











VIII / 3 (2008)



____________________________________________________________________________





EKA-SATI INTLANGANISO YAMALUNGU ONKE YOKUPHELA KONYAKA KA-2008 ENENKONGOLO YEENGCALI EZITHILE

Ncedani nikhumbule ukuba kuye kwanyanzeleka ukuba utshintshwe umhla nendawo yeNtlanganiso kaSati yamaLungu onke yokuphela kwalo Nyaka. INtlanganiso yamaLungu onke yokuphela koNyaka iya kubanjwa ngoLwesithathu umhla we-11 Juni eGroenkloof, esePitoli. Isaziso nemibandela ekuza kuxoxwa ngayo seyisasazelwe kumalungu, amanye amaxwebhu akulandeliswe ngelinye ixesha. Ngenxa yamalungiselela ezityo aza kwenziwa, singavuya kakhulu xa unokusazisa ukuba uza kufika.



Emva kweNtlanganiso yamaLungu onke yokuphela koNyaka kwakubakho isifundo ngalo mxholo: Words Matter : Kananjalo iinkcukacha sezisasazelwe ebantwini; nceda usazise xa ungayifumenanga eyakho ikopi. . Amalungiselelo entlanganiso ayavalwa ngomhla wesi-5 kuJuni.



Uphando ngoluhlu lwerhafu



Uphando ngoluhlu lwerhafu ka-2008 sekukufuphi ukuba lugqitywe, yaye kwamsinyane uza kusifumana isicelo sethu sokuba nawe yithathe inxaxheba. Olu phando lwakwenziwa kuphela ngabo bafikelelayo kumnatha-sizwe/kwi-Internet, kaloku kulapho iinkcukacha zalo zifumaneka khona.. Onke amalungu siyawabongoza ukuba mawathathe imizuzu embalwa ekulugqibeni olu phando, le kukuphela kwendlela esinokuziqokelela ngayo iinkcukacha, ekugqibeleni zizo eziqinisekisa ukuba sonke sisebenza phantsi kweemeko eziphucukileyo nezingenamkhethe. Khumbulani ukuba kulo nyaka uphando luza kuncina ngeenkcukacha zabaguquli-zilwimi abaqeshwe isigxina kunye nabo banezingxungxo zokuguqula iilwimi.



IiNtlanganiso zamaBhunga



uManzo Khulu usenawo umdla wokuseka iNguni Chapter eGauteng; noxa kunjalo imenza adane indlela amphendula ngayo amalungu. Nabani na onomdla wokuyibona ikhula iNtlanganiso yeBhunga elolo hlobo makancede aqhagamshelane noManzo apha: (kayem@telkomsa.net okanye makatsalele umnxeba kule nombolo: (011 693-7237).



IBoland Chapter inezi ziganeko zilandelayo zicwangciselwe wonke lo nyaka; nceda uqhagamshelane noJan Vorster kule nombolo: (021 439-5470 okanye apha: janvorster1@mweb. co.za) ukuze ufumane ezinye iinkcukacha okanye uzibandakanye neli bhunga:



Ngomhla wama-31 kuMeyi: yiNtlanganiso yokupheka koNyaka yamaLungu onke kaSATI weBoland, onke amalungu aya kubamba ingxoxo ngalo mbandela: ‘Professional business practice: Providing and getting 




paid for a professional service’.



Ukususela ngomhla we-14 ukuya kowe-17 kuJuni: YiCape Town International Book Fair – AbakwaSATI bakwabelana ngeqonga ne-P EG ne-McGillivray Linnegar Associates. Aza kufuneka amavolonti. Zakulandeliswa iinkcukacha. 



Ngomhla wama-20 kuSeptemba: yi-International Translation Day – kucetywa ubukho beengxoxo nophando oluza kuqulatha lo mxholo: Terminology: Words Matter. Zakulandela iinkcukacha. 



Ngomhla wama-25 ku-Octobha: Kobakho ucweyo ngendlela yokuhlela ekwinqanaba eliphezulu kunye nokuguqulelwa kwemibhalo kwezinye iilwimi, abaququzeli iyakuba ngu-Amanda Lourens no-Ilse Feinauer. 



Ngomhla wama-22 kuNovemba: ngumsitho wokuphela konyaka. Iinkcukacha ziza kulandela. 



Ubulungu



Amalungu amatsha: New members: Belinda Bezuidenhout, Annatjie Blignault, Reneé Bloem, Bohle Conference and Language Services (ilungu ngenxa yesikhundla), Estanislau Chombossi, Berta Clase, Gisela Collins, Johan de Jager, Dilicom Language and Communication (ilungu ngenxa yesikhundla), Thozamile Douws, Ary German, Michiel Heyns, Tambu Hwaramba, Michelle Jordaan, Evelyn Keere-Mswetsa, Lorna Keough, Beata Leszczynska, Susan Lombaard, Denys Lukusa, Thami Molale, Moloi Translators (ilungu ngenxa yesikhundla), Lydia Moussonzo, Slindile Mtshali, Multilingua T/I Services (ilungu ngenxa yesikhundla), Natalie Myburgh, Mpondomise Ncokazi, Constance Nkopo, Deli Nkosi, Mari-Leigh Pienaar, Hendrien Pieterse, Cindy Schoeman, Adri Theron, Aurélie Torres-Hastie, Inesa van Rooyen, Nolitha Vani, Wordworx (ilungu ngenxa yesikhundla)



Abawushiyileyo umsebenzi baphuma: Lande Botha, Liezel de Vries, Fabian Jaumain, Hester Mey, Annalene Schoeman, Corine Turkstra, Lanie van Kradenburg

Galelo kwiNgxowa-mali yoPhuhliso: Gretha Aalbers, Bas Angelis, Robbie Brizzolari, Irene Dippenaar, Michelle du Plessis, Basile Ezenge, Karen Garbers, Corrie Geldenhuys, Kerry-Anne Gilowey, Sybille Gussmann, Lorraine Hartman, Glynis Harvey, Joey Kok, Wilna Liebenberg, Lulu Mfazwe-Mojapelo, Magadi Mohasoa, Lucas More, Adelaide Morgado Grobbelaar, Bheki Ntuli, Silvia Pratten, Isabella Redelinghuijs, Sue Richardson, Tim Steward, Rita van Wyk, Alison Wright



Iindaba ezivela kwi-FIT



Eyeshumi elinesibhozo i-FIT World Congress iza kubakho eShanghai yaseChina ukususela ngomhla wesi-4 kude kube ngowesi-7 ku-Agasti ka-2008. Umxholo





I-SATI ivala umsantsa kwiilwimi



uyakube ungulo: Translation and Cultural Diversity. Amalungu ayacetyiswa ukuba mawabhalise kwamsinyane. Ningalibali ukuba i-imiDlalo yee-Olympic yaseBeijing iza kuqalisa kanye emva kweNkongolo yeFIT yaye iza kuzichaphazela iindleko. Iinkcukacha zokubhalisa ziyafumaneka kwi-Congress Website apha: http://www.fit2008.org/.



Okunika umdla



Master of Advanced Studies (MAS) in interpreter training: Interpreting department, Ecole de traduction et d'interprétation (ETI), kwiDyunivesithi yaseGeneva. Ezi zifundo zemfundo enomsila, (60 ECTS) zikhutshwa ngendlela exutyiweyo, (I-90% yazo uyenza wedwa ngembalelwano, i-10% yazo uyenza phaya e-ETI) yaye kuyaqaliswa ngomhla wokuqala kuSeptemba ka-2008. Ubhaliso luvulelekile ngoku apha: https://virtualinstitute.eti.unige.ch/MAS/. Anqongophele amathuba okwamkelwa yaye umhla wokugqibela ekuthathweni kwezicelo ezifakiweyo ngowama-20 kuJuni ka-2008.



Okushicilelweyo



Comics in Translation, olu shicilelo luhlelwe nguFederico Zanettin. Okuhlekisayo Izinto ezihlekisayo ziyindlela yobugcisa benkcaso nenkani obukwayinxalenye yenkcubeko yemvelo emazweni amaninzi, ukanti ke ngokuthelekisiweyo kuncinane okubhaliweyo kwicala lokuguqulwa kwezihlekisayo. I-Comics in Translation izama ukuhlangabezana nolu lambatho kulucwadi ikwazama nokunikezela ngeengcamango ezintsonkothileyo ngemiba eyahlukeneyo yokwenzekayo kwintlalo nokushwankathelwe phantsi kwesaci esithi:‘comics’. ISBN 1-905763-07-7 / 978-1-905763-07-8. Zilapha ezinye iinkcukacha: http://www.stjerome.co.uk/page.php?id=514&doctype=StJ Books&section=3.



Translation as Reparation: Writing and Translation in Postcolonial Africa, oko kubhalwe nguPaul Bandia, kudandalazisa amazwe e-Afrika ebesakuba ngamathanga ngokunikezela ngoluncwadi lwase-Afrika oluxuba ulwimi lwamaNgesi njengomzekelo oyinyaniso wokufundiswayo wamazwe ebesakuba ngamathanga, nokusisindululo sengqiqo entsha elugxeko-ncomo olubhaliweyo lwamazwe ebengamathanga ngokwenkcazelo yeendlela zokuguqulwa kweelwimi. ISBN 978-1-1905763-06-1. Zifumaneka apha ezinye iinkcukacha: http://www.stjerome.co.uk/page.php?id=512&doctype=StJ Books&section=3.



Translating Institutions: An Ethnographic Study of EU Translation, yona ibhalwe nguKaisa Koskinen, ishwankathela indlela yokuyilwa kophando ekuguqulweni kweelwimi kwiimeko zamaziko, kusetyenziswa icandelo lokuguqula iilwimi eliyiFinnish kwiKhomishoni yaseYurophu njengesifundo esingumzekelo: ISBN 978-1-1905763-08-5. Zifumaneka apha ezinye iinkcukacha: http://www.stjerome.co.uk/page.php?id=518&doctype=StJ Books&section=3.



Iziganeko nokubongoza ngezindululo ezibhaliweyo



Interpreting workshop, Stellenbosch University: Iya kuqala ngomhla wama-27kude kube ngowama-29 kuMeyi ka-2008. Olu cweyo lweentsuku ezintathu, oluza




kuhlanganisa indlela yokutolika naleyo yokuguqulwa kweelwimi ngokubhala, lwenzelwe abatolikayo ngezi lwimi: isiBhulu /i-Afrikaans, isiXhosa nesiNgesi nabasaqalayo ukusebenza nabafuna ukuhlaziya izakhono zabo bakwazi nokunxibelelana nezinye iitoliki, kunye nabo bafuna ingqiqo ngezidingo zokutolika beneenjongo zokuzilawula ngokomsebenzi lowo. Xa nifuna ezinye iinkcukacha tsalelani umnxeba kuGqirha Amanda Lourens kule nombolo: 021 880 1985 okanye nibhalele apha: alou@iafrica.com okanye apha: alourens@sun.ac.za .



Correspondence and E-Mail in your Official Capacity:



Olu lucweyo oluza kuthatha imini yonke kwiStellenbosch University Language Centre ngomhla wama-25 kuJuni ka-2008. Zifumaneka apha ezinye iinkcukacha: www.sun.ac.za/taalsentrum/EVD okanye ungaqhagamshelana noMaretha Joyce kule nombolo: 021 808 2167 or mjoyce@sun.ac.za.



I-WALTIC – Writers’ and Literary Translators’ International Congress: Le yintlanganiso yokuqala yamazwe ehlabathi efanele ababhali nabo baguqulela imibhalo kwiilwimi ezininzi, yobanjelwa eStockholm eseSweden, yoqala ngomhla wama-29 kuJuni kude kuyiwe kumhla wesi–2 kuJulayi ka-2008. Le nkongolo bavumelekile ukuya kuyo ababhali, abaguqulela okubhaliweyo kwezinye iilwimi, amatsha-ntliziyo, abameli bee-NGOs, abezopolitiko, abaphandi neengcali kwicala lezenkcubeko. Zifumaneka apha ezinye iinkcukacha: www.waltic.com okanye iinkcukacha ezikwikhompyutha ungazitsala apha: www.congrexnetwork.com/dbs/waltic/ files/PDF/waltic_information.pdf



I-Third IATI Summer School “SummerTrans III: Translation meets Management”, KwiDyunivesithi yaseVienna, e-Austria, ukususela ngomhla wokuqala kude kuyiwe kowe-11 kuJulayi ka-2008. Izifundo zakuhlohlwa ngesiJamani nangesiNgesi. Ukwenzela iinkqubo nobhaliso khangela pha: http://www.termnet.info/english/events/sumtrans2008.php okanye uqhagamshelane noBlanca Nájera apha: bnajera@termnet.org ukuze ufumane ezinye iinkcukacha.



First International CTIS Postgraduate Conference: Translation Frames: Gateways and Gatekeeping, ikwiDyunivesithi yaseManchester, e-UK ukususela ngomhla wama-30 kuJuni kude kufike umhla wokuqala kuJulayi ka-2008. Ezinye iinkcukacha zilapha: hulme.hall@manchester.ac.uk.



Localization Forum at tcworld 2008: I-GALA isebenzisana netekom kulungelelwaniso lwe-Localization Forum kusenzelwa inkongolo yonyaka ka-2008 yorhwebo olunobulungisa nolungenamkhethe (tcworld) eWiesbaden yaseJamani, kwakuqalwa ngomhla wesi-5 kude kube ngowesi-7 kuNovemba ka-2008. Inkqubo iza kufikelela kwinqanaba eliphezulu lolawulo, kwindlela ekusetyenzwa ngayo nabantu, kwimibandela yezenkcubeko nezenkolo ngakwicala lokuguqulelwa kwemibhalo kwezinye iilwimi nokunqanda ukuba kungangenwa kweminye imibandela. Zifumaneka apha ezinye iinkcukacha: info@gala-global.org okanye apha: http://www.gala-global.org.



I-World Congress on Specialized Translation: Languages and Intercultural Dialogue in a Globalizing World, eHavana yaseCuba, kwakuqalwa ngomhla wesi-8





I-SATI ivala umsantsa kwiilwimi



kude kube ngowe-13 kuDisemba ka-2008. Zifumaneka apha ezinye iinkcukacha: http://dtil.unilat.org/cmte2008.



I-Korean Association of Translation Studies (KATS) International Conference: Translation and Global-ization, kwiSookmyung Women’s University eSeoul yaseKorea, kuya kuqaliswa ngomhla wama-30 kude kube ngowama-31 ngo-Octobha ka-2009. Izindululo ezibhaliweyo ekungafunekanga zigqithile kumagama angama-400 nekufuneka zibandakanye itayitile yomntu nengxelo emfutshane emalunga nobomi balowo uzakube ezathuza, konke oko kungathunyelwa ekomitini yolungelelwaniso kule meyile: kats09_seoul@yahoo.com. Umhla wokugqibela ekungenisweni kwezindululo: ngowama-31 ku- Octobha ka-2008. Umhla wokwaziswa kwabamkelweyo: ngowama- 31 kuDisemba ka-2008. Ubhaliso lweentaka ezivuka mva: luqalisa ngomhla wokuqala kuJanyuwari kude kube ngowama-31 kuMatshi ka-2009. Ziyafumaneka apha ezinye iinkcukacha: http://www.kats.or.kr.



INkongolo yesithathu ye-International Association for Translation and Intercultural Studies (IATIS), iya kubanjwa kwiDyunivesithi iMonash eseMelbourne e-Australia, ukususela ngomhla wesi-8 kude kube ngowe-10 ngoJulayi wonyaka ka-2009. Kumenywa abantu ukuba bafake izindululo ezibhaliweyo kuyo le nkongolo


yamalungu onke. (http://www.foxevents.com.au/Current-Events/2009-Events/IATIS-Conference/Call-for-Panels/Call-for-Papers.asp) kwakunye nabakhethekileyo ababizelwa imicimbi ethile (http://www.foxevents.com.au/Current-Events/2009-Events/IATIS-Conference/Call-for-Panels/Panel-Descriptions.asp). Umthathi-nxaxheba onomnqweno kufuneka athumele isicatshulwa esinamagama angama-300 njengephepha elisisindululo (uzathuzo olo lwakuthatha imizuzu engama-20, eminye imizuzu eli-10 iya kusetyenziselwa ingxoxo). Tyhilani kwiwebhusayithi yenkongolo nifumane iinkcukacha ngendlela yokuthunyelwa kwesindululo neyokutsalwa kwikhompyutha kwefom ekufakwa kuyo iinkcukacha ize ithunyelwe apha: http://www.foxevents.com.au/Current-Events/2009-Events/IATIS-Conference/Default.asp. Umhla wokugqibela wokuzamkela izindululo: Ngowe-17 kuSeptemba ka-2008.





Iguqulelwe kwisiBhulu nguGretha Aalbers noWilna Liebenberg Iguqulelwe kwisiZulu nguLungile Zungu noManzo Khulu



Iguqulelwe kwisiXhosa ngu-Angelinah Dazela Iguqulelwe kwisiSotho ngu-Abel Mphanya





__________________________________________________________________________________________________________________



Kweli ziko ungaqhagamshelana nalo:

Marion Boers. Kule nombolo: 011 803-2681. IFeksi: 0866 199 133. Imeyile: publications@translators.org.za Irene Dippenaar. Kule nombolo: 079 492 9359. IFeksi: 086 511 4971. Imeyile: sati@intekom.co.za



















































































I-SATI ivala umsantsa kwiilwimi

