Isicelo sokubhalisa uphawu
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Isicelo sokubhalisa ilungelo lokuvelisa nokuqamba
Isicelo sokubhalisa uphawu
Isicelo sokubhalisa ilungelo lokukhusela umsebenzi
Isicelo sokubhalisa uyilo
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zemibutho
Impahla nezinto eziyimveliso yengqondo
Ukubhalisa impahla nezinto eziyimveliso yengqondo
Isicelo sokubhalisa uphawu
Isicelo sokubhalisa uphawu okanye igama lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo (i-trademark)
Inkcazelo
Uphawu okanye igama lokwazisa ngempahla nezinto okanye iinkonzo (i-trademark) ligama lohlobo oluthille (i-brand), intetho emfutshane yokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo ezithile (i-slogan) okanye uyilo lophawu lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo ezithile (i-logo). I-trade mark ichaza iinkonzo okanye impahla nezinto zomntu kwaye yenza zicace kwaye zahluke kwimpahla nezinto kunye neenkonzo zomnye umntu. Imizekelo ibandakanya le ilandelayo:
Ngoko ke, igama lohlobo (i-brand name) ligama okanye intlanganisela yamagama (umzekelo, Kentucky Fried Chicken). Intetho emfutshane yokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo (i-slogan), libinzana elifutshane okanye isivakalisi esifutshane kwaye uyilo lophawu lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo (i-logo) ngumfanekiso okanye uphawu lokwahlula. Ezi mpawu zinika ulwaziso olwahlukileyo, kwintengiso, kwaye zingasebenziseka kwiimveliso nakwiinkonzo.
Xa uphawu okanye igama lokwazisa ngempahla nezinto okanye iinkonzo (igama lohlobo, intetho emfutshane yokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo okanye uyilo lophawu lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo), sele libhalisiwe, akukho mntu ongomnye ongasebenzisa olu phawu okanye eli gama okanye asebenzise elifana nalo. Ukuba oku kuyenzeka, kungalandela amanyathelo asemthethweni. Kuke kwakho amatyala akwizinga eliphakamileyo eMzantsi Afrika afana naxa i-MacDonalds (USA) yathi yamangalela umthengisi wokutya okuphekwa ngokukhawuleza (fast food) eMzantsi Afrika owayesebenzisa uphawu olufana nele-MacDonalds elino "M".
Inkqubo emayilandelwe
Fumana ifom ekuthiwa yi-TM1 kwaye uyigcwalise ngokuphindwe kathathu. Iikopi ezimbini zisetyenziswa yi-ofisi kwaye eyesithathu igcinwa nguwe njengobungqina besicelo sakho.
Qala uhlawule imali yobhaliso okanye uyihlawule xa usisa isicelo.
Uqaphele kwaye ulumke kakhulu ungafaki impahla nezinto okanye iinkonzo ezikwiindidi ezahlukeneyo kwisicelo esinye sophawu okanye segama lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo. Ukuba wenza njalo, uyakucetyiswa ukuba ulungise inkcazelo ibandakanye impahla nezinto okanye iinkonzo zolo didi luxeliweyo. Kwezinye, kuyakufuneka ufake isicelo esahlukileyo ngokutsha.
Emva koko ke uluntu lunikwa ithuba leenyanga ezintathu ukuze lufake iinkcaso.
Hlawula ebhankini usebenzise uvimba wophawu lweekhastoma.
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Kungathabatha iminyaka emibini ukuze kugqityezelwe ubhaliso lophawu okanye lwegama lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo.
Iindleko
R85, yokufunisa nokukhangela iimpawu ezikhoyo okanye amagama akhoyo okwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo
R266, yodidi ngalunye lophawu okanye lwegama lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo
Ifowuni:
I-adresi yendawo:
I-adresi yokuposa:
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
