Isicelo sokubhalisela ukuvota
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Isicelo sokubhalisela ukuvota
Khangela ukuba likhona na igama lakho kuluhlu lwam
Isicelo sokuphinda ubhalise kwisithili sakho esits
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu
Ubumi
Uvoto kunye nonyulo
Isicelo sokubhalisela ukuvota
Isicelo sokubhalisela ukuvota
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Ukuze ufaneleke okanye ulungele ukuba uvote kunyulo lukazwelonke, olwephondo okanye unyulo lukamasipala, kufuneka ubhalisele ukuvota kweso sithili uhlala kuso. Oku kubalulekile ingakumbi kunyulo loomasipala ngenxa yokuba unokuvota kuphela kwisithili owawubhalise kuso. Wakuba ubhalisile zaze iinkcukacha zakho zangqinisiswa kwiRejista yabemi belizwe, igama lakho liya kufakwa kuMqulu woluhlu lwabaVoti oyi-National Common Voter's Roll.
Ukuze ufaneleke ekubeni ubhalise kufuneka:
Ube ngummi waseMzantsi Afrika
Ubeneminyaka eli-16 ubudala okanye ngaphezulu
UMqulu woluhlu lwabaVoti uyavalwa ukulungiselela unyulo kanye ngalo mhla wonyulo kolo nyulo luthe ngqo luthe lwabhengezwa kwiGazethi kaRhulumente.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Bhalisa ngokwakho buqu kwisikhululo sokuvota kwisithili sokuvota apho uhlala khona ngexesha lokubhalisela ukuvota.
Bhalisa nangaliphi na ixesha ngethuba leeyure zokusebenza kwiKhomishoni yoNyulo eZimeleyo
Zalisa ifom yokwenza isicelo efanelekileyo.
Igosa lobhaliso liya kufaka istikhakwincwadi yesazisi (ID) yakho enenombolo yesithili sokuvota kuyo.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Isicelo sakho sokubhalisa siya kusingathwa ngokukhawuleza.
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
