kwimiba yokuqulunqa isigama nakufikelelo kwisigama eso kunye nakwindima yokuguqulela iilwimi kwihlabathi elililo. Ukuze ufumane inkcazelo ethe vetshe ngena apha: http://jornades.uab.cat/videogamesaccess/ 
INkongolo YeHlabathi Ye-XIX Ye-FIT: Le nkongolo iya kubanjelwa eSan Francisco, e-USA, ngomhla woku-1 ukuya kowesi-4 ku-Agasti ka-2011. Umxholo wale nkongolo uthi “Ukuvala Umsantsa Phakathi KweeNkcubeko Ngeenkcubeko (Bridging Cultures)”. Umhla wokugqibela wokungeniswa kweziphakamiso zeentetho ngowe-10 kuDisemba ka-2010. Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha: www.fit2011.org 
Iguqulelwe kwisiXhosa: nguSonwabile Cotiyana, kwanoThokozile Mabeqa 
Iguqulelwe kwiSiswati: nguBenjie Shongwe 
Iguqulelwe kwisiTswana: nguPeter Mekgwe, kwanoRamodima Moikanyang 
Iguqulelwe kwisiZulu: nguManzo Khulu 
Iguqulelwe kwisiSuthu: nguAbel Mphanya
Iguqulelwe kwisiPedi: nguMapule Moswane
Iguqulelwe kwisiBhulu: nguWilna Liebenberg, uElsie Fourie, kwanoBridget Claasen
Dintlha tsa go ikgolaganya le Setheo:
Marion Boers. Mogala: 011 803-2681. Fekese: 0866 199 133. Imeili: publications@translators.org.za
Irene Dippenaar. Mogala: 079 492 9359. Fekese: 086 511 4971. Imeili: registrar@translators.org.za
