﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Imiba > Ukunikezelwa Kweziqinisekiso Namaphepha-mvume > Ukunikezelwa Kweziqinisekiso Namaphepha-mvume Okusebenzisa Izithuthi

UKUNIKEZELWA KWEZIQINISEKISO NAMAPHEPHA-MVUME OKUSEBENZISA IZITHUTHI


Amaphepha-mvume Okuqhuba (IiNkonzo)
Umthetho umisela ukuba kufuneka imana ukuhlaziywa qho ngonyaka iphepha-mvume lokuqhuba isithuthi sakho. Ngumsebenzi wakho wena njengomnini-sithuthi, kukuqinisekisa ukuba liyahlaziywa iphepha-mvume lakho lokuqhuba ngaphambi kokuba liphelelwe. Ukuba ngaba alihlaziywanga kuya kufuneka wohlwayiwe. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukubhaliswa Kwesithuthi (IiNkonzo)
Bonke abanini-zithuthi kufuneka babhalise izithuthi zabo njengoko kumiselweyo ngokusemthethweni. Ukubhaliswa kwesithuthi kuye kugcinwe kwi-National Traffic Information System (NaTIS). &nbsp;&gt;&nbsp;


ISicelo Sokubhala Iimviwo Zephepha-mvume Lokufunda Ukuqhuba (IiNkonzo)
Ngaphambi kokuba kwenziwe isicelo sephepha-mvume lokuqhuba, kufuneka ube iphepha-mvume lokufunda ukuqhuba. Ulifumana eli phepha-mvume xa ufundela ukuqhuba isithuthuthu esibukhulu bungaphezulu kwe-125 CCs, inqwelo-mafutha, iminibus, isithuthi esincinci esithutha iimpahla, okanye isithuthi esikhulu xa ungaphezulu kwe-17 leminyaka ubudala. Ungalifumana iphepha-mvume lokufundela ukuqhuba izithuthu ezibukhulu bungange-50 CC ukuya ... &nbsp;&gt;&nbsp;


IZiqinisekiso ze-Weighbridge (IiNkonzo)
Ngaphambi kokuba ubhalise isithuthi ebesikhe safakelwa izinto, kufuneka ufumane isiqinisekiso se-Weighbridge. &nbsp;&gt;&nbsp;


IZiqinisekiso Zokususwa Kwamakhwiniba Kwizithuthi (IiNkonzo)
Ukuba ngaba inombolo yenjini yakho okanye yomzimba wesithuthi itshintshiwe, kufuneka ufumane isiqinisekiso esinika ubungqina bokuba akukho khwiniba ngaphambi kokuba usibhalise isithuthi sakho. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukuhlola Isithuthi Ukuba Sikulungele Na Ukuba Sendleleni (IiNkonzo)
Isiqinisekiso sokulungela indlela kwesithuthi singafumaneka kuso nasiphi na isikhululo sokuvavanywa kwezithuthi sabucala okanye saseburhulumenteni. &nbsp;&gt;&nbsp;


Amaphepha-mvume Ezithuthi Ezithwala Imithwalo Enobungozi Nezinye Izithuthi (IiNkonzo)
Kufumeneka iphepha-mvume lesithuthi esithwala imithwalo enobungozi nezinye izithuthi. Imfuneko yamaphepha-mvume ixhomekeke kubukhulu nakubunjani bomthwalo lowo okanye isithuthi eso. &nbsp;&gt;&nbsp;


Iinkcenkce Ezizodwa Zeenombolo-mibhalo Zeenqwelo-mafutha (IiNkonzo)
Abanini-zimoto bangafaka isicelo xa befuna amaphepha-mvume eenombolo-mbhalo abazithandayo. &nbsp;&gt;&nbsp;


IiNkcukacha Zokubhaliswa Kwezithuthi (IiNkonzo)
Ukuba ufuna iinkcukacha ezimalunga nobhaliso lwezithuthi kufuneka udibane neziko lobhaliso lwezithuthi. Iingcombolo zesithuthi azinakukhutshwa kodwa zonke ezinye iinkcuckacha zingaqinisekiswa. &nbsp;&gt;&nbsp;


IZicelo zeNombolo Yokuthengisa iiMoto (IiNkonzo)
Abavelisi/abayili, abakhi nabo bazisa izithuthi kweli lizwe bangaziqhuba iimoto ezingabhaliswanga beziqhuba ngenombolo yokuthengisa izithuthi. Oku kuvumeleke kuphela ... &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukubhaliswa Kwabenzi Beepleyiti Zeenombolo-mbhalo Zezithuthi (IiNkonzo)
Nokomethetho oyiNational Road Traffic Act, nawuphi na umntu ovelisa okanye othengisa iipleyiti zeenombolo-mbhalo zezithuthi kufuneka abe ubhalisiwe. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukubhaliswa Kwabavelisi, Abathumeli-mpahla kweli Nabenzi beziThuthi (IiNkonzo)
Sonke isithuthi ezenziwe apha eMzantsi Afrika okanye eso senziwe kwelinye ilzwe ze sathunyelwa kweli kufuneka sibhaliswe ngaphambi kokuba sithunyelwe kwindawo yentengiso okanye sithengiswe. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukubhaliswa KweeNqwelo-mafutha Kumaziko Ovavanyo Lwezithuthi (IiNkonzo)
Zonke izikhululo zokuhlola izithuthi kufuneka zibhaliswe zibekwe ngokomgangatho ngaphambi kokuba zifumane iziqinisekiso ezifanelekileyo zokuba zikulungele ukuba sendleleni. &nbsp;&gt;&nbsp;


Amaphepha-mvume Okuqhuba Izithuthi (IiNkonzo)
Bonke abaqhubi boMzantsi Afrika kufuneka babe namaphepha-mvume okuqhuba izithuthi akhangeleka njengecredit card. Eli phepha-mvume linikezelwa ngoko nangoko emva kokuba umqhubi ephumelele izifundo zokuqhuba. &nbsp;&gt;&nbsp;


Izicelo Zokufumana Iphepha-mvume Lokuqhuba Ngobuchule (IiNkonzo)
Ukuqhuba iindidi ezithile zezithuthi kufuneka umntu abe nephepha-mvume elisemthethweni Lokuqhuba Ngobuchule ngaphezu kwaleyo anayo yokuqhuba. &nbsp;&gt;&nbsp;


Izicelo Zamaphepha-mvume Okusebenza Ngokuthutha Uluntu (IiNkonzo)
Ngaphambo kokuba uthuthe abantu usenzela ukufumana inzuzo, kufuneka ube nalo iphepha-mvume lokuthutha uluntu. &nbsp;&gt;&nbsp;


IZicelo Zokuvula Amashishini Okufundisa Ukuqhuba Izithuthi (IiNkonzo)
Bonke abantu abafundisa ukuqhuba kufuneka babhalise. Ukufumana iphepha-mvume lokufundisa ukuqhuba, kufuneka kuthi kwakuphandwa kufunyaniswe ukuba awuzange wabandakanyeka kulwaphulo-mthetho, ufumane nencwadi kagqirha ngobume bempilo yakho, ze uluphumelele novavanyo lomntu ofundisa ukuqhuba. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukubhaliswa kweZiko Elivavanyela Amaphepha-mvume Okuqhuba Izithuthi (IiNkonzo)
Ukuba ngaba ufuna ukuvula iziko eliza kujongana nokuhlola abantu abasafuna amaphepha-mvume okuqhuba, kufuneka ubhalise kuMphathiswa weZothutho. &nbsp;&gt;&nbsp;


Izicelo Ezimalunga Nokusetyenziswa Kweendlela Zikawonkewonke (IiNkonzo)
Uluntu lungafaka izicelo zokusebenzisa indlela zikawonkewonke ekwenzeni imicimbi yalo ofana nemidlalo. &nbsp;&gt;&nbsp;


IZicelo Zokusebenzisa iNdlela kaWonkewonke Ngeenjongo Zokwenza iMiboniso-bhanyabhanya (IiNkonzo)
Uluntu lungazifaka izicelo zokwenza imibniso-bhanyabhanya ezindleleni zikawonkewonke. Ukuvunywa kwesicelo kuya kuxhomekeka ekubeni indlela leyo iphantsi komaspala okanye kwephondo na. Ungadibana neKomishini iCape Film okanye ii-ofisi zeZibonelelo zeNdlela zePhondo ukuze kubonwe ukuba ngaba indlela leyo iphantsi komaspala okanye phantsi kwephondo kusini na. &nbsp;&gt;&nbsp;


UMhloli Wesithuthi Nowobhaliso Lwamaphepha-mvume Okuqhuba Iinqwelo-mafutha (IiNkonzo)
Abahloli beelayisenisi, abavavanyi bezithuthi, abahloli bamaphepha-mvume okuqhuba, amagosa endlela nabaphathi kufuneka babhaliswe. &nbsp;&gt;&nbsp;



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 17 uMeyi 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





