Ingcaciso yabaPhathi









AbaPhathi beSATI bebebambe intlanganiso ngomhla we-12 ngoJuni ka-2008. Apha ngezantsi kukho isishwankathelo seyona mibandela iphambili bekuxoxwa ngayo.



Indebe yeHlabathi ka-2010 kwiBhola ekhatywayo



Luphicotho lwezakhono ebekujoliswe kuzo ngaba-kwaSATI ukuze balungise uvimba wabo weenkcukacha kwicala leetoliki kweli lizwe lethu lonke, emva kokucebi-sana neSebe lezoBulungisa, bafumene abaninzi abantu ababonise ukuba nomdla, kwabaninzi abakulo msebenzi abangawo amalungu, kwabanye abantu abakwiilwimi ezingaqhelekanga. AbakwaSATI baza kuphinda badi-bane neSebe lezoBulungisa ngoJulayi ukuze kuxoxwe nganyathelo elilandelayo.



Uphando ngerhafu



Lusaqhutywa uphando ngerhafu yaye abaPhathi baye baneliseka kukuphawula ukuba ngenye imini elandela ukwaziswa kophando ngokusesikweni, kuye kwacaca ukuba ubonakalisiwe umdla ngokuphendula. Uphando lwakuvalwa ngomhla wama-30 kuJuni yaye iziphumo zakupapashwa kubantu bonke kwamsinyane emva koko.



Iwebhusayithi yabakwaSATI



Usaphethwe umcimbi wokuba le Webhusayithi mayiguqulelwe kuzo zonke iilwimi ezisemthethweni. Kwavunyelwa ekubeni inxalenye yamalungu –ekuku-phela kwecandelo (wakuba sowusebenza lo mbandela) kwakuba kugxilwe kwinkcazelo yamagama angaqhele-kanga nakwiinkumbulo eziguqulelwe kwiilwimi ezingeni-siweyo ngamalungu. Kananjalo kwakubakho icandelo ‘leziBonelelo zokusebenza’ kwindawo eqhelekileyo edwelisa izichazi-magama, njalo-njalo.



Ukucetyiswa ngabanamava



Inkqubo yokucetyiswa ngabanamava ayihambi ngendle-la elindeleke ngayo, kukho ubunzima ekufunyanweni kwamalungu azimisele ukuba ngamavolonti ngokuma-lunga nexesha elifunekayo alinikezelayo kwicala leengcebiso. AbaPhathi bavuma noxa kunjalo ngelithi le yinto efunekayo kuphuhliso lobuchule balo msebenzi, yaye baza kubona ukuba le ngcamango abanakuyivelela ngenye indlela eyahlukileyo na. Enye yezo ndlela ingakukulungiselela ucweyo ngokwamaxesha alandele-lanayo kweli lizwe lonke lethu.



Ukubalelwa kwabamkelekileyo



Ixesha leemviwo ze-NAATI kulo nyaka lakuqaliswa ngomhla wama-23 kuJulayi eJohannesburg naseKapa, ukuvavanyelwa ukutolika kwakubanjwa ngomhla we-12 kuJulayi ePotchefstroom, ngomhla we-14 kuJulayi uvavanyo lwakubanjwa eJohannesburg.








Ubulungu



Okwangoku zisibhozo ii-arhente ezingenele ukuba ngamalungu amanyaniswe neZiko eli, linye iziko lezemfundo elingenele ukuba lilungu elimanyanisiweyo. Bekukho kwakho ingxoxo ngokuba ngamalungu kwaba-fundi: malunga nendlela yokutsalelwa kwabantu ukuba mababe ngamalungu kolu didi, nokuba ubulungu obo bube luncedo kubafundi.



FIT



UMarion Boers uzakumela iZiko eli kwiNkongolo yeFIT eShanghai ngo-Agasti. Amanye amalungu azakube ephaya nawo angaba yinxalenye yabathunywa bakwa-SATI.



Izifundo zeNtlanganiso yamaLungu onke yokuphela koNyaka



we-11 kuJuni ePitoli. Zombini, iNtllanganiso yamaLungu onke yokuphela koNyaka kunye nezifundo ezithe zaba-njwa emva koko, ebezigxile kumxholo we-ITD 2008 othi ‘Terminology Matters’, abantu bebephumile bezile kuzo.



Le mibandela iphambili kuthethiwe ngayo ngexesha lentlanganiso:



Eyona njongo yabakwaSATI yokuqhubela phambili ikukuphuhlisa nokukhuthaza ubudlelwane obuluqilima nabaguquli beelwimi kunye neetoliki ezisebenza nge-elwimi zesiNtu okanye zama-Afrika. Amalungu ama-lungu ale ngingqi, (ingakumbi lawo abalelwa kwawa-mkelekileyo), aveza ipesenti encinci kuphela xa siwa-thelekisa nenani lamalungu ephelele; le nto iyaxhalabisa xa kujongwa ikamva kabakwaSATI njengeziko ‘loMzantsi-Afrika’. Usihlalo wethu uye wabongoza abantu ngeengcebiso zokuba amalungu ethu singa-wandisa njani na ngokwamanani malunga ke nalo mbandela, iingxaki zona zithathelwa ingqalelo kakhulu malunga nento yokuba uRhulumente makasilele ekufe-zekiseni uYilo lomGaqo-nkqubo weeLwimi zikaZwelonke ngokumalunga ke nezo lwimi zisemthethweni. Iphawulwe into myokuba abakwaSATI khange bacelwe ukuba mabanze amagqabantshintshi ngomThetho osa-Yilwayo weQumrhu “leeNgcali zeeLwimi zoMzantsi-Afrika”.



Kwabakho isindululo sokuba abakwaSATI bamele uku-gxila ngokumandla ekukhuthazeni nasekuphakamiseni igama leZiko lethu: ezinye iingcebiso zaquka amanqaku anokukhutshwa kwabeendaba, ukusetyenziswa kwaba-fundela ubuDlelwane obuphakathi koLuntu ukuze kusekwe isicwangciso-nkqubo esikukwazisa ngama-lungu abekelwe kulawo amkelekileyo ukuze athethe nabafundi abasezidyunivesithi ukuze kubekho umhla ekuphuhlisweni kwabaguquli zilwimi kwiindawo zabahlali abaselula ngokumalunga nokuba kuluhlu lwabamkele-





Iimpendulo ezivela kubaPhathi bentlanganiso yokugqibela
 
Uxwebhu lwesi-3 olunguNombolo 2
 

 

 

 
NgoJuni ka-2008
 

 

 

 

 

 

 


kileyo nokuze bangenele ukuba ngamalungu Esati. Aba-Phathi bayawakhuthaza amalungu ekuzeni neengca-mango zokwazisa ngokubanzi ngeZiko eli nangemise-benzi yalo, ingakumbi ukuzinikezela ekuncedeni ngokufezekiswa kwezo ngcamango.



Kube mnandi ukufumana iimpendulo ezincumisayo malunga noLwimi lwabangathethiyo oluSebenzisa imi-Qondisa yeZandla betolika nangenkqubo myokwa-mkeleka kwabo: eso senzo sithathwa njengomqondiso wewonga kubantu ababandezelekileyo kwicala lokuto-lika ngemiQondiso yZandla bengathethi, okokuba mababe ngamalungu kaSATI amkelekileyo. Kubonakele kwangaphambili ukuba, ngeminyaka embalwa, kwa-kubanzima ukusebenza njengetoliki yoLwimi olusebe-nzisa imiQondiso yeZandla bengamkelwanga njenga-malungu ngabakwaSati. Oku kyuye kwabaluleka kwa-SATI, kuvunyelwene ekubeni masiyiqwalasele indlela yokuwandisa la mathuba okuguqulwa kweelwimi okunye awokutolika kwabahlali.



Kuye kwavela nento yokuba inkqubo yekomiti ebise-tyenziswa eminyakeni emibini edlulileyo, ayinakusoloko isebenza kakuhle ngoba abahlali abayiqondanga kakuhle, bayitolike ngokugwenxa imiba okanye iinkcukacha ezifunwayo ngabaPhathi. Lilonke kwabakho


ingxebiso yokuba iikomiti mazinikwe ithuba lokuphinda zinike ingxelo kubaPhathi, kunjalo ngendlela esesikweni. AbaPhathi baxoxa ngale nto bavumelana ukuba indlela ephucukileyo yokuyenza ingakukumema oosihlalo beekomiti kunye noosihlalo beenkonzo okanye bama-Bandla anakho ukubakhona kwiNtlanganiso yokuphela koNyaka yamalungu onke, ukuze kubekho enye intlanganiso eyandisiweyo yabaPhathi, (mayibe lusuku olup[hambi kweNtlanganiso yamaLungu onke), maba-nike ingxelo ngemisebenzi yabo, babe bothungelwano okanye nonxibelelwano lokwabelana ngeengcamango benabanye oosihlalo. Kwakhona abaPhathi bakuthi gqolo ngokulandela imibandela yoosihlalo beekomiti kwicala lemisebenzi yabo. AbaPhathi bangathanda uku-khumbuza amalungu ukuba abo bathanda ukuhlala ekomitini ethile bayakhuthazwa ukuba baxelele aba-Phathi ukuze anmagama abo abhalwe ade adityaniswe kukhetho olulandelayo.





Afrikaans translation: Elsie Fourie



Sesotho translation: Abel Mphanya



Setswana translation: Pauline More



Zulu translation: Lungile Zungu



Xhosa translation: Angelinah Dazela

