Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Ukungena eMzantsi Afrika
Ukufika eMzantsi Afrika
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Ipemethe yesizalwane ikhutshelwa umntu welizwe langaphandle oyifemeli esondele nqo yommi okanye yomhlali waseMzantsi Afrika. Loo mmi okanye loo mhlali kufuneka anike uqinisekiso lwemali ebekiweyo. Ipemethe yesizalwane isebenziseka ixesha elingagqithiyo kwiminyaka emibini.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Veza ubungqina bokuba yifemeli esondele nqo yalo mmi okanye lo mhlali uza kuye.
Veza isiqinisekiso esiphuma kumgcini nomhloli wee-akhawunti zemali olilungu lequmrhu labagcini nabahloli bee-akhawunti zemali, okanye ubungqina bemiqulu ehambelanayo engqina iindlela zenkxaso yalo mntu kuyiwa kuye okanye iindlela zokubanako zalo mntu kuyiwa kuye zidibene nezakho. Le nkxaso akufanelanga ibengaphantsi kwe R5 000 ngenyanga kumntu ngamnye ngalo lonke eli xesha lotyelelo (oku akubandakanyeki kwimeko yomlingane okanye kubantwana abaxhomekekileyo abangekakwazi ukuzithabathela izigqibo ngokwasemthethweni).
Ungacelwa ukuba uveze omnye umqulu okanye eminye yale miqulu ilandelayo:
o isatifiketi sokuzalwa esingafinyezwanga sokungqina ubuzali, apho kubandakanyeka khona o isatifiketi somtshato o ubungqina bobudlelwane bobulingane ukubangaba utshatile, nahlukene, niqhawule umtshato okanye ubhujelwe.
Isatifiketi esiphuma emapoliseni esiqinisekisa ubume obumsulwa, ukubangaba uneminyaka yobudala engama 21 okanye nangaphezulu, ngokuphathelelene nawo onke amazwe oke wahlala kuwo unyaka omnye okanye nangaphezulu, ekufuneka sikhutshwe kwisithuba seenyanga ezili 12 ukubangaba asifumaneki kwangoko.
Iingxelo zonyango neze-eksreyi ngokuphathelelene nomenzi-sicelo ngamnye. Yona ingxelo ye-eksreyi ayiyikufunwa kubantwana abangaphantsi kweminyaka eli 12 ubudala, nakwabasetyhini abakhulelweyo.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Le nkonzo ithabatha ixesha elingagqithiyo kwiintsuku ezingama 30.
Entla
Iindleko
Entla
Entla
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
