﻿    

Igranti yamagqala emfazwe
    
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Igqala lemfazwe  ngumntu owathatha inxaxheba kwiMfazwe yeHlabathi yokuQala  okanye iMfazwe yeHlabathi yesiBini  okanye iMfazwe yaseKoriya  .

Abantu abazuza izibonelelo abangenakho ukuzigcina ngokwabo nabafuna ukugcinwa isigxina ngabanye abantu basengafaka izicelo zesibonelelo sokubanceda se-grant-in-aid ukongeza kwezi zibonelelo zabo zoluntu .

Isixa-mali sesibonelelo esiyigranti yamagqala emfazwe ukususela ku-Apreli 2008 yi-R960 ngenyanga.

Ukuze wenze isicelo sesi sibonelelo kufuneka:

ube ngummi waseMzantsi Afrika okanye umhlali osisigxina
ube ngumhlali waseMzantsi Afrika ngethuba lokwenza isicelo
ube neminyaka eyi-60 ubudala nangaphezulu, okanye ube ngumntu okhubazekileyo
ube ukhe waya kulwa kwiMfazwe yeHlabathi yokuQala okanye eyesiBini okanye eyaseKoriya  okanye okhe wathatha inxaxheba kwimfazwe eyaqala nge-6 Septemba 1939
uzithobele iimfuneko zovavanyo lokuqinisekisa ubungakanani bentswelo oluyi- means test.

Uvavanyo lokuqinisekisa ubungakanani bentswelo  lusetyenziselwa ukulinganisa  imeko yakho yezimali . Ukuze ufumane isibonelelo okanye igranti , inqanaba lakho lezemali malibe ngaphantsi kwesixa-mali esithile. Ngo-2008, uvavanyo lwe-means test ukulungiselela isibonelelo samagqala emfazwe kumntu ongatshatanga lwacacisa ukuba akanakho ukufumana isibonelelo ukuba ii-asethi zakho zingaphezu kwe-R451 200 ukuba akutshatanga. Ikhaya onalo ngoku alithathelwa ngqalelo xa ngaba uhlala kulo. Ingeniso yakho mayingabikho ngaphantsi kwe- R26 928 ngonyaka ukuba akutshatanga.

Ukuba utshatile, akunako ukufumana isibonelelo ukuba ii-asethi ezizezakho wena zidibene kunye nezomlingane wakho, zingaphezu kwe-R902 400. Indlu enokuba yeyomnye wenu ayithathelwa ngqalelo xa ngaba uhlala kuyo. Ingeniso kunye nengeniso yomlingane wakho  mayibe ngaphantsi kwe-R53 856 ngonyaka.

makangabi ngumntu ogcinwa kwiziko likaRhulumente 
makangabi ngofumana esinye isibonelelo soluntu kungabandakanywanga isibonelelo i-.

Isibonelelo sihlawulwa nangayiphi nangayiphi na indlela kwezi zilandelayo:

ngekheshi kwiPeyipoyinti  ethe ngqo ngosuku oluthe ngqo
ngokudipozitha ngokusebenzisa ikhompyutha  kwi-akhawunti yakho yebhanki 
akawunti eposini
kwiziko  .

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Zalisa ifom yesicelo kwi-ofisi yokukhuseleko loluntu ekufutshane nawe .

Ukuba umdala kakhulu okanye uyagula kakhulu ukuba ungahamba uye e-ofisini, cela umntu ukuba akwenzele isicelo sokuba undwendwelwe ekhaya, egameni lakho. Loo mntu kufuneka eze neleta evela kuwe okanye ingxelo kagqirha  echaza isizathu sokuba ungakwazi ukuya e-ofisini.
Zalisa ifom yesicelo yakho phambi kwegosa elivela kwiSebe.
Ngenisa ifom yakho yokwenza isicelo kunye nala maxwebhu alandelayo:

isazisi saseMzantsi Afrika esinebhakhowudi , ukuze ukuba unomlingane , ungenise nesakhe isazisi 
ubungqina benkonzo yakho emfazweni, obungaba sisatifikethi senkonzo yemfazwe okanye iimedali zemfazwe zakho 
ukuba ungaphantsi kweminyaka eyi-60, uvavanyo lonyango okanye ingxelo echaza ukuba akunakho ukusebenza.

Lamaphepha alandelayo ayafuneka ukuze ufake isicelo, xa incwadi yesazisi okanye isitifiketi singekho:

isitatimenti esifungelwengumfungisi, isitatimenti esifungelwe kumele siqinisekise ngamagama atshoyo ukuba umntu angathetha ubuxoki okanye athethe inkcukacha ekungezizo eziyinyani, lowo mmntu uyakutshutshiswa ngokwesekisheni 21 yomthetho wezontlalontle ka 2004

Isitetimenti esifungelwe ngummtu ohloniphekileyo wendawo owazi ummntu lowo ofaka isicelo kungaba lilungu lekhansela, inkosi, unontlalontle okanye umfundisi

ubungqina obutshoyo ukuba isitifiketi sokuzalwa okanye incwadisazisi ifakiwe kwisebe lezasekhaya

incwadi yesazisi yexeshana ekhutshwe lisebe lezasekhaya

isitifiketi sokubhaptizwa

ikhadi lekliniki

incwadi evela esikolweni.


Isaziso: Asikho isicelo esizosetyenzwa xa isitetimenti esifungelwe okanye iafudafiti ingekho.

Inkcazelo malunga nemeko yakho yomtshato:


ukuba akutshatanga, i-afidavithi  eyingxelo efungelweyo echaza ukuba akutshatanga
ukuba utshatile, isatifikethi sakho somtshato
ukuba uwuqhawule umtshato, umyalelo wakho wokuqhawula umtshato
ukuba umlingane wakho wasweleka, isatifikethi sokusweleka somlingane wakho.

Ingcaciso malunga nengeniso nee-asethi zakho:

ukuba uqeshiwe, isatifikethi somvuzo wakho
ukuba akuqeshwanga, incwadi yakho ebluwo ye-Unemployment Insurance Fund   okanye isatifikethi sokukhutshwa emsebenzini  esivela kumqeshi wakho wangaphambili
ukuba ufumana ipenshini yabucala, ubungqina bokufumna ipenshini yabucala
ukuba une-akhawunti yebhanki, izitatimenti zakho zebhanki zeenyanga ezintathu ezilandelelanayo
ukuba unee-akhawunti zotyalo-mali , ingcaciso emalunga nenzala nezahlulo ozifumanayo.

Fumana irisithi uyigcine njengobungqina bokuba wenze isicelo.
Uya kuchazelwa ngento ebhaliweyo ukuba ngaba isicelo sakho sibe yimpumelelo okanye akunjalo.
Ukuba isicelo sakho asivunywanga, i-ofisi yokhuseleko loluntu iya kukwazisa ngento ebhaliweyo ecacisa izizathu zokuba kungani na ukuba isicelo sakho singabanga yimpumelelo.
Ukuba akuvumelani nesigqibo eso, yenza isibheno ngento ebhaliweyo kuMphathiswa weSebe loPhuhliso lweNtlalo  kwi-ofisi kazwelonke okanye eyephondo yeSebe loPhuhliso loLuntu  ngento ebhaliweyo, ucacisa ukuba kungani na ukuba ungavumelani nesigqibo eso.
Yenza isibheno kwithuba leentsuku eziyi-90 zokufumana kwakho isaziso malunga nesiphumo sesicelo sakho. 

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Social Assistance Act, 2004  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ukusingatha isicelo sakho kungathatha iintsuku eziyi-21.
Ukuba isicelo sakho sivunyiwe, uya kuhlawulwa ukususela ngolo suku wawenze ngalo isicelo. 

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Z955: Application for a Social Grant, , siyafumaneka kwi-ofisi yoPhuhliso lweNtlalo ekufuphi South African Social Security Agency .

Entla

Iinkcukacha zonxulumano

0800 60 10 11

