Isicelo sokubhalisela ukubangusosayensi wezendalo oqeqeshiweyo
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Isicelo sokuncediswa ngemali yiNgxowamali yeLizwe
Isicelo sobhaliso olunikwe umnyenyevu owodwa ukuze
Iimfuneko ezongezelelweyo zokubhalisa kwicandelo l
Isicelo sokubhena xa kwaliwe ubhaliso
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu
Imfundo noqeqesho
Amaziko akwinqanaba lesithathu
Isicelo sokubhalisela ukubangusosayensi wezendalo oqeqeshiweyo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
ukuphakamisa ukusetyenziswa kwezifundo zoqeqesho lwenzululwazi (lwesayensi) yezendalo eMzantsi Afrika;
Abantu abangabhaliswanga abanako ukwenza umsebenzi ochongelwe abantu ababhalisiweyo.
Kutheni kufanele ubhalise?
Ukuze wenze umsebenzi wezifundo zoqeqesho
Ukuze uqhube umsebenzi ngokwesikhundla sokuba yikhonsalthenti
Ukuze uxhamle ubume bemfundo yoqeqesho kwaye ubandakanyeke kwiinzuzo ezinikwa ngamaziko ezemali
Ukuze kukhuselwe kwaye komelezwe ezi zifundo zoqeqesho
Ziintoni ezifunekayo ukuze ubhaliswe?
Ukuze ubhalisele ukubangusosayensi wezendalo oqeqeshiweyo - kufuneka ubenesidanga (idigri) seminyaka emine okanye idiploma yeminyaka emine, idibane namava weminyaka emithathu
Ukuze ubhalisele ukubangusosayensi wezendalo ongumlingwa - kufuneka ubenesidanga seminyaka emine okanye idiploma yeminyaka emine, ungabinamava
Ukuze ubhalisele ukubangusosayensi wezendalo oqinisekisiweyo - kufuneka ubenesidanga seminyaka emithathu okanye idiploma yeminyaka emithathu, ubenama onyaka omnye
Amacandelo obhaliso ngala alandelayo:
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Faka kwisicelo sakho intlawulo eqingqiweyo yobhaliso..
IBhunga liyakukubhalisa kwaye likhuphe isatifiketi sobhaliso ukubangaba lanelisekile ukuba unazo iimfuneko ezibandakanyekayo zemfundo namava njengoko kuqulungqwe liBhunga.
Isiphumo sovavanyo asiyikwaziswa kude kubesemva kwentlanganiso yeBhunga.
IBhunga lingala ukubhalisa isicelo phantsi kwezi meko zilandelayo:
Ukubangaba, emva kokuqalisa koMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika, 1996, umenzi-sicelo ufunyaniswe enetyala lokwaphula umthetho, ngaphakathi kwiRiphabhlikhi okanye kwenye indawo, waze wagwetyelwa ukuvalelwa entolongweni isithuba esidlula iinyanga ezintathu, okanye ifayini endaweni yokuvalelwa entolongweni.
Ukubangaba umenzi-sicelo ususwe esikhundleni sokuthembeka, ngenxa yokuziphatha okungafanelekanga..
Ukubangaba umenzi-sicelo ungumntu ongakwaziyo ukuhlawula amatyala nongabuyiselwanga kwimeko yesiqhelo, kwaye oko kungakwazi ukuhlawula amatyala kwabangelwa kukungakhathali kwakhe okanye ukungabinalwazi nezakhono zokwenza umsebenzi owela kwimiba echatshazelwa licandelo enzela lona isicelo sobhaliso.
IBhunga liyakukwazisa ngencwadi ebhaliweyo ukubangaba isicelo sakho sobhaliso saliwe
Ungafaka isibheno esiphikisa isigqibo seBhunga, kwisithuba seentsuku ezingama 30.
Kufuneka wenze isicelo sokuvuselela ubhaliso lwakho kwiBhunga, okungenani kwiinyanga ezintathu phambi kokuphelelwa kobhaliso lwakho.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Ubhaliso lungathabatha iiveki ezintandathu ukuya kwezisibhozo, kuxhomekeke ekungenisweni kwemiqulu efunekayo.
Entla
Iindleko
Kwiinkonzo zebhanki zobuxhakaxhaka bombane kunye needipozithi nqo: Nceda usebenzise oonobumba bokuqala bamagama akho kunye nefani yakho ukuze uchaze intlawulo yakho kwisitetimenti sethu sebhanki, uze uthumele ubungqina bentlawulo ngefeksi, buhambe kunye nephepha LOKUQALA lefom yakho yesicelo, kwinombolo ethi: 841 1057.
Iinkcukacha zebhanki:
Entla
Entla
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
