Ukunika ingxelo ngempahla izinto kunye neemali zomntu ongasekhoyo
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Ukunika ingxelo ngempahla izinto kunye neemali zom
Isicelo sokubhalisa ukunikwa kwegunya lasemthethwe
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu
Ukujongana nomthetho
Ilifa lomntu obhubhileyo
Ukunika ingxelo ngempahla izinto kunye neemali zom
Ukunika ingxelo ngempahla izinto kunye neemali zomntu ongasekhoyo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Impahla, izinto kunye neemali (ilifa) zomntu ongasekhoyo zivela ekubhubheni komntu kwaye eshiya impahla, izinto kunye neemali (ipropati) kunye nomqulu okanye umqulu wasemthethweni ongumyolelo oyalela indlela emakwabiwe ngayo eli lifa (i-will) okanye oneenjongo zokuba ngumqulu wasemthethweni ongumyolelo oyalela indlela emakwabiwe ngayo ilifa. Eli lifa ke kufuneka lilawulwe kwaye labiwe ngokuhambisana nomqulu wasemthethweni ongumyolelo oyalelayo womfi, okanye, ukubangaba umfi akashiyanga myolelo oyalelayo, kufuneka labiwe kwaye lilawulwe ngokuhambisana nemimiselo yomthetho. Umthetho wokuLawulwa kwaMafa, ekuthiwa yi-Administration of Estates Act, 1965, uqingqa umgaqo omawulandelwe xa kulawulwa ilifa longasekhoyo.
Ilifa lomntu ongasekhoyo kufuneka lixelwe kwi-ofisi yoMphathi oyiNqununu (Master) kwisithuba seentsuku ezili 14 zomhla wokubhubha. Ukubhubha kungaxelwa nguye nawuphina umntu onolawulo okanye ophethe nayiphina impahla eyinxenye yelifa longasekhoyo, okanye onolawulo okanye ophethe umqulu obhalwe ngumfi, ongumqulu wasemthethweni ongumyolelo oyalela indlela emakwabiwe ngayo ilifa (i-will) okanye obonakala ngathi ungumqulu wasemthethweni ongumyolelo oyalela indlela emakwabiwe ngayo ilifa.
Kufuneka kuxelwe nini ukubhubha, kuMphathi oyiNqununu (Master)?
Ukubangaba umfi ubhubhele eMzantsi Afrika, kwaye ushiye impahla, izinto kunye neemali (ipropati) kunye nawuphina umqulu okanye nawuphina umqulu wasemthethweni ongumyolelo oyalela indlela emakwabiwe ngayo ilifa okanye oneenjongo zokuba ngumqulu wasemthethweni ongumyolelo oyalela indlela emakwabiwe ngayo ilifa.
Ukubangaba umfi ubhubhele ngaphandle koMzantsi Afrika, kodwa abe ushiye ipropati apha eMzantsi Afrika kunye nawuphina umqulu okanye nawuphina umqulu wasemthethweni ongumyolelo oyalela indlela emakwabiwe ngayo ilifa okanye oneenjongo zokuba ngumqulu wasemthethweni ongumyolelo oyalela indlela emakwabiwe ngayo ilifa.
Kufuneka lixelwe phi ilifa lomntu ongasekhoyo?
Nangona nje zonke ii-ofisi zoomantyi zingamaziko eenkonzo zoMphathi oyiNqununu kwaye amafa wabangasekhoyo engaxelwa apho, zona zinegunya namandla aqingqiweyo, kwaye ziyakutshintshela kwi-ofisi yephondo yoMphathi oyiNqununu (Master), wonke amafa kunye nemiqulu yasemthethweni eyimiyolelo eyalela.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
o ukubangaba umfi ubehlala eMzantsi Afrika ngexesha lokubhubha kwakhe, xela ilifa kuMphathi oyiNqununu onegunya namandla kummandla apho bekuhlala khona umfi ngexesha lokubhubha kwakhe o ukubangaba umfi wayengahlali eMzantsi Afrika ngexesha lokubhubha kwakhe, ungalixela ilifa lakhe kuye nawuphina uMphathi oyiNqununu (kodwa uxelele abemnye kuphela)
o xela ilifa ngokugcwalisa iFom J294, ethi: Isaziso sokubhubha (Form J294: Death notice) kunye neminye imiqulu ebandakanyekayo yokunika ingxelo, edweliswe apha ngezantsi o ungasifumana isaziso sokubhubha (Death notice) kunye neminye imiqulu yokunika ingxelo kuyo nayiphina i-ofisi yoMphathi oyiNqununu wenkundla ephakamileyo okanye kuyo nayiphina i-ofisi kamantyi.
o isatifiketi sokubhubha esiluqobo lwaso okanye ikopi yaso eqinisekisiweyo o isatifiketi somtshato esiluqobo lwaso okanye ikopi yaso eqinisekisiweyo - ukubangaba oku kuyabandakanyeka o uqobo lwazo zonke ii-will kunye nemifakelo eyongezelelayo (oko kukuthi, inxenye eyongezayo ye-will elungisa uqobo lwe-will okanye esusa inxenye yayo) okanye imiqulu eneenjongo ezinjalo - ukuba ikhona o uluhlu lwababolekisi kumfi - ukuba bakhona o isibhengezo sokuba eli lifa alixelwanga kwenye i-ofisi yoMphathi oyiNqununu okanye kwelinye iziko leenkonzo zoMphathi oyiNqununu.
Hambisa iifom ezigcwalisiweyo ezidweliswe apha ngasentla zikunye nale miqulu ilandelayo:
o isatifiketi sokubhubha esiluqobo lwaso okanye ikopi yaso eqinisekisiweyo o isatifiketi somtshato esiluqobo lwaso okanye ikopi yaso eqinisekisiweyo - ukubangaba oku kuyabandakanyeka.
Amaziko eenkonzo zoMphathi oyiNqununu (ii-ofisi zoomantyi) anegunya namandla kuphela xangaba umfi akashiyanga mqulu wasemthethweni osebenzisekayo ongumyolelo oyalela indlela emakwabiwe ngayo ilifa (i-will), kwaye ixabiso lilonke lelifa longasekhoyo lingaphantsi kwe R50 000. Iincwadi zegunya zivumela ummeli otyunjiweyo ukuba alawule ilifa ngaphandle kokulandela umgaqo opheleleyo oqingqwe kuMthetho wokuLawulwa kwaMafa (Administration of Estates Act, 1965).
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Ixesha elithatyathwayo kule nkonzo lixhomekeka kubunzima benyewe.
Entla
Iindleko
Nxulumana ne-ofisi yoMphathi oyiNqununu ukuze ufumane iinkcukacha.
Entla
Inventory - J243 (Udweliso loluhlu lwempahla nezinto)
Entla
Ifowuni:
Ifeksi:
I-adresi yendawo:
I-adresi yokuposa:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-adresi yendawo:
I-adresi yokuposa:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-adresi yendawo:
I-adresi yokuposa:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-adresi yendawo:
I-adresi yokuposa:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-adresi yendawo:
I-adresi yokuposa:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-adresi yendawo:
I-adresi yokuposa:
Isebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
