
IiNkonzo zooMasipala eziSisiseko zaMahala
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano


Inkcazelo

Iinkonzo zikamasipala ezisisiseko zamahala ziinkonzo ezinikwa amakhaya angamahlwempu ngurhulumente ngaphandle kwentlawulo. Ezi nkonzo zibandakanya amanzi, umbane, ugungxulo nococeko kunye nokususwa kobumdaka nenkunkuma. Ezi nkonzo zinikwa ngoomasipala kwaye zibandakanya umyinge osisiseko wombane, amanzi ugungxulo nococeko, ngokwanele iimfuno ezisisiseko zamakhaya angamahlwempu. Nangona kunjalo, imigaqo egqalisela ukunikwa okusisiseko kogungxulo nococeko kunye nokususwa kobumdaka nenkunkuma, isezakugqityezelwa ngamasebe amacandelo afanelekileyo ezaManzi naMahlathi ekuthiwa yi-Water Affairs and Forestry  kunye neeNkonzo zezokuSingqongileyo noKhenketho ekuthiwa yi-Environmental Affairs and Tourism .



Amanzi asisiseko anikwa mahala

Amanzi asisiseko anikwa mahala abandakanya okungenani umyinge oyi 6 kl  yamanzi ngenyanga kwikhaya ngalinye. Lo myinge ungahluka ngokoomasipala kwaye kufanele unxulumane nomasipala wakho ukuze uqonde nqo ukuba umasipala wakho unika umyinge ongakanani na wenkonzo yamanzi asisiseko wamahala. Kufuneka uwahlawulele amanzi owasebenzisileyo agqithisa kula anikwa mahala.

Umbane osisiseko wamahala

Umyinge wombane osisiseko wamahala yi 50kWh kwikhaya ngalinye ngenyanga kwinkqubo yamandla oqingqo lolinganiselo . Lo myinge wombane oyakwanela ekubeni unike umbane osisiseko wokulayita, ukufudumeza amanzi ngeketile, uku-ayina impahla kunye nokulayita i-TV encinci ye-black and white kunye nonomathotholo.

Abasebenzisi-nkonzo abaneemitha zombane esele zihlawulelwe bazakubona xa sowusetyenziswe waphela umbane wamahala kwaye kuyakufuneka bazithengele omnye umbane ngemali yabo. Abasebenzisi-nkonzo bona abaneemitha ezihlawulelwa ngokosetyenziso okanye zekhredithi abayikukwazi ukubona lula xa sele bezisebenzisile iiyunithi zabo zombane. Bayakuhlawuliselwa umbane osetyenzisiweyo owegqitha lo wamahala ekupheleni kwenyanga nganye.

Abasebenzisi-nkonzo abangakwaziyo ukufikelela kufakelelo lombane onamandla oqingqo lolinganiselo banganikwa umbane onamandla angenaqingqo lolinganiselo ngoomasipala babo. Kufanele unxulumane nomasipala wakho ukuze ufumanise uhlobo lweendlela ezizezinye zamandla ombane onikwayo.

Ukuze ufakelwe umbane namanzi ekhayeni okanye kwishishini lakho, nxulumana nomasipala wommandla onekhaya elitsha okanye oneshishini elitsha kuwo.

Kweminye imimandla, umnkinkishi welizwe, i-Eskom, unika umbane nqo.

Ugungxulo nococeko olusisiseko lwamahala

Urhulumente akakayifaki inkqubo yogungxulo nococeko lwamahala. ISebe lezaManzi liphuhlisa isicwangciso sokunikwa kogungxulo nococeko olusisiseko lwamahala. Xa sele sigqityiwe isicwangciso, oogunyaziwe abanika iinkonzo zogungxulo nococeko bazakusisebenzisa.

Ukususwa okusisiseko kwamahala kobumdaka nenkunkuma

Urhulumente akakayifaki inkqubo yamahala yokususwa kobumdaka nenkunkuma. ISebe lezokuSingqongileyo noKhenketho liphuhlisa isicwangciso sokunika iinkonzo ezisisiseko zamahala zokususwa kobumdaka nenkunkuma.

Ukuhlawulela iinkonzo zoomasipala

Zimbini iindlela zokuhlawula iinkonzo zomasipala:

Ii-akhawunti esele zihlawulelwe

Ii-akhawunti esele zihlawulelwe zithetha ukuba uthenga iiyunithi  ngemali yakho, kwaye ungasebenzisa kuphela ezo yunithi uzithengileyo. Wakube uzigqibile iiyunithi, kwaye ube usadinga ezinye, kuyakufuneka uphinde uthenge.

Ii-akhawunti ezikhutshwa ngokosetyenziso

Ii-akhawunti ezikhutshwa ngokosetyenziso zikuvumela ukuba usebenzise nokuba ungakananina umbane namanzi. Umasipala uyakukuthumelela ingxelo  ekubonisa umbane okanye amanzi owasebenzisileyo kunye nemali ekufuneka uyihlawule.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Nxulumana nee-ofisi zikamasipala ezikwindawo ohlala kuyo.
Phatha le miqulu ilandelayo:

ikopi eqinisekisiweyo yencwadi yakho yesazisi
ubungqina bokuhlala kwakho kwipropati yendawo yokuhlala okanye yeshishini.



Gcwalisa ifom yesicelo.
Hlawula imali ebekiweyo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

The Constitution of the Republic of South Africa, Section 152  . 
The Municipal Systems Act, , Section 73   
The Water Services Act, , Section 2  
A set of norms and standards  
Strategic Framework of Water Service  
Electricity Amendment Act,  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ukuqhubekiswa kwesicelo sakho kuqala ngalo mhla ufaka isicelo sakho senkxaso yobuhlwempu . Isicelo sakho siyakuvavanywa kwaye kuyakwenziwa isigqibo malunga nokuba uyavumeleka na ufumane iinkonzo ezisisiseko zamahala . Ngokuxhomekeke kwiinkqubo zomasipala, uyakubhaliswa njengomntu ovumeleke ekubeni afumane inkxaso yeeNkonzo eziSisiseko zaMahala ekuthiwa yi-Free Basic Services  kwaye unikwe ikhredithi okanye inkxaso eyimfuneko, ngokwendlela efanelekileyo.

Entla

Iindleko

Amanzi : iilitha zokuqala ezingama 6 000 kwikhaya ngalinye zinikwa mahala, iilitha ezigqithileyo zihlawuliswa ngokwezinga lentlawulo kamasipala.

Amanzi : 50kWh ngenyanga kwinkqubo esekelwe kuqingqo lolinganiselo.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Isicelo senkxaso yobuhlwempu  . Oomasipala abaninzi banayo ifom yesicelo. Buzisa kumasipala wakho ukuba senziwa njanina isicelo senkxaso yobuhlwempu.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano

0800 60 10 11


