Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni malunga nabantu abakhubazekileyo
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Isicelo segranti yokukhubazeka yethutyana okanye y
Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni malunga na
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu
Ukuphila unokukhubazeka okuthile
Iinzuzo zabantu abakhubazekileyo
Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni malunga na
Iinkonzo zokubuyisela esiqhelweni malunga nabantu abakhubazekileyo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni zinikwa abantu abakhubazekileyo, ukwenzela ukubanceda bafikelele kwaye bagcine amanqanaba abo okwenza izinto. Mane amanqanaba eenkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni ezilungiselelwe amanqanaba awohlukeneyo okukhubazeka, angala alandelayo:
Iinkonzo ezisisiseko zokubuyisela imeko esiqhelweni
Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni ezikwinqanaba lesibini
Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni ezikwinqanaba lesithathu
Iinkonzo ezisisiseko zokubuyisela imeko esiqhelweni ziinkonzo zokunqanda ezakha ukuxhomekeka kweklayenti kwisiqu sayo kunye nokwakha amandla eklayenti. Oku kubandakanya udliwano-ndlebe lokucebisa ngonyango, iinkonzo ezisekelwe ekhaya, amaqela enkxaso kunye nokuzizisela uncedo ngokwakho, kunye neenkqubo zokwazisa nokugaya inkxaso.
Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni ezikwinqanaba lesibini ziinkonzo zongenelelo lwangethuba (unakekelo kunye nokhuselo, olungelolwasemthethweni wombuso) ezibandakanya iindibano zokufundisana ezikhuselayo, iinkonzo zonakekelo lwasemini kunye nemvuselelo, iiprojekthi zokungenisa imali nokuthobalalisa ubuhlwempu, uphuhliso lobuntwana obuselula, kunye neenkonzo zokuphumla nokunika isiqabu.
Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni ezizezobuchule nezifundisayo ziinkonzo ezifana nokucebisa ngokwamava kunye nokuqeqesha okuqhelanisayo, ukunika amandla, uphuhliso lwemigaqo neenkqubo, kunye nophando.
Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi yiya kwiSebe loPhuhliso lweNtlalo.
Inkqubo emayilandelwe
Tyelela iziko lonakekelo lwempilo esisiseko okanye eklinikhi ukuze uphononongwe kwaye uyakuthunyelwa kwiinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni, esibhedlele okanye kwingcaphephe elichule kwinqanaba lesibini okanye lesithathu.
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Isicelo singathabatha iinyanga ezi 3 ukuze siqhubekiswe. Kwiimeko ezithile abantu babekwa kuluhlu lwamagama alindileyo iinyanga ezi 6.
Iindleko
Nceda ukhethe iphondo iFreyistati iGauteng iLimpopo iMpuma-Koloni iMpumalanga iNtshona-Koloni uMntla-Koloni uMntla-Ntshona
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
