
Isicelo sepemethe yomsebenzi
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ipemethe yomsebenzi yincwadi egunyazisiweyo enikwa abantu bamazwe angaphandle ilungelo lokuqashwa kulo naliphina iziko laseMzantsi Afrika. Ipemethe yomsebenzi inikwa abantu bangaphandle kuphela.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-1738 kwiNdlu yoZakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiZiko lobuMeli kwilizwe ophuma kulo.
Izicelo zazo zonke iipemethe zomsebenzi mazifakwe kwi-ofisi ekufuphi yommeli wozakuzelwano waseMzantsi Afrika kwilizwe umenzi-sicelo aphuma kulo okanye kwi-ofisi yengingqi yeSebe apho umenzi-sicelo ayakuqashwa khona.
Hambisa ezi ncwadi zilandelayo:

ipaspoti esebenza okungenani iintsuku ezingama 30 emva kwexesha elijongwe ukuhlalwa apha kwiRiphabhlikhi
isatifiketi sokugonywa ukubangaba siyafuneka ngokomthetho
iingxelo zonyango neze-eksreyi. Yona ingxelo ye-eksreyi ayiyomfuneko kubantwana abangaphantsi kweminyaka eli 12 nakwabasetyhini abakhulelweyo
isatifiketi somtshato , ingxelo ebhaliweyo nefungelweyo  yomlingane njengoko kumiselwe, isatifiketi sokubhubha  okanye umyalelo woqhawulo mtshato 
izatifiketi zokuzalwa ezigcweleyo zabo bonke abantwana abayakuhamba nomenzi-sicelo
isatifiketi sokugabulwa esiphuma kumapolisa kuwo onke amazwe umenzi-sicelo nomlingane wakhe abake bahlala kuwo ukusukela kwiminyaka yobudala eli 18 kunye nezabo bonke abantwana abaxhomekeke kuye abaneminyaka yobudala eli 18 okanye nangaphezulu abayakubanaye ngelixa ekwiRiphabhlikhi
isatifiketi sokugonyelwa i-yellow fever ukubangaba uvela okanye uneenjongo zokugqitha kummandla one-yellow fever.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



Immigration Act, 2002 , as amended 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Akukho xesha lisisigxina.

Entla

Iindleko

R1 520

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



, BI-1738 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


