Iimfuneko ezongezelelweyo zokubhalisa kwicandelo lokusebenza
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Isicelo sokuncediswa ngemali yiNgxowamali yeLizwe
Isicelo sobhaliso olunikwe umnyenyevu owodwa ukuze
Iimfuneko ezongezelelweyo zokubhalisa kwicandelo l
Isicelo sokubhena xa kwaliwe ubhaliso
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu
Imfundo noqeqesho
Amaziko akwinqanaba lesithathu
Iimfuneko ezongezelelweyo zokubhalisa kwicandelo l
Iimfuneko ezongezelelweyo zokubhalisa kwicandelo lokusebenza
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Iintlobo-ntlobo ezininzi zeekhwalifikheyshini ezahlukeneyo kwicandelo lenzululwazi yezokusingqongileyo ezinikwa ziiyunivesiti ngokungakumbi, zenza ukuba ngamanye amaxesha phantse kungakwazeki ukuvavanya ikhwalifikheyshini eyodwa kule nzululwazi (sayensi) ineendidi ezininzi zamacandelo ezifundo. Ngoko ke, kuyimfuneko ukuqala uqonde ukuba ingaba umntu angavumeleka na abengusosayensi kwelinye lamacandelo okusebenza aludidi oluphangaleleyo. Oku kuthetha ukuba kuyakufuneka ukuba umntu aqeqeshelwe ukuba ngusomachiza (ngusokhemesti), abengusosayensi wezobume nokwakhiwa komhlaba (i-geologist), abengusosayensi wezityalo okanye naliphina kumanye amacandelo ezendalo kwaye afezekise zonke iimfuneko zeekhwalifikheyshini phambi kokuba afaneleke abhaliswe kwicandelo leNzululwazi yezokuSingqongileyo (Environmental Science). Oku akuthethi ukubhalisa kabini.
Okungenani i 50 % yezi zifundo kule nkqubo kufuneka ihlelwe njengezifundo zenzululwazi yendalo.
Ukwengeza kwezi mfuneko zingentla, umntu onqwenela ukubhaliswa kwicandelo leNzululwazi yezokuSingqongileyo kufanele abenako ukunika ubungqina boqeqesho kuLawulo lwezokuSingqongileyo (umzekelo, uvavanyo lochaphazeleko kwezokusingqongileyo, umthetho wezokusingqongileyo). Ezi zifundo zingabayinxenye yenkqubo yesidanga seminyaka emine okanye zingenziwa ngokweekhosi ezimfutshane ezinikwe uqinisekiso lokuvunywa. Kufanele ubenengxelo ecacileyo nesulungekileyo yomsebenzi nophando olwayamene nenzululwazi yezokusingqongileyo. Kwakhona, usengenza imiba ebanzi echatshazelwa zizinto ezenziwa ziingcali zezokusingqongileyo.
IBhunga lingala ukubhalisa isicelo phantsi kwezi meko zilandelayo:
Ukubangaba, emva kokuqalisa koMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika, 1996 (Act 108 of 1996), umenzi-sicelo ufunyaniswe enetyala lokwaphula umthetho, ngaphakathi kwiRiphabhlikhi okanye kwenye indawo, waze wagwetyelwa ukuvalelwa entolongweni isithuba esidlula iinyanga ezintathu, okanye ifayini endaweni yokuvalelwa entolongweni.
Ukubangaba umenzi-sicelo ususwe esikhundleni sokuthembeka, ngenxa yokuziphatha okungafanelekanga.
Ukubangaba umenzi-sicelo ungumntu ongakwaziyo ukuhlawula amatyala nongabuyiselwanga kwimeko yesiqhelo, kwaye oko kungakwazi ukuhlawula amatyala kwabangelwa kukungakhathali kwakhe okanye ukungabinalwazi nezakhono zokwenza umsebenzi owela kwimiba echatshazelwa licandelo enzela lona isicelo sobhaliso.
IBhunga liyakukwazisa ngencwadi ebhaliweyo ukubangaba isicelo sakho sobhaliso saliwe.
Ungafaka isibheno esiphikisa isigqibo seBhunga, kwisithuba seentsuku ezingama 30.
Kufuneka wenze isicelo sokuvuselela ubhaliso lwakho kwiBhunga, okungenani kwiinyanga ezintathu phambi kokuphelelwa kobhaliso lwakho.
Amacandelo obhaliso ngala alandelayo:
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Faka kwisicelo sakho intlawulo eqingqiweyo yobhaliso.
IBhunga liyakukubhalisa kwaye likhuphe isatifiketi ukubangaba lanelisekile ukuba unazo iimfuneko ezibandakanyekayo zemfundo namava njengoko kuqulungqwe liBhunga.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Ubhaliso lungathabatha iiveki ezintandathu ukuya kwezisibhozo, kuxhomekeke ekungenisweni kwemiqulu efunekayo.
Entla
Iindleko
Kwiinkonzo zebhanki zobuxhakaxhaka bombane kunye needipozithi nqo: Nceda usebenzise oonobumba bokuqala bamagama akho kunye nefani yakho ukuze uchaze intlawulo yakho kwisitetimenti sethu sebhanki, uze uthumele ubungqina bentlawulo ngefeksi, buhambe kunye nephepha lokuqala lefom yakho yesicelo, kwinombolo ethi: 841 1057.
Iinkcukacha zebhanki:
Entla
Entla
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
