Iinkonzo zamabanjwa aseMzantsi Afrika (abanjwe kumazwe angaphandle)
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Iinkonzo zamabanjwa aseMzantsi Afrika abanjwe kuma
Isicelo sesatifiketi esiphuma emapoliseni esichaza
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu
Ukumka eMzantsi Afrika
IiNkonzo zamazwe angaphandle
Iinkonzo zamabanjwa aseMzantsi Afrika abanjwe kuma
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Amagosa abaMmeli-lizwe afuna ukuqinisekisa ukuba abemmi baseMzantsi Afrika ababanjwe phesheya baphathwa ngendlela enobuntu ngeli xa baseluvalelweni. Kulo mba, imiba efana nokungcungcuthekiswa, impatho egadalala okanye ethoba isidima okanye isohlwayo siya kuxelwa sijongwe kunye nabasemagunyeni bengingqi. Imigaqo ePhantsi eMileyo yeZizwe eziManyeneyo yokuPhathwa kwamaBanjwa isetyenziswa njengesikhokelo.
Zeziphi iinkonzo ezinikwa ngamaGosa abaMmeli-lizwe kubantu baseMzantsi Afrika abaseluvalelweni phesheya?
ammisela uqhagamshelwano kunye nabantu abaseluvalelweni kwakamsinya emva kokuqinisekisa ubumi babo baseMzantsi Afrika.Oku kwenza ukuba abantu baseMzantsi Afrika ababanjwe, baseluvalelweni okanye basentolongweni,phantsi komthetho welizwe langaphandle baqonde amalungelo abo kwakunye neenkonzo ezinikwa nguRhulumente weloMzantsi Afrika. Uqhagamshelwano luya kwenziwa ngokudibana nomntu, ngokubhala, ngokutsala umnxeba, okanye ngoonozaku-zaku abafanelekileyo, kuxhomekeke kwimeko ezithile.
anika ulwazi olubanzi malunga nenkqubo yomthetho yelo zwe lokubanjwa. Ulwazi olo lungaquka; iinkcukacha malunga noncedo lwezomthetho (ukuba luyafumaneka) kunye notshutshiso, uluhlu lwamagqwetha (akukho ngcebiso zinokwenziwa malunga negqwetha elithile), ukubuyisela entolongweni, ibheyle namanyathelo okubhena ukuze abaseluvalelweni babe nokuqonda ngamalungelo abo kwaneenkqubo eziqukwayo.
andwendwela iintolongo. Ukundwendwelwa rhoqo kweentolongo kuxhomekeke kumgaqo-nkqubo olandelwayo ngelo xesha, indawo, inkcubeko nemithetho yombuso obambayo, kwakunye nemeko yokhuseleko egqubayo elizweni nasentolongweni.
aqhagamshelana nosapho okanye abahlobo- kuphela ukuba oko kucelwe ngoseluvalelweni ngokubhala. Akukho qhagamshelwano luya kwenziwa, oknaye lwazi luya kunikwa nabanina ngaphandle kwemvumelwano ebhaliweyo ebhalwa ngabemmi beloMzantsi Afrika abaseluvalelweni okanye entolongweni.
aququzelela ukuthunyelwa kweemali zisuka kwiintsapho okanye kubahlobo abaseMzantsi Afrika zisiya kulowo uvalelweyo - ngokuthobela umthetho nemigaqo kaRhulumente weloMzantsi Afrika kunye naloo mbuso ubambayo. Isigunyaziso esikhoyo sichaza ukuba imali evela eMzantsi Afrika ithunyelelwa izinto zokuhlamba, ukutya nezinto zakhe (ingeyomirhumo yezomthetho) akufuneki idlule kuma-R2 000 (amawaka amabini eerandi) ngenyanga. Esi sixa asiyi kudluliselwa kwinyanga elandelayo. Qhagamshelana necandelo leeNkonzo zabaMmeli-lizwe&#160; ukuba ufuna uncedo.
aququzelela ukuthunyelwa nokuziswa kweeleta, amayeza nezinto zokufunda (emva kokugwetywa) ezivela kwiintsapho nabahlobo eMzantsi Afrika.Esi sibonelelo sixhomekeke kwizibonelelo nemirhumo ekhoyo yeSebe lemiCimbi yezangaPhandle kunye nemithetho nemigaqo yelizwe lokubanjwa. Le mali ingatshintshwa iphuculwe kumaxesha ngamaxesha.
Nceda Qaphela:
ISebe lemiCimbi yezangaPhandle kunye nabaMmeli beloMzantsi Afrika kwelaphesheya benza unakho-nakho ukuqinisekisa ukuba imali, iileta, izinto zokufunda namayeza zihanjiswa ngaphandle kokulityaziswa. Noxa kunjalo, izinto zokwenza eziphambili zoMzi woZakuzo, uMkhomishinala oPhezulu okanye uMmeli-lizwe baza kuqala. Iimeko zengingqi kwelo zwe nazo ziba nendima eziyidlalayo.
Amagosa abaMmeli-lizwe awakwazi ukunika ezi nkonzo zilandelayo kubantu baseMzantsi Afrika abaseluvalelweni:
ukuphembelela okanye ukungenelela kwiinkqubo zenkundla okanye zomthetho ukufumana okanye ukunika ingcebiso yezomthetho ukuququzelela ukukhululwa entolongweni okanye ibheyile ukuya kwiindawo ezinobungozi okanye iintolongo ukuphanda ulwaphulo-mthetho ukufumana impatho engcono entolongweni kunaleyo ifunyanwa ngabantu baloo ngingqi - ngaphandle kokuba imigaqo ephantsi emileyo yezizwe ezimanyeneyo yempatho yamabanjwa ayisetyenziswa ukuyalela izizalwane okanye abahlobo ukuba bathumele imali ukuhlawula amatyala ezomthetho, ezonyango namanye ukufumana indawo yokuhlala, umsebenzi, iimpepha-mvume zokundwendwela okanye imvume yokuhlala kuloo ndawo ukuqwalasela umsebenzi owenziwe ziiarhente zezohambo, iinqwelo-moya, iibhanki okanye iinkampani eziqeshisa ngeemoto ukuncedisa ngokwasemthethweni abantu abanobuzwe ngambini kwilizwe labo lobummi besibini kuhlawulela amalungiselelo, izithuthi, umngcwabo okanye ukutshiswa komzimba wommi waseMzantsi Afrika oswelekileyo.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Ukuba ubanjwe kwelaphesheya, qhagamshelana noMmeli weloMzantsi Afrika okufuphi IiNkonzo zabaMmeli-lizwe kwiSebe lemiCimbi yezangaPhandle ePitoli.
Abantu abanobuzwe ngambini ababanjwe kwilizwe lobunye ubuzwe babo abayi kufumana ncedo kubaMmeli beloMzantsi Afrika. Ukuba abantu abanobuzwe ngambini baye babanjwa kwelinye ilizwe, abangengobemmi balo, ngexesha beseluhambeni besebenzisa iincwadi zokundwendwela zelizwe labo lesibini, kuya kufuneka baqhagamshelane nabammeli belo zwe basebenzisa iincwadi zalo kolo hambo.
Entla
Akukho siVumelwano sokuTshintshwa kwamaBanjwa esikhoyo phakathi koMzantsi Afrika namanye amazwe.
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Umgangatho wenkonzo ufunyaniswa ngokomba ngamnye kwaye uxhomekeke kwiimeko zelo zwe lokubanjwa.
Entla
Iindleko
ISebe lemiCimbi yezangaPhandle lifumanisa indleko apho kufuneka khona, ngokusekelwe kwiinkonzo ezinikiweyo.
Entla
Ummeli welaseMzantsi Afrika uya kunika lowo useluvalelweni iifomu zezicelo ezifanelekileyo.
Entla
Ifowuni:
Ifeksi:
I-adresi yendawo:
I-adresi yokuposa:
ISebe leMicimbi yezaNgaphandle
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
