

Isicelo sokuseka iqonga lasemsebenzini



Inkcazelo

Amaqonga asemsebenzini asekelwa

Ukufezekisa iminqweno yabo bonke abaqeshwa emsebenzini, hayi nje kuphela eyamalungu ombutho wabasebenzi ;
Ukuphakamisa iinkqubo zobunono emsebenzini;
Ukubonisana nabaqeshwa kwimibandela ethile; kunye
Nokubandakanya abaqeshwa ekuthabatheni izigqibo ngokuhlanganelweyo kweminye imibandela ethile.



Iqonga lasemsebenzini lingasekwa kuyo nayiphi na indawo yokusebenza enabaqeshwa abangaphezulu kwe- 100. Eli nani alibabandakanyi abaqeshwa abakwizikhundla eziphezulu zobuphathi. Isicelo singenziwa kuphela xangaba akukho qonga lasemsebenzini esele likhona ngokomThetho woBudlelwane beZabasebenzi, wowe- 1995 .



Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe leZabasebenzi. 


Inkqubo emayilandelwe



Iyuniyoni kufuneka ifake ikopi eqinisekisiweyo yesivumelwano esihlanganelweyo, esibubungqina bokuvunywa kwale yuniyoni ngumqeshi.
Ummeli weyuniyoni okanye weeyuniyoni kufuneka azalise ifom ekuthiwa yi-LRA 5.1.
Ikopi yale fom mayinikwe omnye umbandakanyeki  kwaye ubungqina bokunikwa kwale kopi yefom mabubandakanywe ngokufaka ezi ncwadi zilandelayo:
Ikopi yesiliphu serejista esiphuma ePosini
Ikopi yerisiti esayiniweyo ukubangaba ikopi isiwe ngesandla.
Ingxelo esayiniweyo yalo mntu uhambise ikopi yefom, engqina ukusiwa kwefom
Ikopi yesiliphu esingqinayo sefeksi, okanye nabuphi na obunye ubungqina obanelisayo benkonzo
Thumela ifom ezalisiweyo kunye nobungqina benkonzo kuMphathi woBhaliso, kwi-Ofisi yePhondo yeKomishoni yoXolelwaniso, uLamlo, kunye noMiselo-sigqibo, ekuthiwa yi-Commission for Conciliation, Mediation and Arbitration .

Umthetho osetyenziswayo



Labour Relations Act, 1995  Section 80 



Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kungathabatha iintsuku ezingama 30 ukuze kusekwe eli qonga.

Iindleko 

Le nkonzo ayihlawulelwa.



Iifom ezizaliswayo

Representative trade union applies to establish a workplace forum.doc Form LRA5
Representative trade union applies to establish a trade union-based workplace forum.doc, Form LRA5.2 





Inkcukacha zonxulumano




