Isicelo sokubhalisa umhlaba wokufuya iinyathi
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Isicelo soMhlaba weZolimo woMbuso
Uqeqesho kwiindlela nobuchule bokucazulula imbewu
Isicelo sokubhalisa umhlaba wokufuya iinyathi
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zemibutho
Isicelo sokubhalisa umhlaba wokufuya iinyathi
Isicelo sokubhalisa umhlaba wokufuya iinyathi
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Nabanina onqwenela ukufuya iinyathi kufuneka aqale abhalise umhlaba lowo kwiSebe leZolimo.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Cela ugqirha wezilwanyana wombuso okwindawo ohlala kuyo ahlole umhlaba nocingo kwaye angqine ngobume beenyathi ngokwezifo.
Intloko yeenkonzo zezilwanyana kwiphondo kufuneka inike ubungqina bokuba, zikho izinto eziyimfuneko zokubeka iliso rhoqo kwiimeko zefama, zonke iintshukumo nokuhambahamba kweenyathi xa zingena kwifama naxa ziphuma kuyo kungajongwana nazo ngokufanelekileyo kwaye izinto ezingahambi njengesiqhelo ziyakuqwalaseleka ngaphandle kokulibazisa.
Isicelo kufuneka sikhatshwe zezi ncwadi zilandelayo:
o isatifiketi esigunyazisiweyo sokurhangqeleka okufanelekileyo esikhutshwe ngoogunyaziwe bolondolozo lwendalo o ikopi yemephu ebonisa nqo ukunaba nobungakanani bomhlaba ocelwayo.
Hambisa isicelo kuManejala oMkhulu weMpilo yeZilwanyana, iFeksi: 329-0499.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Ixesha elithatyathwayo ukuze kuvunywe isicelo lahluka ngokwephondo. Sakuba sivunyiwe isicelo, sithunyelwa kwiSebe leLizwe leZolimo.
Amagosa kwisebe lelizwe akhupha inombolo yobhaliso egunyazisiweyo, afake inkcazelo kwincwadi yelizwe ebhalise iinyathi aze aprintele umnini-mhlaba isatifiketi sobhaliso. Le nkqubo ingathabatha iintsuku zokusebenza ezilishumi.
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
