






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ubugcisa Nenkcubeko > Amaphepha-mvume > Amaphepha-mvume Okulungisa Izakhiwo Zasezimbalini

Amaphepha-mvume Okulungisa Izakhiwo Zasezimbalini




INKCAZELO:

Ukuze ube uyawuhlonipha umthetho iNational Heritage Resources Act, nabani na onomnqweno wokulungisa izakhiwo ezibalulekileyo kwiimbali zethu kufuneka athumele isicelo semvume kwiBhunga Elijongene Nelifa Lemvelo leNtshona Kapa. Isakhiwo esibalulekileyo kwiimbali sichazwa njengesakhiwo esiminyaka ingaphezu kwamashumi amathandathu sikho.

Eli Bhunga Lijongene Nelifa Lemveli leNtshona Kapa linikezela ngamaphepha-mvume, ngokuthi liqwalasele imiba echaphazelekayo kweso sicelo kwakunye novavanyo lwefuthe lale nguqu kwindalo engqongileyo. Eli phepha-mvume ke liqwalasela imimiselo yezicwangciso zophuhliso kwakunye nokwahlula-hlulwa komhlaba ngokoMthetho Ojongene Nokusetyenziswa Komhlaba karhulumente wekhaya. Ngokuqinisekisa ukuba imiba yelifa lemvelo iyabandakanywa kuvavanyo lwefuthe lophuhliso olucetywayo kwindalo engqongileyo, abaphuhlisi bathi bakwazi ukuchonga nokufumanisa amaziko nezibonelelo zelifa lemveli. Yiyo ke le nto abaphuhlisi beya kukwazi ukuqhubekeka neentshukumo zabo zophuhliso ngaphandle kwamathandabuzo okuba imisebenzi yabo ingarhoxiswa ngenxa yokufunyaniswa kwesibonelelo selifa lemveli.

Le nkqubo yokunikezelwa kwamaphepha-mvume inikezela ingcaciso ngothotho lwezibonelelo zelifa lemveli:

* inzululwazi ngezinto zakudala
* iziza zezidalwa zamandulo namatywe awa esibhakabhakeni
* izifundo zokuyila izakhiwo
* inzululwazi ngenkcazo ngeentlanga kwakunye nobugcisa bokuhombisa
* amangcwaba nemihlaba yokungcwaba, equka amangcwaba ezinyanya nawasebukhosini, aweenkosi zemveli kwakunye namangcwaba amaxhoba eempixano
* iindawo ekwakwenzeke kuzo izehlo ezibaluleke kakhulu ezimbalini, imihlaba kwakunye neempawu zendalo ezibalulekileyo kwinkcubeko yethu;
* ilifa lemveli eliphilayo elayanyaniswa nelifa lemveli kwakunye nembali ebaliswayo, okanye izinto ezibalulekileyo kwinzululwazi
* iziza ezayanyaniswa nembali yamakhoboka oMzantsi Afrika
* ukuzika kweenqanawa.
Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, tyelela iwebsite ye-Arhente yoMzantsi Afrika Ejongene Nezibonelelo Zelifa Lemveli:www.sahra.org.za.


IMIYALELO:

Faka isicelo sephepha-mvume kwiBhunga Elijongene Nelifa Lemvelo leNtshona Kapa:

kwiNtloko
yeBhunga Elijongene Nelifa Lemvelo leNtshona Kapa
Private Bag X9067, eKapa, 8000
Inombolo Yomnxeba: 021 483 9695 / 9696 / 9682
Eyefeksi: 021 483 9842
hwc@pgwc.gov.za
Izicelo zokufumana amaphepha-mvume kufuneka zenziwe kwiphepha elisemthethweni elilungiselelwe oku: Isicelo sokudiliza, sokonakalisa, sokudiliza umphambili, sokuchitha, sokuguqula, sokususa isakhiwo eso kwindawo yaso yesiqhelo, ukwahlula-hlula okanye ukutshintsha isomo socwangciso lwesiza selifa lemveli lesizwe, eselifa lemveli lephondo, indawo esakhuselweyo okanye isakhiwo esineminyaka engaphezu kwamashumi amathandathu sikho..

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Inkcubeko Nobutyebi Bendalo (iSebe Lemicimbi Yenkcubeko Nemidlalo, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Funding for Projects Promoting Heritage Resource Conservation (IiNkonzo) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Application Form for Permit to Alter or Destroy a Provincial Heritage Site or Building Over 60 Years Old (IFomu) (File type: pdf; size: 174 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 30 uAgasti 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





