     

IX / 4 (2009)

____________________________________________________________________________





Amabhaso e-SATI ngoGuqulo-lwimi olusemaGqabini neziChazi-magama

Amabhaso e-SATI nakulo nyaka umiyo aza kunikezwa kumsitho owodwa oza kuba ngomhla wesi-2  kweyeDwarha 2009 eyunivesithi yaseRhawutini. Lo msitho uza kuquka ingxoxo yoludwe lwabathathi-nxaxheba kunye nesidlo sasemini esilula, kwanesithethi esiphambili uLeon de Kock (owaphumelela ibhaso lokuqala le-SATI ngoGuqulo-lwimi lwakhe lwenoveli kaMarlene van Niekerk ethi Triomf). Nxulumana ne-ofisi ka-SATI ukuba ngaba awusifumananga isimemo kunye nefomu yokubhalisa. Bonke abantu abanomdla bavumelekile ukuba beze kulo msitho. Amabhaso anikezwa qho emva kweminyaka emithathu ngoGuqulo-lwimi oluye lwashicilelwa nangezichazi-magama ezineelwimi ezimbini okanye ezineelwimi ngeelwimi nezibhalwe ngeelwimi ezisemthethweni zaseMzantsi Afrika. La ngawona mabhaso akhoyo alolu hlobo kweli lizwe.  



Ubulungu 

Amalungu amatsha: Mauricio Apablaza, Martins Bauwens, Nathalie Brodelle, Virginia de Klerk, Shirley Finkel-Hall, Thomas Göbel, Ronél Gouws, Ann Hiemstra, Marijke Hillmann, Mdu Jili, Gaston Kalombo, Zani Kemp, Kgomotso Kgwadi, Cornelia Kuhles, Laura Lopez, Rachel Matteau Matsha, Anne Menday, Anne-Marie Mischke, Gunda Mundt, Ntsapho Nyamende, Terri O'Brien, Marianne Potgieter, Samuel Rivière, Catharine Rose, Isabeau Sas, Ursula Smith, Diana Sousa, Barbara Szymanska, Lezandra Thiart, UJ Translation (corporate member), Gisela Ullyatt, Dominic Uys, Laida Ventura, Gail Zizzamia

Abasanda kufumana iziqinisekiso: Cynthia Bantich: Ukuhlela isiNgesi; Shumani Nevhulaudzi: Uguqulo-lwimi: IsiNgesi-Tshivenda; Linda Nienaber: Ukuhlela isiNgesi 



Okwenza umdla 

Inguqulelo yeshumi entsha ethi Afrikaanse Woordelys en Spelreëls ikhutshwe ngeyeKhala. UTom McLachana, isekela-mhlali-ngaphambili leKhomishoni yoLwimi lwesiBhulu (Afrikaanse Taalkommissie), uyasibonisa ukuba le nguqulelo intsha yahluke njani na kuleyo ingaphambi kwayo kwiwebhusayithi ye-SATI (www.translators.org.za: Publications > AWS 2009). Amalungu e-SATI anelungelo lokufumana isaphulelo sama-20 ekhulwini kwixabiso lentengiso lale-AWS intsha. Nxulumana ne-ofisi ye-SATI xa ufuna ukufaka i-odolo.



Umbutho omtsha wabaguquli-lwimi, ogama lithi, the ‘Global Internet Translators Association (i-GITA),’ uye wasekwa ngenjongo yokudibanisa usasazo lwala maxesha kushishino loguqulo-lwimi. I-GITA ixhasa uphando noqeqesho olumandla kwisiza soguqulo-lwimi kwikhompyutha, kwaye imele okona kubalulekileyo kunxulumano lwabaguquli-lwimi, abaxhasi kunye namanye amaqela anomdla. Ukuze ufumane ulwazi oluthe vetshe yiya apha: http://www.gita-online.org



Ikopi yokugqibela yencwadi ethunyelwa amalungu e-FIT, i-Translatio, iyafumaneka kwiwebhusayithi yabo ethi: (www.fit-ift.org.). Le yikopi ephindwe kabini ezaliswe ngamanqaku nolwazi olunika umdla. Iquka iNkongolo yalo nyaka uphelileyo kwakunye neziganeko ezinxulumene neeekomiti namaziko eengingqi.  



I-Babylon Ltd. eyikhampani ephambili kwisiza sezixhobo zekhompyutha ezi-ethe-ethe zezichazi-magama, inika abaguquli-lwimi ilayisenisi yonyaka yezixhobo zekhompyuthe ezi-ethe-ethe zesichazi-magama i-Babylon, ukuba ngaba babeka uphawu lweBabylon Ltd. kunye/okanye novavanyo olufutshane olumalunga nezixhobo zekhompyutha ezi-ethe-ethe kwiiwebhusayithi okanye kwiibhlog zabo. Nceda uqhagamshelane noSylvio Branco, ongumhleli wesiqulatho apha; silvio@babylon.com okanye utyelele iwebhusayithi yabo ethi:  http://www.babylon-blog.com/translator-outreach/. 



Izixhobo zekhompyutha ezi-ethe-ethe neeWebhusayithi  

I-SDL Trados 2009 Studio: Isikolo seeLwimi eYunivesithi yaseMntla-Ntshona (e-NWU) kwikhampasi yaseVaal Triangle sinika isaphulelo kwixabiso leelayisenisi kumalungu e-SATI kude kube ngumhla we-15 kweyeDwarha 2009. Baza kuphinda bazise ii-webinars ezizodwa kwezi zixhobo zekhompyutha zi-ethe-ethe. Xa ufuna ukubuza ngoqikelelo lwentlawulo epheleleyo,  ungaqhagamshelana no-Marie-Leigh Pienaar  kule nombolo yefowuni: 016910 3485 okanye kule-imeyile: MariLeigh.Pienaar@nwu.ac.za) noMelanie Law kule nombolo yefowuni: 016 910 3485 okanye kule imeyile:13090658@student.nwu.ac.za. Ukuze ufumane ulwazi malunga nemveliso okanye noqeqesho qhagamshelana noFanny Lacroix kule nombolo yefowuni: (016 910 3493 okanye kule imeyile: Fanny.Lacroix@nwu.ac.za okanye utyelele iwebhusayithi yabo ethi: http://vaal.puk.ac.za/tale/trados/index_e.html.



Inguqulelo 4.0 yemveliso nezixhobo zekhompyutha ezi-ethe-ethe esekelwe kwisigama iTshwaneLex iyafumaneka. Ineempawu ezininzi ezintsha eziquka ukudibanisa kweMicrosoft Word, iindawo ezintsha (isiFrentshi, iSpanish, isiCiluba), inkonzo yokuKhangela nokuBuyisela elungiswe ngokugqibeleleyo, izihluzo ezintsha zemibuzo, kunye nezinye izinto ezininzi. 



Ushicilelo

Incwadi ethi Translation Studies in Africa, ehlelwe nguJudith Inggs noLibby Meintjies. ISBN 978-1-8470-6177-5 (hardback) and 978-1-8471-4589-5 (paperback). Eyona njongo iphambili yalo mqulu kukudibanisa amanqaku ezophando kwizifundo zoguqulo-lwimi nakwezotoliko e-Afrika, abhalwe ikakhulu, kodwa hayi  kuphela, ngabaphandi abahlala nabasebenza kule ngingqi. Ugqaliselo lukuguqulo-lwimi loncwadi nolosasazo, nakusetyenziso lotoliko. Ukuze ufumane ulwazi oluthe vetshe yiya apha:

http://www.iatis.org/content/pubs/yearbook/2008.php



Umzi woshicilelo i-Routledge uye wazisa ukuba baza kushicilela iijenali ezimbini ezintsha ezifumaneka kwisiza soNcwadi neziFundo zoLwimi lwama-Afrika. : Ijenali ethi English Studies in Africa (eshicilelwe ngentsebenziswano ne-UNISA yaza yahlelwa nguMichael Titlestad waseyunivesithi i-Wits) ibethelela ufundo loncwadi lwehlabathi ngesiNgesi kwimo yase-Afrika, ekubeni ikwaxhasa ufundo loncwadi lwama-Afrika kwihlabathi liphela. Ukuze ube nokufikelela kuluhlu lweziqulatho, jonga umzekelo wekopi, okanye ukuze ube nokubhalisa tyelela apha:  http://www.tandf.co.uk/journals/reia. Ijenali ethi Southern African Linguistics and Applied Language Studies (eshicilelwe kunye ne-NISC yaza yahlelwa nguJacobus Naudé wase-UFS) ishicilele amanqaku angezihloko ezahlukeneyo zezifundo zolwimi. Iminikelo eyenziwe ngabantu yamkelekile, kuqukwa amanqaku avavanyayo, iingxelo ezimfutshane zophando kunye novavanyo lweencwadi. Ukuze ufumane ulwazi oluthe vetshe tyelela apha: http://www.tandf.co.uk/journals/rall.



Ijenali i-New Voices in Translation Studies, Issue 4 (2008), ihlelwe ngokucelwa nguDorothea Martins.  Eli hlelo libonisa ushicilelo lwamaphepha amahlanu akhethiweyo asuka kwinkomfa yezifundo ezingaphaya kwesidanga sokuqala, esihloko sithi ‘NgeThiyori/Ngaphandle kweThiyori: Indima edlalwa yiThiyori kuphando lwezifundo zoguqulo-lwimi’ (‘With/out Theory: The role of theory in translation studies research’), eyayibanjwe ngomhla we-17 nowe-18  kwekaTshazimpunzi 2009 e-University College eLondon (e-UK). Ifumaneka apha: http://www.iatis.org/newvoices/contents2008.php



Incwadi ethi Translation Studies, ihlelwe nguMona Baker (inemiqulu emine). ISBN 978-0-415-34422-7. Inesalathiso esipheleleyo kunye nentshayelelo egqibeleleyo.  Le ngqokelela intsha yemiqulu emine esuka kumzi woshicilelo i-Routledge idibanisa iminikelo esisiseko, emitsha nebonakalisa inkqubela kwisiza sezifundo zoguqulo-lwimi. Ngolwazi oluthe vetshe yiya apha: http://media.routledgeweb.com/pdf/9780415344227/9780415344227.pdf



Iziganeko nezibongozo zokufaka amaphepha

Ikhosi ethi ‘Specialised Translation: Subtitling’, yikhosi eqinisekiswe ngamaziko neneziqinisekiso ezingama-20 kwi-NQF, inqanaba 6 eza kwenziwa ngeentsuku ezi-5, nezakuququzelelwa yi-CTrans eYunivesithi yaseMntla-Ntshona (eVandebijlpark), ukusukela kumhla we-14 ukuya kowe-18  kweyoMsintsi. Le khosi iza kuquka intshayelelo emfutshane yethiyori, eza kulandelwa luqeqesho olwenziwayo kwiziseko ze-subtitling. Abenzi-zicelo kufuneka babe nesidanga sokuqala ubuncinane, kwaye babe benze izifundo zeelwimi njengezifundo zabo eziphambili, babe benze noqeqesho kwezeelwimi okanye uqeqesho kwimveliso yamajelo eendaba (okanye ufundo lwangaphambili olufanelekileyo). Ukufakwa kwezicelo kuvalwa ngomhla wesi-7 kweyoMsintsi. (Izicelo zokwenza ikhosi ese-Stellenbosch zivalwa ngomhla wama-21 kweyeThupha). Amalungu eSATI aza kufumana ixabiso elithotyiweyo. Malunga nolwazi oluthe vetshe qhagamshelana ne-CTrans kule nombolo yefowuni: (016) 910 3485 okanye ne-imeyile yabo ethi:

13090658@student.nwu.ac.za 



Unxibelelwano ne-imeyile kwisikhundla sakho esisemthethweni: UHlongozo-zimvo kwiZiko leeLwimi eYunivesithi yase-Stellenbosch ngomhla we-17 kweyoMsintsi 2009. Olu Hlongozo-zimvo lujoliswe kubasebenzi bakaRhulumente nabeenkampani zabucala ekufuneka banxibelelane ngokwezikhundla zabo ezisemthethweni. Umhla wokuvalwa kwezicelo ngowesi-9 kweyoMsintsi (ngabantu abangama-20 kuphela abaza kuthathwa). Ngolwazi oluthe vetshe yiya apha:  http://academic.sun.ac.za/taalsentrum/EVD okanye u-imeyilele apha: taalsentrum@sun.ac.za 



Umbutho i-Globalization and Localization, GALA 2009: Ushishino lolwimi, ulwimi loshishino (The business of language, The language of business): eCancun, eMexico, 14-16 kweyoMsintsi 2009. Ngolwazi oluthe vetshe yiya apha:   http://www.gala-global.org/conference/ 



INkomfa yonyaka wama-2009 yeQonga laseYurophu leeToliki zoLwimi lweZandla – iNgqondo ezinzileyo kwiZandla ezizinzileyo (European Forum of Sign Language Interpreters 2009 conference – Sound Mind in Sound Hands): eTallinn, e-Estonia, 18–20 kweyoMsintsi 2009. Le nkomfa iza kugqalisela kwisakhono sokusebenza setoliki, esiphenjelelwa luxinzelelo  lomzimba nolwengqondo lokutolika, ukunxibelelana kwimeko yenkcubeko eyahlukileyo, utshintsho olumandla kwiimeko ezahlukeneyo zotoliko kunye nemo yemvakalelo yabathathi-nxaxheba kwiimeko zotoliko. Ngolwazi oluthe vetshe yiya apha: www.evkty.ee/eng_efsli2009/index.html



I-PowerPoint: Izalathisi ezisisiseko zokwazisa okukuko (Basic pointers for an effective presentation): UHlongozo-zimvo losuku olunye kwiZiko leeLwimi laseStellenbosch ngomhla woku-1 kweyeDwarha 2009, olugxile kwizikhokelo zokwazisa okunempumelelo ngePower Point. Umhla wokuvalwa kwezicelo ngama-23 kweyoMsintsi  2009. Ngolwazi oluthe vetshe yiya apha:  www.sun.ac.za/taalsentrum/EVD okanye uqhagamshelane no- Audrey Poole kule nombolo yefowuni: 021 808 2167 okanye kule imeyile: taalsentrum@sun.ac.za 



Ukubhalela amajelo eendaba 111: Amanqaku aphambili kumaphepha-ndaba (Writing for the Media III: Features): UHlongozo-zimvo lwesithathu kuludwe loHlongozo-zimvo olumalunga nokubhalela amajelo eendaba, oluza kuba kwiZiko leeLwimi laseStellenbosch ngomhla we-12 kweyeDwarha 2009. Olu Hlongozo-zimvo luza kugxila ekubhaleni nasekuqukumbeleni awona manqaku aphambili kumaphepha-ndaba. Umthathi-nxaxheba ngamnye kuza kufuneka ukuba abhale inqaku ukulungiselela olu Hlongozo-zimvo. Kuza kuthathwa abantu abasibhozo kuphela. Ukubakho kuHlongozo-zimvo lwangaphambili akusosiqinisekiso sokuba uze kolu Hlongozo-zimvo. Umhla wokuvalwa kwezicelo ngulo: 2 kweyeDwarha. Ngolwazi oluthe vetshe yiya apha: www.sun.ac.za/taalsentrum/EVD okanye uqhagamshelane no-Audrey Poole kule nombolo yefowuni: 021 808 2167 okanye kule imeyile: taalsentrum@sun.ac.za 



Inkomfa i-TM-Europe 2009  ethi “UBulunga noLawulo lwesiGama, kunye nesiGama sezoShishino nemiGaqo yeeNkonzo zoGuqulo-lwimi neLocalization” (Quality and Terminology Management, and Business Terms and Conditions for Translation and Localisation Services”): eHotele iMarriott, eWarsaw, ePoland, 1–2 kweyeDwarha 2009. Ngolwazi oluthe vetshe yiya apha: www.tm-europe.org 



Inkomfa yeHlabathi emalunga noMgaqo-nkqubo weelwimi, IsiCwangciso neNkxaso kwiMfundo ePhakamileyo – Imiceli-mngeni yeelwimi ngeelwimi: eStellenbosch ngomhla we-17 ukuya kowama-20  kweyeNkanga 2009. Le nkomfa iza kuquka imixholo emithathu engundoqo: ImiGaqo-nkqubo yeelwimi kwimeko yemfundo ephakamileyo eneenkcubeko neelwimi ezahlukeneyo, isiCwangciso seelwimi kwimfundo ephakamileyo, iindlela zokuxhasa iilwimi kwimfundo ephakamileyo. Ubhaliso luvala ngomhla wesi-2 kweyeDwarha 2009. Ngolwazi oluthe vetshe yiya apha:  www.langhighered2009.co.za



INkomfa yesine yeeToliki zikaZwelonke i-IPEd – Ukugqithisa umyalezo (4th IPEd National Editors Conference) – Getting the Message Across): e-Adelaide, e-Australia, 8–10 kweyeDwarha 2009. Le nkomfa ijolise kubahleli abakwinqanaba eliphezulu, eliphakathi nabasakhasayo, kwizifundiswa nakubafundi abenza ubhalo nohlelo abavela e-Australia nakwiingingqi ezikufutshane. Amacandelo ale nkomfa aquka unxibelelwano lwezoshishino, ubudlelwane bomhleli nombhali, imfundo nokululeka abahleli, amajelo eendaba asakhasayo kunye no”hlelo oluluhlaza”. Ngolwazi oluthe vetshe yiya apha:  http://www.editors-sa.org.au/?q=IPEd%20conference 



Intlanganiso ye-IV Scientific and Professional TREMÉDICA: eMalaga, eSpain, 22-24 kweyeDwarha 2009. Ikuhlobo lwezemfundo. Esi siganeko singenzi nzuzo siquka yonke imiba yoguqulo-lwimi nobhalo kwisiza sezonyango. Ngolwazi oluthe vetshe yiya apha: http://www.tremedica.org or info@tremedica.org



INkomfa yeHlabathi emalunga neeNdlela zoGuqulo-lwimi ezijolise kwezeNtlalo nezeNkcubeko: iimbono zase-Indiya naseYurophu (International conference on Socio-Cultural Approaches to Translation: Indian and European perspectives): eYunivesithi yase-Hyderabad, e-Indiya, 10–12 kweyoMdumba 2010 (ngentsebenziswano neyunivesithi iSouth Brittany, eFransi). Umhla wokuvalwa kokungeniswa kwezishwankathelo zamaphepha ngama-30 kweyeDwarha 2009. Ngeenkcukacha ezithe vetshe qhagamshelana noNjing. J. Prabhakara Rao apha: (pjandhyala1@gmail.com) okanye utyelele apha:  www.itaindia.org 



UMbutho waseKorea weziFundo zoGuqulo-lwimi (iKATS): INkomfa yeHlabathi ethi: Translation and Globalization:  eYunivesithi yabaseTyhini iSookmyung, eSeoul, eKorea, 30-31 kweyeDwarha 2009. Le nkomfa ijonge ukuphengulula iziphumo zenkqubo emandla kunxibelelwano lwezobugcisa kunye neziphumo zotshintsho kulungiselelo lwezoqoqosho noluntu, njengokuba le miba ichaphazela abaguquli-lwimi noguqulo-lwimi. Ngolwazi oluthe vetshe yiya apha:  http://www.kats.or.kr



INkomfa yoNyaka yama-34 i-IALB–ASTTI: Ihlabathi kwixesha elinzima – Lona uShishino loLwimi? (The World in Crisis – And the Language Industry?): eGeneva, eSwitzerland, 13–14 kweyeNkanga 2009. Ixesha elinzima kwezemali elavela malunga nokuphela konyaka wama-2008 liye laqandusela kwixesha elinzima kuqoqosho lwehlabathi, luchaphazela imveliso neenkonzo zehlabathi ngokufanayo. Le nkomfa iza kuhlalutya ifuthe kushishino lweelwimi. Izicelo ezingena kuqala zivalwa ngomhla wama-31  kweyeThupha 2009. Ngolwazi oluthe vetshe yiya apha: http://www.ialb-astti.org/de/    



Ikhosi yotoliko ngaxesha-nye nangokulandelelana: i-Estudio Sampere (eseMadrid, eSpain) yenza ikhosi yonyaka eqala ngeyeDwarha 2009, nephela  ngeyeSilimela 2010, ngolwimi lwesiNgesi njengolwimi lwesibini. Ngolwazi oluthe vetshe (ngolwimi lwe-Spanish) yiya apha:  http://www.sampere.edu.es/ 



Ngaphakathi kweeNkcubeko neziCatshulwa: Iingxelo zohambo kwimbali yoguqulo-lwimi: (Between Cultures and Texts: Itineraries in translation history): eTallinn, e-Estonia, 9–10 kuTshaziimpunzi 2010. Le nkomfa  iza kugxila kumba wokuba uguqulo-lwimi lusoloko luyimisebenzi yezoncwadi kumalungelo azo, ukulungisa iimbali. Izithethi eziphambili eziqinisekisiweyo ziquka uJean Delisle noTheo Hermans. Izindululo zamaphepha ezibhalwe ngesiNgesi okanye ngesiFrentshi (zingabi ngaphezulu kwamagama angama-200) kufuneka zingeniswe phambi komhla wama-30  kweyoMsintsi 2009 komnye waba balandelayo: anne.lange@tlu.ee (Anne Lange, eYunivesithi iTallinn); katiliina.gielen@ut.ee (Katiliina Gielen, eYunivesithi yase-Tartu); okanye ku- daniele.monticelli@tlu.ee (Daniele Monticelli, e-Inalco).









Iguqulelwe kwisiBhulu nguSeugnet du Toit noJohan Blaauw

Iguqulelwe kwisiZulu nguManzo Khulu

Iguqulelwe kwisiXhosa ngu-Angelinah Dazela noThokozile Mabeqa

Iguqulelwe kwisiSotho ngu-Abel Mphanya



















__________________________________________________________________________________________________________________

Dintlha tsa go ikgolaganya le Setheo:

     Marion Boers. Mogala: 011 803-2681. Fekese: 0866 199 133. Imeili: publications@translators.org.za

     Irene Dippenaar. Mogala: 079 492 9359. Fekese: 086 511 4971. Imeili: registrar@translators.org.za

