






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ubugcisa Nenkcubeko > Uncedo-mali & Nenkxaso > Uncedo-mali Kumsebenzi Wokuphuhlisa, Utyelelo lwezeNkcubeko Nobutyebi Bezwe

Uncedo-mali Kumsebenzi Wokuphuhlisa, Utyelelo lwezeNkcubeko Nobutyebi Bezwe




INKCAZELO:

Uncedo-mali luyafumaneka ngemisebenzi yobuchule nenkcubeko eyenziwa yimibutho yezenkcubeko. Imisebenzi le kufuneka ijongane nophuhliso lwemveliso nezixhobo zotyelelo lwezenkcubeko nolobutyebi.Iintlobo ezimbini zoncedo-mali ziyafumaneka: Uncedo-mali olunikezelwa ngonyaka kwimisebenzi esaqhubekekayo kwakunye nolwemisebenzi yexeshana eyenziwa ngelo xesha.


IMIYALELO:

Xa nifaka isicelo soncedo-mali, kufuneka nibe kanti nimele umbutho wezenkcubeko yaye umsebenzi wenu kufuneka ube unento yokwenza nobuchule nenkcubeko. Ingqwalasela yenu kufuneka ibekho nakuphuhliso lwezotyelelo.

Kuya kufuneka nigcwalise iphetshana lesicelo elifumaneka kuNobhala woMlawuli oyiNtloko okanye kwikhompyutha.

Ukuze ukwazi ukufaka isicelo soncedo-mali oluza kanye, gcwalisa iphetshana lesicelo lemisebenzi yexeshana (kwiPhetshana Lesicelo iNZA1). Ukuze ukwazi ukufaka isicelo semali yonyaka, gcwalisa iBusiness Plan/Annual Recurrent Expenditure ('Are') Grants (kwiPhetshana Lesicelo iNZA2). Nceda uqwalasele ze uthobele iintsuku ezibalulekileyo komsebenzi wakho, kuba akukho luncedo-mali luya kuphinda luphunyezwe emva koko.

Ukuba niliBhunga lezeNkcubeko elibhalisiweyo ngokwemimiselo yoMthetho weKomishoni yeNtshona Koloni kwakunye namaBhunga ezeNkcubeko, we-14 ka-1998, gcwalisani iphetshana lesicelo iWC3.
Izicelo kufuneka zithunyelwe ku-:
Nobhala woMlawuli oyiNtloko
I-Ofisi yoMlawuli oyiNtloko: Kwimicimbi yezeNkcubeko
Private Bag X9067, Cape Town, 8000
Inombolo Yomnxeba: 021 424 0445
Inombolo Yefeksi: 021 424 0462
tweidema@pgwc.gov.za

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

iCandelo Lemicimbi Yenkcubeko (iSebe Lemicimbi Yenkcubeko Nemidlalo, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Arts and Cultural Tourism Project Funding Form (IFomu) (File type: pdf; size: 42 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Uncedo-mali Kwimisebenzi Yokuphuculwa, Kulondolozwe ze Kuphuhliswe iNkcubeko Nobutyebi Bezwe (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 2 uEpreli 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





