Ubhaliso lokuzalwa emva kwexesha
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Ubhaliso lokuzalwa emva kwexesha
Ukubhaliswa kokuzalwa
Ukugonywa komntwana
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu
Ukubeleka
Unakekelo lomntwana
Ubhaliso lokuzalwa emva kwexesha
Isicelo sobhaliso lokuzalwa olwenziwe emva kwexesha
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Ubhaliso lokuzalwa olwenziwe emva kwexesha kuxa ukuzalwa komntu kubhaliswe ngaphezulu konyaka emva kokuzalwa.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Hambisa le miqulu ilandelayo:
Hambisa ikopi eqinisekisiweyo yencwadi yesazisi yomama womntwana ukubangaba abazali abatshatanga kwaye utata akakuvumi ukubanguyise womntwana. Kungenjalo, ukubangaba utata ozele umntwana uyakuvuma ukubanguyise womntwana, kufuneka iikopi eziqinisekisiweyo zeencwadi zezazisi zabo bobabini abazali. Ukubangaba uyise utshate umama ozele lo mntwana, kufuneka iikopi eziqinisekisiweyo zeencwadi zezazisi zabo bobabini abazali kunye nesatifiketi sabo somtshato okanye
Hambisa isatifiketi esiphuma esibhedlele okanye kwikhaya lokubelekisa, apho kuzalelwe khona umntwana. Isatifiketi kufuneka sisayinwe ngumntu ophetheyo (UNtsumpa okanye uMeyitroni) kwaye kufuneka siqulathe igama eligunyazisiweyo leli ziko kunye nesitampu somhla.
Hambisa ubungqina beenkcukacha zomntwana ubuqu bakhe njengoko ziqulathwe kwirejista yesikolo okanye kwisatifiketi sesikolo sokuqala esasihanjwa ngumntwana, esisayinwe yinqununu yesikolo. Ubungqina kufanele bubenenombolo yenqununu ubuqu kwisihloko esigunyazisiweyo esinesitampu somhla esigunyazisiweyo sesikolo.
Hambisa isatifiketi sokuphehlelelwa komntwana, ukubangaba sikhutshwe kwisithuba seminyaka emihlanu yokuzalwa komntwana.
Hambisa ingxelo ephuma kumntu onolwazi lobuqu ngobume babazali bomenzi-sicelo. Lo mntu kuyakufuneka nokuba akhaphe umenzi-sicelo ukuya kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya, apho umenzi-sicelo kunye naloo mntu kuyakudliwana iindlebe nabo ngokwahlukeneyo.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Izicelo zingathabatha iinyanga ezi 3 ukuya kwezi 6.
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
