ukubangusosayensi wezendalo kwicandelo leNzululwazi esetyenziswa kuPhando loBugebenga
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Isicelo sokuncediswa ngemali yiNgxowamali yeLizwe
Isicelo sobhaliso olunikwe umnyenyevu owodwa ukuze
Iimfuneko ezongezelelweyo zokubhalisa kwicandelo l
Isicelo sokubhena xa kwaliwe ubhaliso
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu
Imfundo noqeqesho
Isicelo sokubhalisela ukubangusosayensi wezendalo oqeqeshiweyo, kwicandelo leNzululwazi esetyenziswa kuPhando loBugebenga
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
ukuphakamisa ukusetyenziswa kwezifundo zoqeqesho lwenzululwazi (lwesayensi) yezendalo eMzantsi Afrika;
ukubeka iliso kumgangatho wemfundo noqeqesho loososayensi bezendalo, kunye
Abantu abangabhaliswanga abanako ukwenza umsebenzi ochongelwe abantu ababhalisiweyo..
Kutheni kufanele ubhalise?
Ukuze wenze umsebenzi wezifundo zoqeqesho
Ukuze uqhube umsebenzi ngokwesikhundla sokuba yikhonsalthenti
Ukuze uxhamle ubume bemfundo yoqeqesho kwaye ubandakanyeke kwiinzuzo ezinikwa ngamaziko ezemali
Ukuze kukhuselwe kwaye komelezwe ezi zifundo zoqeqesho
Ukuze uvumeleke ubhaliselwe ukusebenza kwicandelo leNzululwazi (leSayensi) esetyenziswa kuPhando loBugebenga, kufuneka ufezekise ezi mfuneko zilandelayo:
kufuneka ifundwe ngokunzulu nangokubanzi ngendlela eyandayo kwiminyaka emine;
Uqeqesho olongezelelweyo:
Kufanele ukwazi ukunika ubungqina boqeqesho kwiNzululwazi esetyenziswa kuPhando loBugebenga okanye kuPhando olusebenzisa iNzululwazi yoBugebenga, umzekelo, ukuphonononga imiqulu, uphando lomlilo, uphando lokuqaphela ukuphawulwa kwezinto, uphando lokutshutshisa, imigaqo yomthetho neyenkundla, ingqina lobungcaphephe, okanye ezinye iikhosi ezimfutshane ezinikwe uqinisekiso lokuvunywa.
Kufuneka ubenengxelo ecacileyo nesulungekileyo yomsebenzi nophando olwayamene nenzululwazi esetyenziswa kuphando lobugebenga.
Imiba yolwazi eyimfuneko kwingcali yenzululwazi esetyenziswa kuphando lobugebenga ibandakanya iinkqubo zemisebenzi yeekhosi ezisetyenziswa kuphando lobugebenga: Kubalulekile ukuba usosayensi oqeqeshwayo wenzululwazi esetyenziswa kuphando lobugebenga aqonde ngemiba yolwazi eyimfuneko kwiNzululwazi esetyenziswa kuPhando loBugebenga, kwaye afumane izakhono namava ekusetyenzisweni kwezi zibakala zilandelayo zisisiseko kuphando lobugebenga:
Intshayelelo kwezomthetho
Ukuqinisekiswa komgangatho
Imimiselo elawula okanye ephembelela indlela yokuziphatha
Ukusebenza ngendlela enemfundo noqeqesho
Ukuchonga ubungqina, ukubuqokelela, kunye nokubuqhubekisa
Izakhono zokusombulula iingxaki, zobunzululwazi nezaselabhorathri
Ukusebenzisa inzululwazi (isayensi) kwiinkqubo zomthetho
Iindlela zobuchule zophando lobugebenga
Uphando kwindawo ekwenzekele kuyo ubugebenga
Ulwazi lokucubungula amachiza kunye neendlela zokusebenzisa izixhobo zokucubungula
Ukucubungula iziyobisi, ukucubungula ubuhlungu nobutyhefu bamachiza, ukusebenzisa isixhobo sokubonisa izinto ezincinane ekuthiwa yimayikhroskopu, kunye nokucubungula izinto ezithile
Ukusebenzisa inzululwazi yezidalwa eziphilayo kuphando lobugebenga
Amava omsebenzi
Ukuphonononga nokuhlela izixhobo okanye iimbumbulu namakhoba azo
Ukunxulumanisa isixhobo nobugebenga, ukuya kwenza umsebenzi kwiindawo ekwenzekele kuzo ubugebenga kunye nokuvavanya amandla obungqina bophando lobugebenga
Inkxaso yobuchule kuphando lweengozi zezithuthi zendlela, ukwakha umfanekiso wezinto ezenzekileyo ezikhokelele kungquzulwano lwezithuthi, ukuphonononga nzulu nangokubanzi izakhi zezithuthi, ulwazi oluthile lobuchwepheshe bezinto ezizenzekela ngomatshini. (Ziyakufaneleka iikhwalifikheyshini kwi-physics okanye kwiinzululwazi zezinto ezibambekayo.)
Ukuphanda ngomlilo
Izifundo ngemiqulu yemibuzo - ukuchaza imvelaphi yemibhalo yesandla
Ukwenza kufezekiseke kwaye kubelula ukubona nokuhlangula ubungqina
Ukuphakamisa izinga lokuxabiseka kobungqina
Ukuya kusebenza kwiindawo ekwenzekele kuzo iingozi ngokwesikhundla sokucebisa
Uxanduva lokuphatha kwizinto ezinxulumana nokuphononongwa kwaselabhorathri okwayamene nezenzo zobugebenga
Ukucubungula - inzululwazi yezidalwa eziphilayo, ucubungulo lwamachiza, iziyobisi kunye nobuhlungu nobutyhefu bamachiza
Ubungqina bezobunzululwazi obungakheth'icala elithile kwiinkundla zamatyala ukuze kuxhaswe utshutshiso okanye iqela elikhusela umtyholwa kuphando lobugebenga
Amacandelo obhaliso ngala alandelayo:
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Faka kwisicelo sakho intlawulo eqingqiweyo yobhaliso.
IBhunga liyakukubhalisa kwaye likhuphe isatifiketi sobhaliso ukubangaba lanelisekile ukuba unazo iimfuneko ezibandakanyekayo zemfundo namava njengoko kuqulungqwe liBhunga.
Isiphumo sovavanyo asiyikwaziswa kude kubesemva kwentlanganiso yeBhunga.
IBhunga lingala ukubhalisa isicelo phantsi kwezi meko zilandelayo:
Ukubangaba, emva kokuqalisa koMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika, 1996, umenzi-sicelo ufunyaniswe enetyala lokwaphula umthetho, ngaphakathi kwiRiphabhlikhi okanye kwenye indawo, waze wagwetyelwa ukuvalelwa entolongweni isithuba esidlula iinyanga ezintathu, okanye ifayini endaweni yokuvalelwa entolongweni.
Ukubangaba umenzi-sicelo ususwe esikhundleni sokuthembeka, ngenxa yokuziphatha okungafanelekanga.
Ukubangaba umenzi-sicelo ungumntu ongakwaziyo ukuhlawula amatyala nongabuyiselwanga kwimeko yesiqhelo, kwaye oko kungakwazi ukuhlawula amatyala kwabangelwa kukungakhathali kwakhe okanye ukungabinalwazi nezakhono zokwenza umsebenzi owela kwimiba echatshazelwa licandelo enzela lona isicelo sobhaliso.
IBhunga liyakukwazisa ngencwadi ebhaliweyo ukubangaba isicelo sakho sobhaliso saliwe
Ungafaka isibheno esiphikisa isigqibo seBhunga, kwisithuba seentsuku ezingama 30.
Kufuneka wenze isicelo sokuvuselela ubhaliso lwakho kwiBhunga, okungenani kwiinyanga ezintathu phambi kokuphelelwa kobhaliso lwakho.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Ubhaliso lungathabatha iiveki ezintandathu ukuya kwezisibhozo, kuxhomekeke ekungenisweni kwemiqulu efunekayo.
Entla
Iindleko
Kwiinkonzo zebhanki zobuxhakaxhaka bombane kunye needipozithi nqo: Nceda usebenzise oonobumba bokuqala bamagama akho kunye nefani yakho ukuze uchaze intlawulo yakho kwisitetimenti sethu sebhanki, uze uthumele ubungqina bentlawulo ngefeksi, buhambe kunye nephepha LOKUQALA lefom yakho yesicelo, kwinombolo ethi: 841 1057.
Iinkcukacha zebhanki:
Entla
Entla
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
